UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ubomi & Nosapho
Ukufa
Ukwenza Isivumelwano seLifa
Ukwenza Isivumelwano seLifa
INKCAZELO:
Xa usweleka, izinto zakho zabelwa usapho lwakho okanye abantu ofuna bafumane ilifa lakho.
Ilifa lakho liquka impahla yakho nezinye izibango, nayo nayiphi na imali okanye impahla oyityalayo.
Umntu ofumana impahla yakho uxhomekeke ekubeni unaso na isivumelwano esiphilayo esimnika ilifa okanye hayi. Ukuba unaso isivumelwano esiphilayo esinikezela ngelifa, impahla yakho iya kwabiwa ngokwentando yakho. Ukuba usweleke ungasenzanga esi sivumelwano selifa (kuthiwe ke u-intestate) impahla yakho iya kwabiwa usapho lwakho olusondele kuwe oku kusenziwa ngokuthobela imithetho elawula ukwabiwa kwempahla yabantu abangenzanga zivumelwano zakunikezela ngelifa.
UKWENZA ISIVUMELWANO ESISEBENZAYO SOKUNIKEZELA NGELIFA
Ukuba uneminyaka engaphezu kwe-16, ungasenza isivumelwano sokunikezela ngelifa ngokuxela umntu ofuna iye kuye impahla wakusweleka. Ukuze sisebenze isivumelwano sakho sokunikezela ngelifa kufuneka senziwe ngendlela eyiyo yaye kufuneka ube uphile qete ngokwasengqondweni xa usenza esi sivumelwano. Oku kuthetha ukuba kufuneka ube uyazazi iziphumo zokwenza isivumelwano sokunikezela ngelifa, ube ukwimeko yengqondo ekulungeleyo oko futhi uyikhumbule yonke into onayo.
Ukuze isivumelwano sokunikezela ngelifa sibe siyasebenza kufuneka uqiniseke ukuba:
Isivumelwano esi sibhalwe phantsi.
Uwaqale ngokwakho onke amaphepha futhi watyikitya kwiphepha lokugqibela, phambi kwamangqina.
Amangqina awaqalile onke amaphepha ze asityikitya isivumelwano eso.
Kwisivumelwano sakho sokunikezela ngelifa unga:
Umgwebi lo ngumntu oza kuqinisekisa ukuba impahla yakho yabiwa ngokwentando yakho, njengokuba sisitsho isivumelwano esinikezela ngelifa. Ukuba awumkhethi umgwebi, inkundla iza kuqesha mntu wumbi, ngokwesiqhelo lo mgwebi iba ngomnye wamalungu osapho lwakho. Umgwebi lo ukwahlawula namatyala akho ashiyekileyo.
Ungalifumana igqwetha elinokukunceda wakhe isivumelwano sokunikezela ngelifa okanye ungafumana iphetshana lokwenza isivumelwano sokunikezela ngelifa kwivenkile yeencwadi.
UKUSWELEKA UNGENASO ISIVUMELWANO SOKUNIKEZELA NGELIFA
Ukuba awunaso isivumelwano sokunikezela ngelifa esisebenzayo xa usweleka, impahla yakho yahlula-hlulwa ngokwemiqathango ebekiweyo kulo mthetho. Le miqathango idiza ukuba:
Impahla yomntu otshatileyo yabiwa ngokulingana ngumlingane kunye nabantwana.
Impahla yabelwa amanye amalungu osapho ukuba akukho mlingane okanye bantwana
Ukuba azikho izizalwane ngokwegazi oko kuthetha ukuba impahla inikezelwa kurhulumente.
Imithetho eyahlukeneyo isetyenziswa phantsi komthetho wamasiko kodwa kuphela xa oku kukhokelela kwimeko emngcatsha ngokupheleleyo umfazi.
IMIYALELO:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Impahla Yomntu Ongasekhoyo: Imiyolelo (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
