UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ilungelo Lobunini
ILUNGELO LOBUNINI
ILUNGELO LOBUNINI
UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ubeka isinyanzeliso esilungileyo kumacandelo ombuso ukuba asasaze ulwazi olufunekayo eluntwini nolugcinwe ngumbuso kangangoko anakho kwanangeyona ndlela ingachithi mali:
Ulawulo apho uluntu lwazi onke amanyathelo karhulumente kufuneka lukhuthazwe ngokubonelela uluntu ngolwazi oluvela kwangexesha, olufumanekayo kwanoluchanekileyo." UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika s195(g)
Ukusetyenziswa kolwazi olululo, oluphuhlisa uqoqosho nolusebenzayo kufuneka kuphuhliswe." UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika s195(b).
Sikholelwa ekubeni eyona ndlela yokusasaza ulwazi olufunwa luluntu nolugcinwe ngumbuso ngeyona ndlela ingeyonkcitha-mali kukuvumela abanye abantu baphinde bavelise olo lwazi ngaphandle kokudleka ngezimali - futhi lukhutshwe luse lulo. Sithi ke ngoko sikholelwe ekubeni ukuvunyelwa simahla kodwa ke phantsi kwemiqathango yokunikezelwa kwamalungelo okuphinda kuvezwe olo lwazi kumaphepha akhuthaza intsebenziswano noluntu yiyo efunwa nguMgaqo-siseko.
IPHEPHA-MVUME LELUNGELO LOBUNINI
Kwizibhalo ezisesikweni ezikumila kuyimigaqo, ezolawulo nezemithetho, kuquka neenguqulelo zazo ezisesikweni.
Iintetho zezopolitiko
Iintetho eziwiswe ngexesha leenkqubo zomthetho
Iindaba zosuku, ezisisiqingatha nje solwazi lwamaphepha-ndaba
Unakho ukuphinda uvelise ezi zibhalo ngokukhululekileyo.
Ungaphinda uzivelise izibhalo ezinamalungelo obunini (ngaphandle kwezo zizezamanye amaqurhu) kule website ngeenjongo ezingenaminqweno yangeniso nangayiphi na indlela uzisasaze ngaphandle kokufumana imvume. Oku ke kuphantsi kwesidingo sokuba uphinde uvelise ezo zibhalo njengoko zinjalo, yaye zingekho kwindlela ethukayo, esengela phantsi okanye elahlekisayo.
Apho ushicilela okanye ukhuphele oku kubhaliweyo kubanye abantu kufuneka uchaze ukuba kuvela phi (kuquka ne-URL) kwanobume bako ngokwamalungelo oshicilelo nobunini.
Unakho nokuphinda uzivelise izibhalo ezinamalungelo obunini kule website ngeenjongo zokufumana ingeniso, kodwa ke kufuneka kuqala ucele ze ufumane imvume yokuzisebenzisa ngeenjongo zokufumana ingeniso.
Iphepha-mvume lokuphinda kuveliswe okubhaliweyo aliziquki izibhalo ezinamalungleo obunini kwiimpepha ezizezamanye amaqumrhu. Oku kuya kusoloko kubonakala ngolu phawu © luncanyathiselwe egameni lalowo unamalungelo obunini. Kufuneka ufumane imvume yokuphinda uvelise lo nto ibhaliweyo kweloo qumrhu linamalungelo obunini.
Awunakuyisebenzisa imifanekiso okanye eminye imsebenzi yobuchule ebandakanywe kule website ngaphandle kwemvume kaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
