IZIKHOKELO EMAZISETYENZISWE XA KUFAKWA IZICELO ZENKXASO-MALI KWISEBE LEENKONZO ZOLUNTU NOKUDANJISWA KOBUHLWEMPU
Ncedani niqinisekise ukuba nizifundile kwaye niyaziqonda ezi zikhokelo zingezantsi phambi kokuba niqalise ukuqulunqa isicwangciso seenkonzo.
IZINTO EZIBALULEKILEYO ZEENGUQU EZENZIWAYO / IMIMISELO YOKUPHONONONGA ISICWANGCISO SEENKONZO SENU
Kulo nyaka-mali, iSebe lethu liza kuqinisa kumaphulo alo okuguqula unikezelo lweenkonzo zoluntu. Undoqo wesicwangciso sethu seenguqu ngumba ongxamisekileyo wokukhawulelana neemfuno zabantu abangabona bahlelelekileyo eluntwini. Siza kuphonononga izicwangciso zeenkonzo zemibutho esiyinikeze inkxaso-mali kunye nemibutho emitsha ukuze sikhangele ukuba ihambelana kangakanani na nombono wethu weenguqu.
Ingaba inkonzo/iinkonzo kuza kubonelelwa ngazo kwindawo/kwiindawo ezizesona zidinga uncedo?
Ngobani abantu ekujoliswe kubo? Ingaba abantu abahluphekileyo, abo basengozini kunye nabo baneemfuno ezikhethekileyo babandakanyiwe kweli qela kujoliswe kulo?
Ingaba inkonzo ekunikezelwa ngayo iyaphuhlisa na? Ingaba iyaluqwalasela na uqeqesho lwabantu kunye okanye ukuxhotyiswa kwabantu beqela ekujoliswe kulo?
Ingaba inkqubo iza kuba negalelo ekuxhotyisweni kweqela ekujoliswe kulo ngendlela eza kuqinisekisa ukuba izizukulwana ezizayo ziza kuncedakala nazo?
Ingaba inkonzo okanye iprojekthi iza kubonakalisa izithethe zoluntu oluthile?
Ingaba lwenziwe unxibelelwano - kunye namaqela abandakanyekayo kwakunye ne-ofisi yesithili yeSebe lengingqi - ukuqwalasela iimfuno zoluntu ngendlela evelela zonke iinkalo nephulo ekubanjisenweyo ngalo?
Ingaba inkqubo yenu iyalubandakanya na uthintelo nokungenelela kwangethuba?
Ingaba inkonzo yenu iyahambelana na neenjongo eziphambili zikwazwelonke, ezePhondo kunye nezo zeSebe?Kuxoxeni oku kunye ne-ofisi yenu yesithili.
INKQUBO ELANDELWA LISEBE LEENKONZO ZOLUNTU NOKUDANJISWA KOBUHLWEMPU
Apha ngezantsi kukho umzobo wenkqubo yokubhalisa umbutho nokufaka isicelo senkxaso-mali kwiSebe:
ISICWANGCISO SOMGAQO-NKQUBO OPHUHLISAYO WENTLALONTLE
YOLUNTU OSAYILWAYO
Masifundisiswe esi Sicwangciso soMgaqo-nkqubo oPhuhlisayo weNtlalontle yoLuntu osaYilwayo. Nisenako ukufumanisa iingxaki xa nigcwalisa isicwangciso seenkonzo esifanelekileyo sokuhlolwa kweSebe ukuba ngaba anisifundanga nasiqonda iSicwangciso soMgaqo-nkqubo osaYiwayo. Olu xwebhu luyafumaneka kwi-ofisi yenu yasengingqini (bhekisani kuluhlu oluqhotyoshelweyo lweedilesi zee-ofisi zezithili: kwiphepha lama-27). Ninako nokuba ningacela ikopi yoxwebhu lukazwelonke loMgaqo-nkqubo wamaBhaso ezeMali.
UKUGCWALISWA KWESICWANGCISO SEENKONZO
Landelani imiyalelo ekwiSicwangciso seeNkonzo. Zonke iinkcukacha ezibuziweyo zibalulekile kwaye kumele ukuba zinikezwe. Ukuba ngaba kukho imfuneko yokunikeza ezinye iinkcukacha, zinganikezwa ezi nkcukacha ngokuthi ziqhotyoshelwe njengezihlomelo kwisicwangciso seenkonzo, kuchazwe ngokucacileyo ukuba zibhekisa kowuphi na umhlathi.
