Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
UMthetho weMitshato yeSiko leSiqhelo wabangumthetho ngomhla we 15 Novemba 2000. Ukubangaba wawukumtshato owawukhona nowawusebenziseka phantsi komthetho wesiko lesiqhelo phambi kwalo mhla, umtshato wakho uyavunywa phantsi kwalo mthetho mtsha. Lo mthetho ukwayivuma imitshato engenelwe emva kwalo mhla, kwaye uchaza imigaqo ekufuneka ilandelwe ngabantu abatshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo ukuze imitshato yabo ivunywe.
Umtshato wesiko lesiqhelo uyavunywa ukubangaba abantu abatshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo bahambisene nezi mfuneko zilandelayo:
Bobabini aba bantu batshatayo kufuneka babengaphezulu kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala
Bobabini kufuneka bavume ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Umtshato kufuneka kuthetha-thethwane ngawo, kuvuyiswane ngawo kwaye ungenelwe ngokuhambisana nomthetho wesiko lesiqhelo
Ilobola ayingomba oyimfuneko ukuze umtshato wesiko lesiqhelo usebenziseke
Qaphela ukuba le mitshato kudala ivunywa phantsi komthetho wesiko lesiqhelo.
Ndiwubhalisa nini umtshato wam?
Ukubangaba watshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo phambi komhla we 15 Novemba 2000, umtshato wakho kufanele ubhaliswe kwiSebe lezeKhaya. Ukubangaba watshata emva kokuba umthetho uwisiwe, kufanele ubhalise umtshato wakho kwisithuba seenyanga ezintathu emva komtshato.
IMitshato yeSiko leSiqhelo kunye nenkqubo yokuDityanelwa kweMpahla neZinto kunye naMatyala
Yonke imitshato yesiko lesiqhelo engenelwe emva kokuqalisa kokusebenza koMthetho, ikwinkqubo yokudityanelwa kwempahla nezinto kunye namatyala. Oku kuthetha ukuba umyeni nenkosikazi yakhe bahlulelana ngokulinganayo kwizinto abanazo, imali kunye nempahla, kwaye ikwathetha ukuba bahlulelana ngawo wonke amatyala. Ukubangaba aba bantu babini bangathanda ukuba umtshato wabo ubengaphandle kwenkqubo yokudityanelwa kwempahla nezinto kunye namatyala, kuyakufuneka bangenele isivumelwano sekhontrakthi yokuba umntu ngamnye agcine izinto ezizezakhe, phambi kokuba batshate. Ukubangaba bafuna ukutshintsha emva kokuba sele betshatile, kuyakufuneka benze isicelo kwiNkundla ePhakamileyo.
Phantsi koMthetho weMitshato yeSiko leSiqhelo , inkosikazi inelungelo elilinganayo kunye nobume obulinganayo nomyeni wayo bokwenza isigqibo ngomakwenzeke kwimpahla nezinto zabo. Ngoku inkosikazi yesiko lesiqhelo inamandla okungenela isivumelwano sekhontrakthi ngaphandle kokuncediswa ngumyeni wayo.
Ndenza njani xangaba umyeni wam ufuna ukutshata omnye umfazi?
Umyeni kufuneka angenele isivumelwano esibhaliweyo/ikhontrakthi ebhaliweyo eyakuchaza ukuba kuyakwenzeka ntoni na empahleni nakwizinto, kwaye ke futhi umyeni kufuneka enze isicelo enkundleni sokuba ivume ikhontrakthi ebhaliweyo. Inkundla kufanele iqinisekise ukuba zonke iimfuno zempahla nezinto zabo bonke abafazi, ziyakhuselwa.
Senza njani xangaba sifuna ukungenela umtshato wentlalo yoluntu emva kokutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo?
Ukubangaba umyeni akanabafazi abangabanye, ungatshata phantsi komthetho wentlalo yoluntu ndawonye naphantsi komthetho wesiko lesiqhelo . Kodwa ke, akukho namnye phakathi kwenu oyakubanako ukungenela imitshato yesiko lesiqhelo naye nabanina omnye ngelilixa nitshate phantsi komthetho wentlalo yoluntu.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Umyeni okanye inkosikazi, angabhalisa umtshato kwiSebe lezeKhaya elikufuphi kuye. Kulicebo elihle ukuba bobabini abalingane bayokubhalisa umtshato bebobabini ukuze ubhaliso lukhawuleze. Kodwa ke, ukubangaba omnye umlingane uyala, ungabhalisa ngokwakho uze ke uphathe ubungqina obuyimfuneko.
Phatha incwadi yakho yesazisi , uze ugcwalise iFom A, ethi: Isicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo/ukubuzisa ngobukho bomtshato wesiko lesiqhelo , ekufuna ukuba unike le nkcazelo ilandelayo:
iinombolo ze-ID, amagama kunye nemihla yokuzalwa yomyeni nenkosikazi amagama wabazali bomyeni kunye nabenkosikazi kunye negama lenkokeli yemveli okanye amagama eenkokeli zemveli iinkcukacha zesivumelwano selobola/magadi, kunye nabantu ababini abangamangqina omtshato incwadi esuka kwinkokeli yemveli okanye incwadi ebhaliweyo nefungelweyo
Ifom kufuneka ingqinwe kwaye isayinwe phambi:
kwegosa elibhalisayo, okanye umntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi, ochongelwe wona nguMqondisi-Jikelele ukuze enze imisebenzi ngokwale migqaliselo.
Isicelo kufuneka sifakwe kwigosa elibhalisayo okanye kumntu ochongelwe ukwenza loo msebenzi, ekufuneka yena akunike incwadi evuma ukufunyanwa kwesicelo ngokweFom B, ethi: Ukuvuma ukufunyanwa kwesicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo
Igosa lobhaliso okanye umntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi uyakusa isicelo kwi-ofisi yengingqi okanye yesithili ekufuphi yeSebe ukuze sifakwe kwincwadi yobhaliso lwenani neenkcukacha zabantu.
Uyakunikwa isatifiketi sobhaliso okanye iFom C, ethi: Isatifiketi somtshato wesiko lesiqhelo .
Gcina isatifiketi kwindawo ekhuselekileyo kuba sibalulekile.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isatifiketi esifinyeziweyo sikhutshwa kwangoko.
Isatifiketi esingafinyezwanga sithabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisixhenxe.
Igosa elibhalisayo liyakukuxelela ukubangaba liyala ukubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo njengoko kucwangcisiwe, kwaye liyakuchaza izizathu zokwala.
Entla
Iindleko
Ezi mali zilandelayo zihlawulwa kwiSebe lezeKhaya :
Ikopi engumphindwa wesatifiketi somtshato wesiko lesiqhelo R11
Ukufunisa kunye nokuveliswa kwencwadi yokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo okanye kwayo nayiphina imiqulu yokuxhasa ngokuphathelelene nencwadi yokubhalisa: R53
Ngaphandle kokuba ke ukubangaba ifunelwa iinjongo ezigunyazisiweyo liziko loRhulumente, ayihlawulelwa:
Ukukhutshwa kwesicatshulwa esithile kwincwadi yokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo: R53
Abalingane bahlawula iR11 kumntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi, ngokuphathelelene nesicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo esifakwe kulo mntu ochongiweyo.
Nceda ubhekise kubantu ekunxulunyanwa nabo kwiSebe lezeKhaya ukuze uqonde ngeendleko ezibandakanyekayo.
Entla
Entla
