Isicelo sesatifiketi sokwamkeleka ekubeni uthuthe okanye uphathe ukutya
Inkcazelo
Nawuphi na umntu onqwenela ukubanendawo yokutya okanye ukuthutha ukutya kufanele abenesatifiketi sokwamkeleka. Esi satifiketi sikhutshwa emva kokuba abahloli abaphuma koogunyaziwe bendawo beyihlolile le ndawo okanye esi sithuthi.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezeMpilo
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo semvume okanye sesatifiketi sokuthutha okanye sokuphatha ukutya kugunyaziwe wendawo ohlala kuyo.
Lungisa indawo efanelekileyo esetyenziselwa kuphela ukuphatha ukutya okanye isithuthi esisetyenziselwa kuphela ukuthutha ukutya.
Gcina isithuthi okanye indawo icocekile ngamaxesha onke, ukuze uqinisekise ukuba ukutya okuthuthwayo okanye okuphathwayo akungcoliswa ziimpukane, ukungcola, ubunyhukunyhuku, ubumdaka okanye nayiphi na enye into engcolisayo.
Isithuthi okanye indawo iya kuhlolwa ngabahloli abaphuma kugunyaziwe wendawo ohlala kuyo ukuze ivumeleke ukuba ithuthe okanye iphathe ukutya.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Umgangatho ofikelelwayo uxhomekeka kubahloli abaphuma kugunyaziwe wendawo ohlala kuyo.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa, kodwa oogunyaziwe bendawo ohlala kuyo bangabiza intlawulo ethile.
