Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Iinkonzo zikaxakeka:
Uncedo kucwangciso lokubuyisa abemi baseMzantsi Afrika abakumazwe aphesheya ngexesha loqulukubhode wezopolitiko, intlekele ebangelwa yindalo okanye ngabantu.
Isibonelelo malunga noncedo olungelolwezimali kusenzelwa ukubuyiselwa elizweni lokuzalwa? Kunye noqwalaselo lonyango okanye lwemisebenzi olufuneka ngokungxamisekileyo.
Uncedo kwiintsapho ngokuququzelela ukuthunyelwa kwemali kumalungu eentsapho axakanisekileyo.
Ukunikwa kweenkonzo zenkxaso kwaneengcebiso kwimiba yabantu abenziwe izibambiso okanye ukuxhwilwa.
Ubume besiganeko nokhuseleko lwamagosa bunganempembelelo ekukwazini kwethu kuphendula.
Ukuvalelwa ngaphandle kokubekwa ityala:
Ukuqhagamshelana neentsapho zabantu ababanjiweyo okanye abaseluvalelweni bengabekwanga tyala phesheya ukuba oko kuceliwe ngulowo ubanjiweo okanye useluvalelweni.
Ukuququzelela ukuthunyelwa kwemali kumabanjwa aphesheya, ngeli xa kuqatshelwe imithetho nemiqathango yalo rhulumente ugunyazisa ukubanjwa kwanemithetho yoVimba weBhanki yeloMzantsi Afrika malunga nokuthunyelwa kweemali kwelaphesheya.
Ukuququzelela ukuthunyelwa kweeleta namayeza kubemmi beloMzantsi Afrika abaseluvalelweni phesheya. Oku kuxhomekeke kwizibonelelo nemirhumo ekhoyo yeSebe lemiCimbi yezangaPhandle kunye nokuthotyelwa kwemithetho nemiqathango yelizwe elibambileyo. Le mirhumo ingaphuculwa kumaxesha ngamaxesha.
Iinkonzo zezomthetho nokusayina okugunyazisiweyo:
Ukuququzelela ukuhanjiswa kwamaxwebu asemthethweni kubamangalelwa abaphesheya ngokwemigaqo yenkundla.
Ukuququzelela izicelo zokunikezelwa komntu kurhulumente wangaphandle, iileta ezicela uncedo lwenkundla kwilizwe langaphandle, ukukhutshwa kweesamani okanye iimpepha eziya kumntu okwilizwe langaphandle kwanobungqina kwikhomishini ngokwemigaqo yenkundla.
Ukuqhagamshela iileta nezitampu ezimisa ngokusemthethweni ziqinisekiso zogunyaziso kumaxwebhu kawonke-wonke asemthethweni.
Ukunika uncedo olungelolwemali kumaxhoba olwaphulo-mthetho.
Ukunika ingcebiso, isikhokelo nenkxaso kumzaliokanye umntu okhulisa umntwana ongengowakhe, ngokusebenzisana neOfisi yeGqwetha leNkundla loSapho kwiimeko zokubiwa kwabantwana baseMzantsi Afrika bathunyelwe kumazwe angaphandle. Apho kukho ubungqina bokuba impilo nokhuseleko lomtwana lusemngciphekweni, lo mba uthathwa njengongxamisekileyo.
Ukunikisa ngoluhlu lwamagqwetha engingqi.
Ezinye iinkonzo:
Ukunceda ukubuyisa iincwadi zokundwendwela ezilahlekileyo, ezibiweyo, ezonakeleyo okanye eziphelelwe lixesha kumazwe angaphandle .
Ukubonelela ngemali-mboleko eqingqiweyo nengxamisekileyo .
Ukwazisa izizalwane xa kuthe kwakho ukusweleka, ingulo okanye ukwenzakala okuxhalabisayo kwabemmi beloMzantsi Afrika. Kuya kunikwa uncedo olungelolwamali kwanengcebiso malunga nemizimba yabeloMzantsi Afrika abaswelekele kumazwe aphesheya.
Ukucela abasemagunyeni bengingqi ukuba baphande ngokufa okukrokrisayo kwanolwaphulo-mthetho olwenziwa kubantu beloMzantsi Afrika.
Ukunika isikhokelo nengcebiso malunga nokuthatha ukhulise abantwana njengabakho ngokusebenzisa iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo-ntle.
Ukuqwalasela izicelo zolwazi okanye iinzame zokugqithisela lowo ufuna ingcaciso kumntu onolwazi olufanelekileyo.
Zeziphi iinkonzo ezinganikwayo ngamagosa abangabaMmeli-lizwe?
ukuqinisekisa ukukhululwa entolongweni ukungenelela kwiinkqubo zeenkundla kumazwe angaphandle ukunika iingcebiso zasemthethweni ukungenelela okanye ukusungula iinkqubo zenkundla ukucela abasemagunyeni bengingqi ukuba banike impatho ekhethekileyo kwabaseMzantsi Afrika ukuphanda ngolwaphulo-mthetho okanye ukufa ukufumana ingxelo yolwaphulo-mthetho endaweni yakho intlawulo yokutshiswa kwababhuhileyo, imingcwabo okanye ukubuyiselwa kwemizimba eMzantsi Afrika.
ukuthatha umntwana obiweyo ukunyanzelisa isivumelwano saseMzantsi Afrka sokuthathela kuwe ukhulise umntwana phesheya okanye ukunyanzelisa ilizwe ukuba lithathe isigqibo ngomba wokuthathela kuwe umntwana intlawulo yehotele, yezomthetho, yezonyango okanye yamanye amatyala intlawulo yenkcitho yohambo ukuqwalasela umsebenzi owenziwe ziiarhente zohambo, zeenqwelo-moya, zeebhanki, njalo-njalo ukufumana indawo yokuhlala, umsebenzi okanye imvume yokufumana umsebenzi egameni lakho ukugcina izinto ezizezakho okanye ukukhangela izinto ezilahlekileyo ukwamkela imbalelwano eyiyeyakho ukunika umhlala-phantsi nezibonelelo zokhuseleko lwezentlalo ukunceda ngokwasemthethweni abemmi abanobuzwe ngambini kwilizwe lobuzwe babo besibini.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Qhagamshelana noMmeli woMzanti Afrika okufuphi nawe okanye iCandelo lomLawuli oyiNtloko: Iinkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle ePitoli. Ifomu esemthethweni ingacelwa, kuxhomekeke kuhlobo lwenkonzo olufunwayo. Ukuba kukho amathandabuzo, funa ingcaciso ngokuthi utsale umnxeba kuqala.
Iinkonzo zabaMmeli-lizwe zisebenza iiyure ezingama-24 ngemini, iintsuku ezisixhenxe ngeveki. Ngeempela-veki nasemva kwexesha lomsebenzi, uncedo lufumaneka ngokusebenzisana neGumbi lemiSebenzi leSebe ePitoli.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
