Lixesha lokuba kuthotyelwe imithetho akuvumelekanga ukuba kunkcenkceshelwe phakathi kwala maxesha
UBUSAZI NA UKUBA NGOKU ISIXEKO SINEMITHETHO KAMASIPALA EMIBINI EMITSHA ELAWULA UKUSETYENZISWA KWAMANZI?
UMthetho kaMasipala olawula ukusetyenziswa kwamanzi, amanzi amdaka kunye nomjelo ohambisa amanzi amdaka avela kwimizi-mveliso nowabhengezwa ngomhla woku-1 Septemba 2006. Ngaphandle kokudityaniswa kwenyathelo elikumyinge we-10% wokongiwa kwamanzi ngokusisigxina kusetyenziswa amanye amanyathelo athintelayo naqulethwe kwishedyuli elawula imfuneko yamanzi, kukwakho nezinye izinto ezimbalwa ekuyimfuneko ukuba zithotyelwe nekunokwenzeka ukuba akunalwazi ngazo.
UMTHETHO KAMASIPALA OLAWULA UKUSETYENZISWA KWAMANZI
UMthetho kaMasipala olawula ukusetyenziswa kwamanzi uza kuqinisekisa ukuba amanzi aselwayo asetyenziswa ngentlonipho nangenkathalo, kukhuthazwa ukutshintshwa kwezimo zabantu ngaxeshanye kuqinisekiswa ukuba "ukonga amanzi yindlela yokuphila". Izithintelo zamanzi ngamanyathelo ethutyana ngenjongo yokuqinisekisa ukuba sinemithombo elungileyo neyaneleyo yonikezelo ngamanzi kuthi sonke ngamaxesha okunqongophala kwamanzi ngokumandla, kodwa imithetho kamasipala ngamanyathelo asigxina ebomini bethu, ngako oko kuyimfuneko ukuba sisonke sibe nolwazi ngoxanduva lwethu oluqulethwe kumaxwebhu emithetho kamasipala.
Akukho mntu unelungelo lokudlala ngamanzi, nokuba oko ukwenza kungokungakhathali okanye ngenjongo ngokuthi ayeke amanzi aphalale kwizixhobo ezifakiweyo zamanzi/kwiitephu; ayeke imibhobho okanye iitephu zamanzi zivuze; asebenzise izixhobo zeetephu ezingafakelwanga ngokuchanekileyo okanye ezineziphene; ayekele ukuphuphuma/ukuphalala kwamanzi ungakunqandi; ukusebenzisa amanzi ngendlela engeyiyo okanye uvumele ukusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwamanzi ungakunqandi.
Kuyimfuneko ukuba wonke umsebenzi wokufakelwa kwezixhobo zamanzi kwenziwe ngumsebenzi otywina imibhobho yamanzi owufundeleyo nonamava kulo msebenzi, yaye luxanduva lomnini-propati ukuqinisekisa ukuba lo msebenzi wokufakelwa kwezixhobo zamanzi wenziwe ngumtywini wemibhobho owufundeleyo lo msebenzi yaye wenziwa ngokuthobela lo mthetho kamasipala.
Bonke abanini-propati nabasebenzisi-bamanzi kuyimfuneko ukuba bathobele imiqathango yokulondolozwa kakuhle kwamanzi neyokusebenzisa amanzi ngokuyimfuneko njengoko ichaziwe kwiShedyuli 2 yalo mthetho kamasipala.
IShedyuli yoLawulo lweMfuneko yaManzi
ISchedyuli 2 iqulethe iingongoma ezili-18. Nangona zonke ezi ngongoma zili-18 zibalulekile, apha kukhethwe ezona ziphambili, nezishunqulelweyo zaza zabhalwa kwakhona ukuze zilungele iimfuno zabasebenzisi bamanzi:
Xa unkcenkceshela igadi, ibala lemidlalo, ipaka okanye nayiphi na enye indawo enengca usebenzisa amanzi aselwayo, nceda ukwenze oku phambi kwentsimbi ye-10:00 okanye emva kwentsimbi ye-16:00 yaye kuyimfuneko ukuba imibhobho yokunkcenkceshela ifakelwe isixhobo esilawula ukusetyenziswa kwamanzi esifana nesifefezi
Imibhobho yokunkcekceshela esetyenziselwa ukuhlamba izithuthi, amaphenyane neenqwelo ezinophahla kuyimfuneko ukuba ifakelwe isixhobo esizivalekelayo
Imizi-mveliso erhweba ngokuhlamba izithuthi kuyimfuneko ukuba basebenzise kwakhona ubuncinane umyinge wama-50% amanzi asetyenzisiweyo kwimisebenzi yayo
Amanzi aselwayo akuvumelekanga ukuba asetyenziselwe ukufumisa intlabathi/isanti yokwakha nezinye izixhobo zokusebenza ngenjongo yokuyithintela ukuba ingaphephetheki
Umthamo wamanzi kumaqula agcina amanzi kwizindlu zangasese akuvumelekanga ukuba ube ngaphezu kwe-9.5 yeelitha
UMTHETHO KAMASIPALA OLAWULA AMANZI AMDAKA NEMISELE YAMANZI AMDAKA AVELA KWIMIZI-MVELISO
Akuvumelekanga ukuba kulahlwe amanzi emvula kuthungelwano lwemijelo yamanzi
Akuvumelekanga ukulahlwa kwamayeza okubulala izitshabalalisi, amayeza okubulala izinambuzane, amayeza okubulala ukhula, i-oyili yezithuthi okanye yemifuno, i-asidi/isimuncu, iipeyinti, izinyibilikisi zezinto ezinokutsha (itramtreni, izicoci-peyinti, njalo, njalo) kuthungelwano lomjelo wamanzi okanye kumjelo wamanzi esitshi (amanzi emvula)
Kuvumelekile ukwenza amalungiselelo okulahlwa kwezi zinto zikhankanywe ngasentla ngokuthi uqhagamshelane neSebe elijongene noLawulo lweNkunkuma ePhathekayo kwiSixeko kule nombolo yomnxeba: 021 487 2911
Izicwangciso zokucocwa kwemijelo yamanzi evalekileyo zinokwenziwa liBhunga ngeendleko zomnini-propati.
Izicwangciso zokucocwa kwemijelo yamanzi evalekileyo ngenxa yeziphene okanye yokuvaleka kwimijelo kamsipala ehambisa amanzi amdaka kuya kwenziwa liBhunga ngaphandle kweendleko
