Iinjongo zale nkqubo ye-IRT kukunyusa inani labantu abasebenzisa izithuthi zikawonkewonke, nokuphucula izinga lonikezelo zinkonzo kubakhweli. Ngalo ndlela kuya kuvela amathuba amaninzi emisebenzi ozokuba zizigxina kule nkqubo intsha, xa kuthelekiswa neli xesha sikulo. Imisebenzi yabaqhubi, nonogada, abazakugcina izakhiwo zikwimeko elungileyo, imisebenzi ye-ofisi, nokucoca, nokugcina izitiya kumaziko.
Unikezelo lwemisebenzi engcono ukuze sibe nekamva eliqaqambileyo
Ingcaciso ezibhekiswa kubaqhubi nabanye abasebenzi bekhumbi eziziteksi
Le nkqubo yothutho oludibeneyo ekhawulezayo (IRT) yinxalenye yenkqubo ezininzi zotshintsho/ zenguqu oluzayo kwezothutho kwiKapa ngokubanzi nakweminye imimandla yeli lizwe. ISixeko saseKapa siqhuba uthetha-thethwano nabaphathi beekhumbi eziziteksi kunye nabanini beebhasi ezihamba ngamathuba amiselweyo, malunga nendlela yokuyila inkqubo eyakuqinisekisa okokuba ukuxhalaba kwabo kuyahlangatyezwa ngendlela eyiyo.
Izithuthi ziya kuba zezalamaxesha , izithuthi ezitsha ezibude buyi-18 yeemitha, 12 yeemitha kwakunye ne-8 yeemitha. Abaqhubi abakhoyo ngoku baya kuqeqeshwa khonukuze bakwazi ukuqhuba ezi zithuthi.
Abaqhubi beeteksi badlala indima ebalulekileyo kushishino lweekhumbi eziziteksi, ngeli lixa besebenza iiyuri ezinde. Inkqubo entsha ehlanganisiweyo yothutho olukhawulezayo (IRT), eza kumiselwa apha eKapa, iza kuba nezinto ezininzi ezilulutho kubaqhubi nabanye abasebenzi. Abaphathi bale nkqubo intsha ye-IRT baya kunikeza abaqhubi kunye nabanye abasebenzi imigaqo nemeko zokusebenza ezifanelekileyo.
Ezinye zezinto eziya kuphuculwa iyakuba:
yImIVUZo
Uzinzo lwemivuzo, emiselwe ngokwezivumelwano ezithatyathwe emva kwengxoxo, kwibhunga elixoxa ngemivuzo namalungelo, luya kwenza okokuba abasebenzi bakwazi ukongamela imiba ejongene neemali zabo.
InKQUBo yoKUseBenZa ngamaXesHa THILe (IsHIFTI)
Abaqhubi kwakunye nabanye abasebenzi baza kusebenza amaxesha amiselweyo aziyure ezimbalwa. Ukuba abaqhubi bathe basebenza ngaphezulu kwe yure ezimiselweyo zeveki, baya kuhlawulwa ngezoyure badlulisileyo ngazo.
InZUZo KweZempILo
Le nkqubo intsha iya kubandakanya amalungelo okubonelelwa kwezempilo kubo bonke abasebenzi.