OKUBALULEKILEYO: Ncedani niqinisekise ukuba niyasigcwalisa iSicwangciso seeNkonzo kunye namaphepha afanelekileyo ongezelelweyo ekubhalwe kuwo iinkcukacha ezongezelelweyo, nenze iikopi zaloo maphepha abhekisa kumbutho wethu KUPHELA:
Umbutho ofaka isicelo okokuqala kuza kufuneka ukuba ugcwalise iSicwangciso seeNkonzo (amaphepha 1 - 21), KUNYE namaphepha 23, 24, nelama-27
Yonke imibutho efuna ukufaka izicelo zenkxaso-mali ngokutsha kuza kufuneka ukuba igcwalise iSicwangciso seeNkonzo (amaphepha 1 - 21), KUNYE namaphepha 23, 26, nelama-27
Yonke imibutho efaka izicelo zokwenza iinguqu kwiinkonzo ebonelela ngazo ngoku, kuza kufuneka ukuba igcwalise iSicwangciso seeNkonzo (amaphepha 1 - 21), KUNYE namaphepha 23, 25, 26, nelama-27
Ncedani niqhagamshelane ne-ofisi yenu yesithili ukuze nicaciselwe ukuba ngaba nifumanisa iingxaki kuyo nayiphi ina into kwezi zikhankanyiweyo ngasentla.
Ii-ofisi zezithili zeSebe zihlola iimfuno nokusilela kwazo, zikhangele nokuba yeyiphi imimandla eyiyeyona idinga iinkonzo kakhulu, kwimimandla elisebenza kuyo iSebe. Kubalulekile ke ngoko ukuba nibonisane ne-ofisi yesithili yenu ukuze niqinisekise ukuba iinkonzo enibonelela ngazo ziyahambelana neemfuno zemimandla ye-ofisi yesithili.
INDAWO EKUNGENISWA KUYO
Izicwangciso zeenkonzo zinako ukuthunyelwa ngeposi okanye zingeniswe ngesandla kwi-OFISI YESITHILI yeSebe leeNkonzo zoLuntu nokuDanjiswa kweNtlupheko, ekummandla we-ofisi yenu/weziko lenu. Uluhlu lwee-Ofisi zeZithili luqhotyoshelwe. Ncedani nibhale ngokucacileyo kwimvulophu ukuba SISICWANGCISO SEENKONZO senu esi singaphakathi. IZicwangciso zeeNkonzo AKUMELANGA ukuba zingeniswe okanye ziposelwe kwi-Ofisi kaNdlunkulu eKapa.
IIKOPI ZESICWANGCISO SEENKONZO
Luqobo lwesicwangciso seenkonzo kuphela ekufuneka ukuba luthunyelwe kwi-ofisi yesithili. Ncedani nigcine ikopi yesicwangciso seenkonzo senu ukuze iSebe likwazi ukusihlola nokusibeka esweni, nokuze nani nibe nayo kwiirekhodi zenu, nizokukwazi ukusiphumeza.
Sikhetha ukuba niwadibanise amaphepha (staple) ezicwangciso zeenkonzo. Oku kwenziwa kuba i-ofisi yeSithili kufuneka ukuba yenze iikopi zazo zonke izicwangciso zeenkonzo kulungiselelwa uphicotho kundlunkulu kwaye ezinye iindlela zokuwadibanisa la maxwebhu zenza ukuba kube nzima kuthathe nexesha elide ukuwakopa la maxwebhu.
UMHLA WOKUNGENISWA
Umhla wokungeniswa kwamaxwebhu uza kuchazwa rhoqo ngonyaka kwii-ofisi zezithili, nakuyo yonke imibutho eyaziwayo liSebe, noluntu ngokubanzi luzifumane ezi nkcukacha kumajelo eendaba.
