Isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yokurhweba
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yokurhweba kuthetha ukuba wenza imisebenzi efana nokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngenjongo yokurhweba ngazo. Ukuze ungenise iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle , kufuneka wenze isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle nesivunywa nguMphathiswa weMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho okanye umntu onegunya lokwenza oko . Akukho mntu uya kurhweba angenise iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngaphandle kwepemithi. Yenza isicelo sepemithi entsha yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle xa leyo ubunayo iphelelwe lixesha. Ukungaphumeleli ukubambelela kwimiqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwayo.
Akukho nonkala uhleliyo welizwe langaphandle unokungeniswa kweli lizwe.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Funda ifom yokwenza isicelo ngononophelo uze uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko nemiqathango.
Nikezela ngale ngcaciso ilandelayo:
iidilesi zendawo yokuhlala zabantu abathumela iintlanzi apha kwilizwe lokuzalwa amagama awaziwayo nangawenzululwazi eentlobo zeentlanzi ubungakanani beentlobo eziza kungeniswa zamazwe angaphandle.
Ngenisa isicelo sakho kunye nala maxwebhu alandelayo:
Iifom eziyintsusa mazithunyelwe ngeposi, kwaye ukungakwenzi oko, kuya kubangela ukuba ipemithi ingakhutshwa.
Intlawulo yokwenza isicelo eyi-R225 iyafuneka.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Inkqubo yokwenza isicelo ingathatha iintsuku zokusebenza ezisi-7 okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.
Entla
Iindleko
Intlawulo yokwenza isicelo ye-R225 . Intlawulo ixhomekeke ekujongisisweni kwakhona kwaqho ngonyaka okanye ukuqinisekiswa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho okanye abanegunya lokwenza oko ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali .
Iinkcukacha zokubhankisha ukwenzela iNtlawulo yoKwenza isicelo sokuNgenisa iiNtlanzi:
Ikhowudi yesebe: 204109
Inombolo yesalathiso . Nceda uqhagamshelane neZiko laBenzelwa iiNkonzo ku-0861 123 626
Entla
Entla
