Isicelo sepemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle
Inkcazelo
Ipemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle iyafuneka ukuze kuqinisekiswe ukuba umntu okanye umbutho oneenjongo zokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle uhambisana nemiyalelo yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle kwaye uyahambisana nemimiselo yezivumelwano zamazwe ehlabathi. Iipemethe zokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle zikwanceda ekulawuleni ukuphuma kwempahla nezinto ezinobaluleko oluthile okanye ukuphuma kwempahla nezinto ezirhubuluziswa ngomgunyathi okanye ezibiweyo.
Umgaqo osebenziseka ekungeniseni impahla nezinto kweli lizwe, nasekuthumeleni impahla nezinto kumazwe angaphandle, wahluka ngokwamacandelo eli shishini. Kwakhona, uninzi lwempahla nezinto ezintsha zinomnyenyevu wokungabandakanywa kumanyathelo okulawula ukungena kwempahla nezinto kweli lizwe. Ngoko ke, ukubangaba udinga inkcazelo yomgaqo malunga nokungeniswa nokukhutshwa kwempahla nezinto ezichaziweyo, nceda unike i-ofisi yoLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle , ekwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Ayizizo zonke impahla nezinto okanye iimveliso eziphantsi kwamanyathelo olawulo lokungena nokuthunyelwa ngaphandle okanye lokuthunyelwa ngaphandle. Nangona kunjalo, zonke impahla nezinto esele zisetyenzisiwe, impahla nezinto ezingamasekendi, izinto ezichithwayo nezilahlwayo, ziphantsi kwamanyathelo olawulo lokungena kweli lizwe. Luyafumaneka uluhlu lwamagama empahla nezinto eziphantsi kwamanyathelo olawulo lwempahla nezinto ezingena kweli lizwe kunye nezithunyelwa kumazwe angaphandle. Ukubangaba unika iinkcukacha zonxulumano, olu luhlu ungaluthunyelwa ngeposi, ngefeksi okanye nge e-mail.
Inkqubo emayilandelwe
Nxulumana neZiko loLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle, leSebe lezoRhwebo naMashishini.
Thumela iifom kwiCandelo loBuqondisi boLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle .
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezintathu ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho sepemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle.
Indleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
