Isicelo sokufumana inkcazelo kwiNkqubo yeLizwe esebenza ngoMatshini yokuKhupha iNkcazelo yeMiqulu neeNgxelo eziBalulekileyo zeMbali
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
I-NAAIRS incedisa abasebenzisi beendawo ezilondoloza imiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali bachaze kwaye babone ukuba ziphina izibhalo nezinto ezingqamene neemfuno zabo.
I-NAAIRS iqulathe kuphela inkcazelo malunga nezibhalo nezinto ezikwimiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali, hayi uqobo lwezibhalo nezinto zemiqulu.
Isininzi semiqulu neengxelo ezibalulekileyo ziingxelo zoluntu eziselugcinweni lweNdawo yeLizwe enguMthombo noVimba weMiqulu neeNgxelo eziBalulekileyo zeMbali , kunye neendawo zamaphondo eziyimithombo noovimba bemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali. I-NAAIRS ikwafake iincwadi zelizwe zobhaliso lweengxelo ezingezizo ezoluntu eziselugcinweni lweendawo zabucala eziyimithombo noovimba bemiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali, ezingaphezulu kwama 40. Nangona nje ufikelelo loqobo kwimiqulu yeengxelo ezibalulekileyo zembali ingahlawulelwa, uluntu luyahlawuliswa ngokuvelisa iikopi zezi zibhalo neengxelo ukuze baphinde bazisebenzise; nokuba ziikopi zemifanekiso okanye zamaphepha. Nayo imipapasho iyathengiswa.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Cela inkcazelo okanye iikopi ngolu hlobo:
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha iintsuku zokusebenza ezisixhenxe ukuze ubone ukuba ziphina izibhalo nezinto ezikwimiqulu neengxelo ezibalulekileyo zembali.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
