UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezempilo
Impilo Yasemsebenzini
Iinkonzo Zempilo Yasemsebenzini
Iinkonzo Zempilo Yasemsebenzini
INKCAZELO:
Xa kuthethwa ngempilo yasemsebenzini kuthethwa ngempilo nokhuseleko lwabasebenzi. Injongo yeenkonzo ezijongene nempilo yasemsebenzini kukuphakamisa umgangatho wezempilo, ukhuseleko nokwaneliseka kwiindawo ekusetyenzwa kuzo nokukhuthaza ubukho babasebenzi abampilo intle, abakhutheleyo nabavelisa kangangoko. Nangona kunjalo, zikho iindawo ekusetyenzwa kuzo ezingakhuselekanga nezichaphazela impilo yabasebenzi.
Iingcali zempilo yasemsebenzini (oogqirha/oonesi) kuwo wonke amaziko ezempilo ziqeqeshelwa ukubanako ukuchonga, ukufumanisa nokunyanga abasebenzi kwanokubabuyisela kwimi yabo yesiqhelo, basebenzi abo baphathwa zizifo ezingapheliyo, abonzakele ngenxa yeengozi ezenzeka emsebenzini okaye abathi babenokudibana nezinto ezinobungozi empilweni yabo.
Ukuhlolwa kweendawo zokusebenzela
Ingaba impilo yakho ichaphazeleka kakubi nakabuhlungu emsebenzini?
Ukunikezele ngxelo Ngezigulo okanye ukwenzakala
Ukufaka isicelo sembuyekezo
Abantu abatyelela okokuqala
Abahloli abaphuma kwiinkonzo zokuhlola zeSebe leSizwe Lemicimbi Yabasebenzi (khangela kwiinkonzo zabasebenzi) basoloko bezityelela imizi-mveliso kunye nezinye iindawo ekusetyenzwa kuzo. Baye baqinisekise ukuba iindawo ekusetyenzwa kuzo ziyahambelana nemimiselo yezempilo nokhuseleko njengoko ichazwe kuMthetho wezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini, uMthetho wama-85 ka-1993, mthetho lowo uphantsi kweSebe Lemicimbi Yabasebenzi. Abahloli baye bacebise abaphathi nabanini ngeendlela zokuphucula iimeko ekusetyenzwa phantsi kwazo apho kukho imfuneko, kwaye bangawunyanzelisa umthetho wezemisebenzi ngokuthi bakhuphe izaziso, banqumamise iinkonzo kananjalo batshutshise abaphula umthetho.
Amagosa ezempilo yendawo asebenza ngokoMthetho wezeMpilo, uMthetho wama-63 ka-1077, ahlola iindawo ezithile kuphela, ndawo ezo zifana neerestoranti, izikhululo zeenqwelo-moya namazibuko, ukuqinisekisa ukuthobela kwawo imigaqo emiselweyo.
INGABA IMPILO YAKHO ICHAPHAZELEKA KAKUBI NAKABUHLUNGU EMSEBENZINI?
Nantsi eminye imibuzo onokuzibuza yona ukuba ukrokrela ukuchaphazeleka kwempilo yakho ziimeko zendawo osebenza kuyo:
Ingaba iingxaki zempilo yam zingumvuka womsebenzi endiwenzayo?
Ingaba umsebenzi endiwenzayo usongeza nangakumbi na isigulo okanye ukwenzakala kwam?
Ingaba ndinazimpawu zithile endizivayo okanye endizibonayo kwixesha elithile lokgqiba kwam ukusebenza?
Ingaba oko ndikwenzayo ngoku kuya kuyichaphazela kusini na impilo yam kwiminyaka elishumi ukuya kwelshumi elinesihlanu ezayo?
Ingaba ikhuselekile na indawo endisebenzela kuyo?
IMBUYEKEZO YABASEBENZI
Khumbula ukuba unakho ukufaka isicelo sembuyekezo ukuba wonzakele okanye ugule ngenxa yomsebenzi owenzayo. Imbuyekezo ilawulwa liSebe Lemicimbi Yabasebenzi, kungelilo Sebe Lezempilo. Unakho ukufumana imbuyekezo ngazo zonke iindleko zonyango ezifanelekileyo.
IMIYALELO:
Ukuba uguliswa kukuchaphazeleka okanye zizenzo zasemsebenzini, okanye kukonzakalela emsebenzini, oko kufuneka ukwazise umqeshi wakho, yena ekufuneka ngokomthetho akuthumele kwiziko lezempilo ukuze uye kuxilongwa unyangwe. Amagosa onyango lokuqala angakuthumela kwiziko lenqanaba lesibini okanye kwiziko lenqanaba lesithathu ngokuxhomekeke kubunzima bento ogula yiyo okanye bomonzakalo onawo.
Ikliniki i-Reed Street eBellville, kwiSixeko saseKapa, isebenzana nabantu abanezifo ezingenxa yeengxaki zasemsebenzini. Ivulwa kanye ngeveki kwaye amalungiselelo okuya kuyo kufuneka uwenze kwangaphambili. Inombolo yayo yomnxeba ithi: 021 946 3790.
Kubalulekile ukuba uchazele unesi ngento ekuchaphazeleyo okanye eyakuchaphazelayo emsebenzini osebenza kuwo okanye owawusebenza kuwo ngaphambili. Oko kungabandakanya: ingxolo, uthuli, iasbhestosi, irhasi, umsi kunye neentshukumo zoomatshini, ndawonye noxinzelelo olungaqhelekanga.
UKUFAKA ISICELO SEMBUYEKEZO
ABANTU ABATYELELA OKOKUQALA
Ukuba uyaqala ukuya kwelo ziko lezempilo, uya kucelwa ukuba ugcwalise iphetshana ngeenkcukacha zakho ze kwandulwe ukuvulwa uxwebhui. Yiza nencwadi-sazisi yakho, incwadi othunyelwa ngayo ukuba iyafuneka, kunye nawo wonke amayeza owasebenzisayo. Ukuba uthunyelwe esibhedlele uya kufunwa iphetshana elichaza umvuzo wakho/ingxelo yengeniso IRP5. Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso.
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
YAYAMENE
Ukunikezela Ingxelo Ngendawo Yokusebenzela Enobungozi (IiNkonzo)
Ukufaka Ibango Lembuyekezo Ngokonzakala okanye Izigulo Ozifumene Emsebenzini (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