APHO UMBUTHO ULAWULA IINTLOBO EZAHLUKILEYO ZEEPROJEKTHI
Umbutho olawula iintlobo ezahlukileyo zeenkonzo, umz. iziko leenkonzo kunye nekhaya labantu abadala, okanye iinkonzo zokukhathalela abantwana neentsapho emini, UMELE ukuba kwixa elizayo ufake isicwangciso seenkonzo ngenkonzo nganye obonelela ngayo kwezi nkonzo zawo. ISebe, ngaphambili beluwuvumela umbutho ukuba ungenise isicwangciso esinye sazo zonke iinkonzo obonelela ngazo ukuba ngaba iinkonzo ezahlukileyo bezilawulwa ngohlahlo lwabiwo-mali olunye. Njengoko iSebe litshintshela kwenye indlela yezimali esebenzisa ii-cost centre ngoku, le ndlela yakudala yenza ukuba kube nzima ukuzihlola iinkqubo. Abasebenzi be-ofisi yesithili kufuneka ukuba baphonononge zonke iinkonzo ezikwiindawo abasebenza kuzo bahlole ukuba ngaba uhlahlo lwabiwo-mali lungaba luyahambelana na nezicwangciso ezenziweyo. Ngenxa yoko, uhlahlo lwabiwo-mali oludityanisiweyo lwenza ukuba kube nzima ukukwenza oku.
UKUGCWALISWA KWESICWANGCISO SEENKONZO
IPHEPHA ELINGAPHANDLE: I-Ofisi yeSithili - chazani ukuba ngaba umbutho wenu ufumaneka phi na nokuba zeziphi na iinkonzo eniza kubonelela ngazo. Ukuba ngaba nibonelela ngeenkonzo kwimimandla yezithili ezininzi, chazani ukuba ziphi na ezo ofisi zezithili zahlukileyo (umz., eKapa, e-Athlone naseWynberg).
ICANDELO LOKUQALA: IINKCUKACHA ZOKWAZISA (iphepha lesi-2)
Umbuzo woku-1
Ncedani unibhale igama nedilesi ngoonobumba abakhulu
Sidinga idilesi yesitalato echanekileyo - ukutsho oko, indawo echanekileyo omi kuyo umbutho wenu okanye iziko lenu - ukuze sikwazi ukuhlaziya iinkcukacha esinazo zoovimba beenkcukacha beSebe kwakunye nabo beZemali. Kuyenzeka rhoqo ukuba imbalelwano ebithunyelwe kwimibutho ibuyiselwe kwi-ofisi kandlunkulu ngenxa yokutshintshwa kweedilesi zeposi zemibutho, libe lingachazelwanga iSebe ngokutshintshwa kwazo. Ukuba ngaba ayithunyelwa ngeedilesi zezitalato kwindawo enikuyo iposi, okanye nifumanisa iingxaki ngokuthunyelwa kweposi kwiidilesi zezitalato, ncedani nisebenzise enye idilesi, kodwa ibe yidilesi ethembekileyo.
Kudla ngokubakho imfuneko yokuba kuqhagamshelwane nombutho ukuze kucaciswe imiba ethile kwisicwangciso seenkonzo, ngenxa yoku kuye kudingeke igama lomsebenzi/lomanejala wolawulo.
ICANDELO LESIBINI: UBUME BOMBUTHO
ISebe lizimisele ekuqhubeni iinguqu kwiinkonzo zoluntu nasekuphumezeni imimiselo ye-Batho Pele. Amaqela eCandelo loMlawuli woHlolo noPhononongo ahlola yonke imibutho ngokobume bayo, iibhodi zolawulo zayo, ulawulo lwezemali kunye nobonelelo lweenkonzo. Imibuzo ekula macandelo ezicwangciso zeenkonzo ibonakalisa izinto ezihlolwayo xa kuqhutywa le nkqubo. Sifuna ukuba imibutho iyithathele ingqalelo le mibuzo kwaye izikise kwiimpendulo zayo, kwaye imibutho engahlolwanga ngamaqela e-M & E, iqalise ukucamngca ngezi nguqu njengenxalenye yenkqubo yeenguqu eququzelelwa leli Sebe.
A. UKUBHALISWA NGOKWEMITHETHO EWISIWEYO KUNYE/OKANYE NOMGAQO-NKQUBO WESEBE
Kweli candelo, sinigqalisa kwiimfuneko zomthetho: amaxwebhu abalulekileyo xa kuphunyezwa isicelo senu senkxaso-mali. Ncedani niqinisekise ukuba iikopi zamaxwebhu afunekayo ziqhotyoshelwe kwisicwangciso seenkonzo ukuze kuthintelwe ukulibaziseka xa kuqwalaselwa isicwangciso senu seenkonzo.
