Isicelo selayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Akukho nqanawa yelinye ilizwe iya kukhutshelwa ilayisenisi yaseMzantsi Afrika yokuloba ngaphandle kokuba iloba ihlangene nomnye uMnikazi waseMzantsi Afrika onelayisenisi yokuloba . Ngaphambi kokuqalisa imisebenzi yokuloba , makuqhagamshelwane neSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho , ukuqinisekisa ukuba ngaba ukunikwa imvume yokuloba kwenqanawa yokuloba kuya kuvumeleka kwelo candelo lithe ngqo lokuloba kwaye ngawaphi na amaxwebhu ayimfuneko ukulungiselela ukuvunywa kwesicelo esilolu hlobo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Xa ngaba ngokomqathango kunikwa inkxaso ukusetyenziswa kwenqanawa yelinye ilizwe, umenzi-sicelo kufuneka ukuba afumane ifom yokwenza isicelo selayisenisi yokuloba yenqanawa yelizwe langaphandle kwi-ofisi ekufutshane yeSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho .
Zalisa ifom yokwenza isicelo uze uyingenise kwi-ofisi ekufutshane kunye nawe yakwa -DEAT kunye nale ngcaciso ilandelayo:
igama lenqanawa yokuloba igama neenkcukacha zenqanawa zomnikazi wenqanawa ukuba yinqanawa ekudityenwe ngayo kunye ngabemi belizwe langaphandle kunye nabemi boMzantsi Afrika umlinganiselo wamandla e-injini yenqanawa ubude nomthamo wenqanawa inombolo yokubhalisa yenqanawa ilizwe elinegunya lolawulo inqanawa ebhaliswe phantsi kwalo njengangoku ukuba .
Kwisicelo sakho, bonisa icandelo lokuloba apho inqanawa iya kusebenza khona kwakunya nexesha lokusebenza kwayo .
Ukuba inqanawa ayiyonqanawa ityunjiweyo ngokumalunga nenkqubo yokwabelwa amalungelo ngoko ke umenzi-sicelo kufuneka azalise ifom yokutshintshwa kwenqanawa Ukuze inqanawa ibenegunya lokuloba umenzi-sicelo kungafuneka azalise ifom yepemithi yokuloba ngokwecandelo inqanawa eza kuloba kulo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
R21 200-ngokumalunga nelayisensi yenqanawa yelizwe langaphandle
Izicelo zokutshintshwa kwenqanawa njengangoku azihlawulelwa
Entla
Entla
