IPROJEKTHI ENGAMABALA ASEMGANGATHWENI OLUNTU - YASEGUGULETU
Injongo yomsebenzi/yengqesho:
Eyona njongo iphambili yalo msebenzi kukuqinisekisa ukuba uluntu lasekuhlaleni lufumana ukuxhamla ngokufanelekileyo kule khontrakthi yolwakhiwo - ngokuthi luxhamle kwezemisebenzi/kwingqesho (ngokwabanezakhono, izakhono eziphakathi nabangenazo izakhono) nangokuxhamla kwiikhontrakthi eziphantsi kwezinye.
Umsebenzi ophambili oya kuthi wenziwe:
Uqhagamshelwano phakathi kweSixeko, uluntu nonokontraka.
Uxanduva lokubonelela ngekhonkco phakathi kwezibonelelo zasekuhlaleni nonokontraka.
Uxanduva lokugcina/lokulondoloza uvimba ongeenkcukacha zezibonelelo/imithombo yasekuhlaleni.
Asoloko egqithisa ulwazi kunokontraka nakwiSixeko malunga nemicimbi yoluntu kunye nezikhalazo/iingxaki eziya kuthi zibekho.
Ukunika ingxelo, rhoqo, ngenyanga kwiSixeko, nakwimibutho yoluntu ngokuphathelene nokubandakanyeka koluntu ngokujoliswe kwezoqeqesho nobume bezengqesho ngokulinganayo/ngokobulungisa.
Okufunekayo:
Kufuneka ubenakho ukunxibelelana/indlela eyamkelekileyo yokuthetha, ukufunda nokubhala ngesiXhosa nangesiNgesi.
Kufuneka uthembeke kwaye ubenenkathalo.
Kufuneka ubenolwazi oluphangaleleyo lommandla waseGuguletu.
Kufuneka kungokunje ube awuqeshwanga.
Kufuneka ube uzimisele ukusebenza phantsi kweemeko ezinzima.
Kufuneka ube unezakhono zokusombulula imbambano/impikiswano/ingxabano.
Kufuneka ubenezakhono zokuphuhlisa umbutho.
Ukuqinisekiswa kokufumaneka kwesicelo kuya kuthi kwenziwe ngokubhaliweyo kuphela kwaye izicelo ezingeniswe emva kokugqitha/kokudlula komhla omiselweyo wokungeniswa kwazo, azisayi kuqwalaselwa.
Umnxeba: 021 637 1333/7
Ifeksi: 021 637 1385
UMPHATHI WESIXEKO
