UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Impilo Yokuzala Yamadoda
Ucwangciso-ntsapho Nokuzikhusela ... 
Inkonzo izama ukunceda omama notata abangafumani bantwana ukuba bakhawule babe nzima. Ingcebiso nolwazi luyanikezelwa mayela neendlela ezahluka-hlukeneyo zonyango ezikhoyo. Imbali yala maqabane iyathatyathwa zize neemvavanyo zenziwe. Kuxhomekeke kwiziphumo, unyango lochumiso luyanikezelwa okanye kucetyiswe ngokuchasene nalo. 
Inombolo Yoncedo Olukhawulezileyo Lokuthintela Ukukhulelwa - 0800 246 432
Inkonzo Engxamisekileyo Yokuthintela Ukukhulelwa ingancedisa ekuthinteleni ukukhulelwea okungalindelekanga. Nangona le nkonzo Ingxamisekileyo Yokucwangicsa ingasetyenziswa iiyure ezilikhulu elinamashumi amabini nje (iintsuku ezintlanu) emva kokuzibandakanya komntu wkintshukumo yesondo engakhuselekanga, kungakuhle kakhulu ukuba inokuqala ukusetyenziswa kwiiyure ezingamashumi asixhenxe anesibini (kwiintsuku ezintathu) emva kwaloo ntshukumo ingakhuselekanga yesondo yaye isebenzisa ... 
Ukukhutshwa Kwesisu
Abantu basetyhini abangafuni kuqhubekeka nokukhulelwa kwabo banokukhetha ukukuphelisa oko kukhulelwa. Ukuqhomfa ungakhange uhlawule nesenti kuyafumaneka kwezinye iikliniki zoMbuso. 
Ukuthintela Ukukhulelwa (Ucwangciso-ntsapho)
Le nkonzo ibonelela ngamacebiso malunga neqela leendlela ezikhuselekileyo, ezisebenzayo nezamkelekileyo zokuthintela ukukhulelwa, macebiso lawo abasetyhini, amadoda, umlisela nomthinjana banokuxhamla kuwo ekuthintelweni kokukhulelwa okungadingekiyo. 
Unyango Kubantu Abaxhatshazwe Ngokwesondo/Abadlwengulweyo
Le nkonzo ivuleleke kuwo onke amanina namadod angaphezu kweshum elinesine ubudala abakhe badlwengulwa okanye baxhatshazwa ngokwesondo. Umntu othe wasinda kwezi ntshukumo uthi anikwe unonophelo lwezonyango, olwengqondo nolunento yokwenza neenkundla kwiiklinkhi zeengcali zeli phondo. Ekliniki, ixhoba eli liya kuthi lihlatywe imibuzo ze linikwe neengcebiso ngumsebenzi wezempilo ... 
Uvavanyo Lomhlaza Webele
Abantu basetyhini bayaboniswa ukuba bangawavavanya njani na amabele abo ukuze bafumanise amaqhuba anokuba ngunobangela womhlaza. Ukuba kuthe kwafumaniseka iqhuma, uya kuthunyelwa kuphando oluthe xhaxhe, oluya kuhlanganisa imammogram, ukususwa nokuxilongwa kweqhuma elo ukufumanisa ukuba alinabungozi na (alinamhlaza) okanye linobungozi (linomhlaza) na, ze ke umntu lowo aqeqeshelwe ... 
Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo
Umhlaza womlomo wesizalo nowamabele zezona ntlobo zimbini ziqhelekileyo zomhlaza ezifumaneka kubafazi boMzantsi Afrika yaye bonkomama basemngciphekweni wokuhlunyelwa zezi ntlobo zomhlaza. 
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