B. UBUME BOLAWULO
Ubulungu besigqeba solawulo kumele ukuba buvuleleke kuzo zonke iintlanga nezini. Kubalulekile kakhulu ukuqeqeshwa nokuxhotyiswa kwamalungu kwaye kumele ukuba kuhoywe. ISebe lifuna ukucebisa imibutho ukuba ngokwemimiselo yeenkqubo zezimali, kucetyiswa ukuba amalungu osapho olunye makangabikho kwizikhundla zekomiti yolawulo enye/ibhodi enye; oku kubhekisa nasekugunyazisweni kokufikelela kwiinkqubo zebhanki zekhompyutha, okanye ukutyikitywa kweetsheki.
C. ULAWULO LWEZABASEBENZI
Umbuzo 7.2: ISebe lifuna ukwazi inani labasebenzi abangamagcisa abaqeshwe kwicandelo lezentlalontle yoluntu ukuze kuqinisekiswe ukuba iinkonzo zisasazwa ngokulinganayo, nokuba abasebenzi benkxaso bayakuhlola ukulingana engqeshweni ngokwithetho yabaSebenzi ewisiweyo.
D. IINKQUBO ZOLAWULO NEZEMALI
Ukuba ngaba ninenkqubo yogcino-zincwadi eqhutywa ngokwemimiselo nemigangatho eyamkelekileyo yoLawulo lweziMali, kuza kufuneka ukuba nigcwalise iphepha 8, umhlathi 18.1.
Kodwa ukuba ngaba nidinga uncedo, ukukhokelwa noqeqesho ukumisela le nkqubo ukuze nithobele umthetho, kumele ukuba nigcwalise iphepha 9, umhlathi 18.2.
Umbuzo 19. Ukubhengezwa kwenxaxheba ethatyathwayo neenkqubo: Le fomu kumele ukuba igcwaliswe ngabo bonke abantu ababandakanyekayo eku-odolweni, ekuthengweni, ekwamkeleni okanye ekutyikityeleni istokhwe/iimpahla/izixhobo/ukutya, njalo njalo. Kumele ukuba ityikitywe nangabo bantu batyikitya iitsheki zombutho okanye banegunya lokungena kwi-intanethi baqhube iinkqubo zokubhankisha ngekhompyutha. (Umhlathi 9, icandelo 2.B nawo uyabhekisa apha)
Nawuphi na umntu oqeshiweyo okanye obandakanyekayo kwimicimbi yombutho ongenzi nzuzo, kumele ukuba achaze ukuba ngaba kungakho ukungqubana kwinxaxheba ethatyathwayo xa kufuneka kuphunyezwe inkcitho, kusetyenziswa imali encinane egcinwayo, kuthengwa okanye kufunyanwa izixhobo, kusamkelwa okanye kuthengwa izinto ezifana nokutya okanye ezinye izinto/impahla
Oku kusenokwenzeka kuba umntu usenokuba uneshishini anokuthi ngethenda okanye ngenkqubo yoqingqo-maxabiso abonelele umbutho okanye kubekho nto imnxulumanisa nomboneleli, kufuneke ke ngoko ukuba azikhwebule xa kuxoxwa okanye xa kunikezelwa ngale thenda okanye kunikezwa amanani oqingqo-maxabiso.
ICANDELO LESITHATHU: UCWANGCISO
ISicwangciso soMgaqo-nkqubo oPhuhlisayo weNtlalontle yoLuntu osaYilwayo (uyilo lwesi-2) siyazichaza "iiProwudakhthi" kunye "neMiba eQwalaselwayo" kwaye niza kuzikhetha ezi zinto ngokwezicwangciso zenu. IiProwudakthi kunye neMiba eQwalaselwayo zibonakalisa ucwangciso olubanzi. Kufuneka ke ngoko ukuba niyibalule iMisebenzi ukuze nikwazi ukuphumeza ucwangciso lwenu kakuhle nangokuchanekileyo ukuze yonke imisebenzi zenu ibe nako ukuba ingalinganiswa, ibe inokubekwa esweni nokuba ibe ingahlolwa ekupheleni konyaka-mali.
ISICWANGCISO SOKUPHUMEZA
ISebe lifuna ukukhuthaza imibutho ukuba icinge ngesicwangciso seenkonzo njengesiphumo senkqubo yokwenziwa kwezicwangciso-qhinga zokubonelela ngeenkonzo ngenkqubo emanyanisiweyo.
