UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ityala Neemali-mboleko &gt Angayithimba Xa Kutheni Umntu Endimtyalayo Impahla Yam?
Angayithimba Xa Kutheni Umntu Endimtyalayo Impahla Yam?
Ukuba uthenga ngetyala, le venkile/lo mntu uthenga kuye uba ngumnini wezo zinto uzithengileyo de ube ugqibile ukuzihlawula zonke izavenge.
Ukuba le venkile ifuna ukukunyanzela ubuyise ezo zinto, oko kuya kuthetha ukuba kufuneka inikwe umyalelo wenkundla. Phambi kokuba ibe nokuwufumana lo myalelo, le venkile uyityalayo kufuneka ikuthumele incwadi yembalelwano eqinisekisiweyo ekuyalela ukuba usemva ngeentlawulo zezavenge futhi le mali ungekayihlawuli kufuneka ihlawulwe kwiintsuku ezingamashumi amathathu. Ukuba wawukhe wasemva kwixesha elingaphambili kwiintlawulo zakho ze wafumana incwadi yembalelwano ekunyanzelisa ukuba uhlawule, ze uphinde ube semva kwakhona, ivenkile oyityalayo iya kukuthumela incwadi yembalelwano ekunyanzelisa ukuba uhlawule izavenge zezo nyanga ungazihlawulanga kwiintsuku nje ezilishumi elinesine. Ukuba uyazidela ezi ncwadi ngokuthi ungahlawuli kwakhona, ivenkile leyo ke ingawufumana umyalelo wenkundla oyivumela ukuba ize kulanda impahla yayo kuwe.
Ukuba uthi ufumane umyalelo okunyanzelisa ukuba uye kuvela enkundleni, kuya kufuneka wenze isicelo esibhaliweyo kwinkundla, okanye ke ufake isigqibo esifungelwe esichasa esi sale venkile, apho ucacisa ukuba kutheni nje ungayihlawuli le mali (umzekelo, le venkile ingafaka ibango lemali engaphezu uyityala yona). Iimbambano ezinje ngokwesiqhelo zisonjululwa ngaphandle kokubekwa ityala, kodwa ke ukuba imbambano ithi ingasombululeki futhi nawe uzimisele ukuya kuzimela enkundleni, kufuneka ufake Isaziso Sesidingo Sokuzikhusela. Ukuba le mbambano iya ekubekweni ityala yaye akuzikhuseli okanye ukuba inkundla icinga ukuba akunazizathu zibambekayo, inkundla le ingakhupha umyalelo ovumela le venkile ukuba iya kulanda impahla yayo kuwe.
Umthunywa weNkundla nguye onoxanduva lokuthimba impahla. Eli gosa liya kukubonisa umyalelo wenkundla ze athathe aze kuyithimba. Ukuba umthunywa wenkundla unomyalelo wenkundla, wena (okanye nabani na osekhayeni lakho ngelo xesha) kufuneka umvumele angene endlwini apho enze ngokomyalelo lowo.
Ngamanye amaxesha, ivenkile le uyityalayo ayiyi kuyifuna impahla ze ikunike umyalelo wokuba uvele enkundleni ukuze ukhuphe imali yayo. Kule meko, le venkile kuya kufuneka icacise ukuba kutheni na ingenakuyamkela impahla eyakuthengisela yona.
Ingaba izavenge osele wazirhola uya kuzibuyiselwa na ukuba impahla leyo ithi yohluthwe? Ixabiso lale mpahla lisenokuba lehla okoko wathi wayithenga kuba ingasekho ntsha. Ngokuxhomekeka kwixabiso lempahla ethinjiweyo, ungayifumana imbuyekezo (ukuba ixabiso lale mpahla kunye nesixa osele wasihlawula zingaphezu kwesixa ubuyityala sona le venkile, uya kuthi unikwe imali eseleyo). Kodwa ke ukuba le mpahla inexabiso eliphantsi kunemali osatityala yona le venkile, wena usayityala imali le venkile.
Ukuba mntu wumbi (njengomthunywa wokunyanzelisa umntu ukuba ahlawule ivenkile okanye umntu othile) uthe wathunyelwa ukuba aye kubanga imali kuwe ze akaziphatha kakuhle xa esenza oku, ungafaka isikahalazo kwiBhunga Lwababuthi Bamatyala (bonke ababuthi bamatyala kufuneka babhalise kweli bhunga).
Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zeBhunga Lababuthi Bamatyala:
Inombolo Yomnxeba: 012 804 9808
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Ityala Neemali-mboleko
Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?
Yintoni Isivumelwano Setyala?
Yintoni iMbalana Yamatyala? Yaye Yintoni Ukubekwa Kwiincwadi Zabangawahlawuli Amatyala abo?
Angayithimba Xa Kutheni Umntu Endimtyalayo Impahla Yam?
Amabinzana Aluncedo
YAYAMENE
Izikhalazo Zabathengi (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
