Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukuze uvumeleke, kufuneka ube ungumntu owayekade edlelwa indlala ubeneminyaka yobudala eli 18 okanye ngaphezulu ube ujonge ukusebenzisa umhlaba ngeenjongo zezolimo kuphela ube ujonge ukubangumfama ngokupheleleyo ube awunasikhundla osibambileyo kumacandelo karhulumente uzimisele ukuthabatha inxaxheba kwinkqubo yoqeqesho emva kokuba ufumene umhlaba ubekwimeko yokuba ungenza igalelo ubeliqumrhu elakhiwe ngokwamacandelo ukubangaba nenza isicelo ningumbutho, kwaye ubene-akhawunti yebhanki.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Chaza umhlaba ofuna ukuwuthenga. Kungenjalo, mhlawumbi sele unawo umhlaba, ofana nomhlala onabanikazi abawudibaneleyo.
Nxulumana neSebe lezeMihlaba okanye igosa lendawo ohlala kuyo lesihlomelo sezolimo ukuze wenze isicelo segranti.
Hambisa le miqulu ilandelayo nesicelo sakho:
umpoposho wokusebenzisa umhlaba okanye isicwangciso sokufama indlela yokukhetha ukuthengisa ngexabiso ekuvunyelwene ngalo ukubangaba ungenela isivumelwano sengqeshiso esinendlela yokukhetha ukuthenga uluhlu lwamalungu ekhaya okanye amalungu ombutho, ukubangaba umpoposho ngowombutho ubungqina bokuba itayitile kulo mhlaba icacile, ayinazibango zomhlaba, ibhaliswe ngegama lomthengisi kwaye ixabiso ekuthetha-thethwane ngalo alikho ngaphezulu kwexabiso eliphakanyiswe yimarike ubungqina bokuba le mali iseleyo ikhona ingxelo yokuphonononga ixabiso
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Entla
Entla
