Ukubhaliswa kokuzalwa
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
UMthetho wokuLungisa wokuBhaliswa kokuZalwa nokuBhubha , umisela ukuba ukuzalwa komntwana ozelwe ephilile kufuneka kuxelwe kwisithuba seentsuku ezingama 30 emva kokuzalwa komntwana.
Isaziso sokuzalwa kufuneka sifakwe ngomnye wabazali okanye ngumntu ongumlondolozi ngokwasemthethweni, kwaye ukubangaba abazali okanye umntu ongumlondolozi ngokwasemthethweni abakwazi ukwenza njalo, umntu ocelwe ngomnye wabazali okanye ngumntu ongumlondolozi ngokwasemthethweni, angasifaka isaziso.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa ifom yeSaziso sokuZalwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya.
Umntu ocelwe ukuba afake isaziso kufuneka abenomyalelo obhaliweyo wokwenza njalo, ekufuneka ubandakanye izizathu zokuba kutheni abazali bengenako ukufaka isaziso ngokwabo.
Ukubangaba umntwana uzalelwe ngaphandle koMzantsi Afrika, kwaye omnye wabazali ungummi waseMzantsi Afrika ngexesha lokuzalwa komntwana, oku kuzalwa kungaziswa kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika, kwiZiko loNxulumano noMzantsi Afrika, okanye kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya eMzantsi Afrika.
Kwisaziso esenziwe emva kweentsuku ezingama 30 zokuzalwa, kodwa phambi konyaka emva kokuzalwa, abazali okanye umntu ongumlondolozi ngokwasemthethweni, mabanike izizathu zokuba kutheni ukuzalwa kungabhaliswanga kwisithuba seentsuku ezingama 30 njengoko kuyimfuneko ngokoMthetho.
Ukubangaba abazali abatshatanga kwaye banqwenela ukubhalisa umntwana ngefani kayise, uyise womntwana makavume ukubanguyise walo mntwana kwisithuba esilungiselelwe oko kwifom yeSaziso sokuZalwa. Utata womntwana makabekhona xa kubhaliswa ukuzalwa.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
