UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ukuba ubukhe waphangela ngaphambili, ungaya kulanda isibonelelo sentswela-ngqesho sakho kwi-UIF ukuba wawuqeshwe ixesha elingaphezu kweentsuku ezilishumi elinesine. Ukuba awuzange waphangela ngaphambili, awukwazi tu ukufaka ibango kule ngxowa-mali.
Wonke ubani osebenza ixesha elingaphezu kweeyure ezingamashumi amabini anesine ngenyanga umelwe kukubhalisa kwi-UIF ze enze negalelo le 1% lomvuzo wakhe (lidibene namagalelo aphuma kumqeshi wakhe) esiya kwi-UIF. Ukuba ubusoloko ufaka igalelo kule ngxowa-mali, ungafaka isicelo samabango ukuba uthi uphelelwe ngumsebenzi (ukuba uthe wagxothwa okanye wadendwa, kodwa hayi xa uziyekele). Kufuneka ufake ibango lezibonelelo zakho zeUIF kwiinyanga nje ezintandathu ungasasebenzi.
Ukuba ungafaka ibango lesixa-mali esingakanani nexesha elingakanani kuxhomekeke ekubeni usebenze ixesha elingakanani futhi urhola kangakanani na. Ungafumana isibonelelo sosuku olunye ngeentsuku ezintandathu ozisebenzileyo, ukuya kuma kwiintsuku ezingama-238 (ozifumanayo xa usebenze iminyaka emine). Awunakho ukufaka ibango laso nasiphi na isibonelelo nangaliphi na ixesha olisebenze ngexesha ubuzifumanela inkam-nkam ephuma kwiSebe leeNkonzo Zoluntu.
Ukuba uburhola ngaphezu kwama-R8099 ngenyanga ngexesha ubusaphangela, uya kufumana isixa esiqingqiweyo esili-R101,18 ngosuku. Ukuba ubufumana ngaphantsi kwama-R8099, isixa sesibonelelo siya kuba phakathi kwama-38% nama-60% zomvuzo owawuwufumana: ubuncinci bomvuzo owawuwufumana ngoko buthetha ukunyuka kweepesenti zesixa oya kusifumana kule ngxowa-mali. Umzekelo, ukuba uburhola iR1000 ngenyanga, uya kufumana iR17,38 ngosuku.
I-UIF ingafakelwa ibango liqabane okanye abantwana/abantu abebexhomekeke kumsebenzi othe wasutywa kukufa. Usenokusifumana isibonelelo seUIF ukuba awukwazi kusebenza ngenxa yempilo enkene-nkene (ukuya kuma kwiinyanga ezintandathu kodwa unike ingqalelo naluphi na usuku ongaluphangelanga ngenxa yokugula). Ungasifumana nesibonelelo somntu okhulelweyo xa unomntwana, okanye isibonelelo sokwamkela umntwana njengowakho ukuba uthi unikwe umntwana njengowakho ukuba umntwana lowo ungaphantsi kweminyaka emibini ubudala futhi kufuneka uthabathe ixesha ungaphangeli ujongene nomntwana lo. Ngumzali omnye kuphela onokufumana izibonelelo. Kufuneka ufake isicelo sesibonelelo sokukhulelwa ubuncinci iiveki ezisibhozo phambi kokuzalwa komntwana. Kufuneka ufake isicelo sesibonelelo sokwamkelwa komntwana njengomntwana omtsha weli khaya kwiinyanga nje ezintandathu emva komyalelo wokudluliselwa komntwana kuwe.
Ungasifaka isicelo sezibonelelo zeUIF kulo naliphi na IZiko Lezabasebenzi
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente
Iinkxaso-mali, Izibonelelo Nembuyekezo: Isishwankathelo
Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
Iinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu
Inkxaso-mali Nezibonelelo Kumashishini Asakhasayo
Iinkxaso-mali Neemali-mboleko Zokufunda
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
