Isicelo sesikhokelo serhafu - ukuxhuzulwa ngepesenti esisigxina
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Esi sikhokelo sithunyelwa xa kwenziwe isicelo sokuba umvuzo womrhafi uxhuzulelwe irhafu ngepesenti esisigxina. Umqashi nguye ekufuneka athumele esi sicelo egameni lomqeshwa.
Izikhokelo azitshintsheleki, kwaye xa umqeshwa ethe watshintsha imo yakhe yengqesho, kufuneka kwenziwe isicelo esitsha. Ukubangaba usebenzela abaqashi abaninzi, yenza izicelo zezikhokelo ezohlukeneyo ngokomqashi ngamnye.
Kufuneka iikopi zeencwadi zengqesho, izivumelwano ezizikhontrakthi zenkonzo kunye neminye imiqulu ebandakanyekayo, ukuze kungqinisiswe iimeko nemigaqo yengqesho.
Isikhokelo sokuxhuzula irhafu ngepesenti esisigxina siyakukhutshelwa ixesha elithi ga kwiinyanga ezili 12, kwaye kufuneka sivuselelwe emva koko.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Qinisekisa ukuba imibandela yakho yerhafu ime kakuhle phambi kokuba wenze isicelo sesikhokelo serhafu. I-SARS ayidli ngokusikhupha isikhokelo serhafu ukubangaba kukho iincwadi zokubuyisa zerhafu ongekazibuyisi okanye kukho iintlawulo ongekazenzi.
Faka ezi zinto zilandelayo kwisicelo sakho sesikhokelo serhafu:
Faka le miqulu ilandelayo kwisicelo sakho:
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Sakube sivunyiwe isicelo yi-SARS, kuyakuthunyelwa ubungqina kwisithuba seentsuku ezimbalwa. Kodwa ke, sona isikhokelo esigunyazisiweyo serhafu singathabatha ukuyakutsho kwiiveki ezine.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
