Ukufaka isicelo sesiqinisekiso sokungenisa elizweni isiselo esinxilisayo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Kufuneka isiqinisekiso sokungenisa elizweni ukuze ukwazi ukungenisa isiselo esinxilisayo apha eMzantsi Afrika. Isiqinisekiso sokungenisa elizweni okanye ikopi siya kufuneka phambi kokuba umthwalo ukhululwe kwizibuko lokungena.
Umngenisi elizweni wenza isicelo sesiqinisekiso sokungenisa elizweni kube kanye kubomi bemveliso. Emva koko loo nombolo inye yesiqinisekiso sokungenisa elizweni ingasetyenziswa xa isakhiwo, iziqulatho, ubukhulu bebhotile neleyibhile yemveliso ingaguqukanga.
Isiqinisekiso sokungenisa elizweni asinakufuneka malunga nemveliso engeniswa elizweni equlathe isiselo esinxilisayo esingaphezulu kwesinye ekhulwini ngenjongo yokusela yaye iyinxalenye yomthwalo wobuyena yomntu ofikayo eMzantsi Afrika, ngokuxhomekeke ekubeni iimveliso ezinjalo:
isambuku sazo asigqithi kumthamo weelitha ezili-12 yaye injongo yeyokuba isetyenziswe kuphela nguloo mntu, usapho lwakhe neendwendwe zakhe ezingahlawuliyo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa ifomu yesicelo.
Thumela isampuli yesiselo esinxilisayo esingeniswe elizweni ngobuninzi ngebhotile eqhelekileyo yama-750 ml.
Malunga nemveliso engeniswa ngobuninzi iziqulatho ziya kuhlolwa. Ileyibhile ihlolwa ukuze kufakwe isicelo semvume yesiqinisekiso sokuthengisa.
Kufuneka iCandelo lifumane imali phambi kokuba kukhutshwe isiqinisekiso sokungenisa elizweni.
Isiqinisekiso sokungenisa elizweni siya kukhutshwa xa iziqulatho neleyibhile, kwimo yemveliso engeniswa isebhotileni, yaye kwimeko yemveliso engeniswa ngobuninzi, xa iziqulatho zemveliso zanelisa iimfuno ze-Liquor Products Act, 1989 . Emva koko umthwalo wemveliso ungangeniswa elizweni.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Alikho ixesha elibekiweyo malunga nale nkonzo.
Entla
Iindleko
Uhlahlelo lwesampuli yemveliso eNgeniswa elizweni: R310
Entla
Entla