Umbuzo 32 nowama-33: Kufuneka kuhlolwe indawo apho iinkonzo ziza kunikezelwa khona. Oku kungenziwa ngenkqubo esesikweni yokuhlolwa kweemfuno okanye ngeengxoxo kunye namanye amaqela abandakanyekayo, oogunyaziwe bengingqi, iinkokeli zoluntu okanye imibutho yoluntu. Kumbuzo 32 kufuneka nilazi inani labantu abaseluntwini, abaneengxaki ezithile, umz., amanani abantu abachatshazelwa bubudlova basemakhaya, abantwana abangaphantsi kweminyaka emithandathu, ukusetyenziswa kakhulu kweziyobisi, njalo njalo. Kwabo bantu baninzi niza kukwazi ukubonelela ngeenkonzo kangangepesenti ethile kuphela ngonyaka kwaye kufuneka ukuba eli nani labantu lohlulahlulwe ngokwendawo nganye kummandla ongowona mncinane unokufumaneka.
Umbuzo 34: Sebenzisani umzobo ukucalu-calula imisebenzi njengoko kuchaziwe: uhlobo nenani labantu abaza kubandakanyeka kuloo msebenzi kunye nohlobo lwabasebenzi okanye amavoluntiya aza kuphumeza loo msebenzi okanye ancedise kuloo msebenzi wenziwayo. Ukuba ngaba loo msebenzi wenziwayo luhlobo lomsebenzi owenziwa amaxesha amaninzi ngonyaka, umz., umsebenzi owenziwa liqela labantu, okanye ikhosi yophuliso lwezakhono, chazani ngokucacileyo ukuba lo msebenzi uza kuphindwa kangaphi na ngonyaka. Kwindawo ebuza "ngesiphumo" yithani gqaba gqaba ukuba nijonge ukuphumeza ntoni na ngalo msebenzi (iza kuba yintoni na ifuthe lawo/isiphumo/impembelelo yawo).
UHLAHLO LWABIWO-MALI: Ncedani niqaphele ukuba iNkcitho okanye iNgeniso ebuziweyo kwikholam yokuqala kumele ukuba ibe yeyonyaka-mali wonke, kulemeko unyaka-mali ususela kumhla woku-1 ku-Epreli 2004 ukuya kutsho kowama-31 kuMatshi 2005. Kufuneka kucaciswe kakuhle ukuba ucwangciso lwemisebenzi lunxulumana njani na nohlahlo lwabiwo-mali. Balani iindleko zemisebenzi kunye nezinye iindleko zolawulo nize nizibhale kuhlahlo lwabiwo-mali, ingakumbi ezo ndleko zenkcitho yeenkqubo zibhalwe kuMba wesi-5 wohlahlo lwabiwo-mali. 'Iziphungo' zibhekisa ekutyeni (amaqebengwana), kwiti/ikofu ephungiswe abantu xa kukho iintlanganiso, kwiinkampu, kwiindibano zolutsha okanye kwimisebenzi yolutsha apho iqela ekujoliswe kulo libandakanyekayo khona.
Abasebenzi kumele ukuba babandakanywe xa kuqingqwa amaxabiso emisebenzi okanye iinkonzo.
INGXELO YENGENISO KUNYE NENKCITHO EQIKELELWAYO (yemibutho emitsha kuphela)
Umbuzo 27.6: Ncedani nifake ikopi yeengxelo zenu zezimali eziphicothiweyo ukuba ngaba ziyafumaneka. Ukuba ngaba azifumaneki, qhoboshelani ingxelo yengeniso neyenkcitho eqikelelwayo ebonakalisa izibonelelo eziza kudingwa ngumbutho ukuze ube neenkonzo ezizinzileyo.
UTYIKITYO KWIPHEPHA LOKUGQIBELA
Kubalulekile ukuba abantu abane abachaziweyo kwiphepha lokugqibela (emva kohlahlo lwabiwo-mali) - uSihlalo, uMlawuli/uManejala/uNondyebo kunye noNobhala- mabasityikitye isicwangciso seenkonzo. Ukuba ngaba omane la magosa akasityikityanga isicwangciso seenkonzo, i-ofisi yesithili kufuneka isibuyisele kuni isicwangciso seenkonzo senu - isiphumo soko ke ibe kukuba kuza kulibaziseka ukuhlolwa kwaso.
