Zikhusele emlilweni
Cwangcisa kwangaphambili
Xa kusitsha...
Hlala ugcine ibhakethi lamanzi nelesanti.
Zama ukuyicima imililo emincinane ngaphambi kokuba inwenwe. Kodwa musa ukuzifaka engozini.
KUYATsHa
Vusa abantu abangaphakathi kwesakhiwo ukuba baphume ngaphandle.
Khasa ngaphantsi komsi ukubaleka umlilo.
Indlu nganye kufuneka ukuba ibe neendawo zokuphuma ezingaphezulu kwisinye, ukulungiselela xa kunokuthi kutshe
Gcina iimatshisi, izinto zokulumeka, iparafini kunye nezinto eziyityhefu endaweni ekhuselekileyo nekude ebantwaneni abancinane. Sebenzisa isiciko esikhuselekileyo ebantwaneni kwiibhotie zeparafini.
Abantwana abaninzi batsha kakubi kunyaka ngamnye. Thatha ingqalelo engaphezulu ukugcina abantwana abancinane bekhuselekile.
Beka izitovu endaweni ethe tyaba - kude nomoya kunye nezinto ezinokutsha. Imililo kunye nezitovu akufuneki zishiywe zinganyamekelwanga.
Irhasi nombane
YIMA!
Nceda abantu ukuba baphume.
Hlala ngaphandle.
Biza iinkonzo ezingxamisekileyo ku-107, ufumane uncedo ngokukhawuleza!
PHUMA
Umbane: Cima umbane ngaphambi kokuba ucime umlilo wombane
Irhasi: Sebenza ngokukhawuleza. Qala ngoku-cima irhasi uze emva koko usebenzise isiciko okanye ilaphu elimanzi ukucima amadangatye. Ukuba akukwazi ukuyicima irhasi phuma uhlale ngaphandle.
Gcina iindlela zivulekile ukuze inqwelo yabacimi mlilo ifike ngokukhawuleza emlilweni.
Gcina imibhobho yamanzi asetye-nziswa xa kusitsha isekuhleni ukuze abacimi mlilo babe nokufumana amanzi okucima umlilo.
Ukubiza uncedo
Yazi kwaye uyibhale inombolo yeenkomzo ezingxamisekileyo kwaye fundisa abantwana indlela yokutsalela ku-107 xa kukho imeko engxamisekileyo. Xa utsala umnxeba, nika idilesi enye ngokupheleleyo. Kwakunye nendawo ekufutshane nal apho kutsha khona onokucacisa ngayo (ivenkile okanye isikolo) ukuze abacimi mlilo babe nokukufumana ngokukhawuleza.
Ngazo zonke iinkonzo ezingxamisekileyo
Cima onke amakhandlela kunye nezibane ngaphambi kokuba ulale okanye umke kwikhaya lakho. Kuyingozi ukutshaya ebhedini.
Isixeko saseKapa : Iinkonzo zoMlilo neziNgxamisekileyo : Ukhuseleko loMlilo noBomi
Umnxeba: 703 3184
Ukuba indlu yakho ligwantye amanzi ...
Khusela impilo yakho
Amanzi okhukuliseko amdaka angalugulisa usapho lwakho
Akunyanzelekanga ukuba ude uhlale kwiholo loluntu ukuze ube unelungelo lokufumana uncedo. Ungahlala kubahlobo okanye kwizizalwane. Ukuba akunandawo yokuhlala ungahlaliswa kwiholo loluntu. Ukuba kufuneka ulishiye ikhaya, qinisekisa ukuba izinto zakho ezixabisekileyo zikhuselekile.
Cwangcisa kwangaphambili
Ihlobo
Lumkela izinto ezibukhali ezisemanzini.
Hlamba izandla zakho ngesepha namanzi acocekileyo ngaphambi kokuba usebenze ngokutya.
Ubusika
Nceda abahlobo nosapho - banike indawo yokuhlala ukuba indawo yakho ayikhukulisekanga.
Yakha kumhlaba ophakamileyo - kuyingozi ukwakha kumathafa anamanzi okanye kumadama amanzi esitishi.
Khusela ikhaya lakho
Phakamisa umgangatho wakho ube phezulu kunomhlaba.
Yenza imifolo yokuhambisa amanzi asuke kwisiza sakho uze ugcine imisele yamanzi esitishi ivulelekile.
Ngazo zonke iinkonzo ezingxamisekileyo
Lumkisa abanye abantu ngeendawo ekulula ukuba zibe nezikhukula.
