UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezemfundo
Imfundo Yasekhaya
Imigaqo Yemfundo Yasekhaya
Imigaqo Yemfundo Yasekhaya
INKCAZELO:
ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liyajongisisa ukuba abantwana ababhaliselwe imfundo yasekhaya benza umsebenzi ohambelana nezidingo zemfundo ngokuthiwa thaca leli sebe yaye bayavavanywa futhi bazuza iziphumo ezidingekayo kubantwana abakwelo banga.
Ukuqinisekisa ukuba abafundi bazuza iziphumo ezilindeleke kubafundi belo banga, umzali kufuneka:
Agcine iimpepha ezithile ngendlela abaqhuba ngayo
UKUGCINA IIMPEPHA
Emva kokuba umfundi ebhaliselwe imfundo yasekhaya, umzali lowo kufuneka:
Agcine iimpepha zendlela umntwana asihamba ngayo isikolo.
Agcine zonke iimpepha ezinemisebenzi yomfundi lowo.
Agcine iimpepha ezinendlela umfundi lowo aqhuba ngayo esikolweni.
Agcine iinkcukacha zenkxaso anikwa yona umfundi lowo kwizifundo ezo.
Agcine ubungqina bendlela yovavanyo oluqhubekekayo lomsebenzi womfundi lowo.
Agcine ubungqina bolo vavanyo kunye/okanye neemviwo ekupheleni konyaka ngamnye.
Agcine ubungqina ekupheleni kwamabanga 3, 6 kunye nele-9 apho abonisa khona ukuba iziphumo ezidingekayo kula mabanga zizuziwe okanye hayi.
Ezi mpepha zineziphumo zomfundi kufuneka zivuleleke kwiSebe lezeMfundo leNtshona Koloni ukuba lizihlole. Zonke iziphumo ezifanele ukugcinwa kufuneka zigcinwe iminyaka emithathu.
UKUVAVANYWA NGUMNTU OZIMELEYO
Ekupheleni kwebakala ngalinye, abazali kufuneka baqashe umntu okuqeqeshelweyo ukuvavanya, ongqinwa nayiNtloko yeSebe lezeMfundo, ukuba avavanye indlela abantwana abaqhuba ngayo ekupheleni kwelo bakala.
Umzali angadibana nesikolo sikarhulumente okanye esizimeleyo esibhalisiweyo ukuba simncedise afumane umntu okulungeleyo ukuvavanya abantwana kwelo banga.
IMIYALELO:
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2611/13
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2996
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ukubhalisela Imfundo Yasekhaya (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
