Isicelo sokunika ingxelo malunga nesigulo esibangelwa ngumsebenzi kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
NgokoMthetho weMbuyekezo kuMenzakalo neZigulo eMsebenzini, ka-1993, abaqeshwa mabazixele zonke izigulo ezibangelwa ngumsebenzi kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Abaqeshi mabazalise ifom-Ingxelo yoMqeshi ngeSigulo eMsebenzini kwisithuba seentsuku eziyi-14 emva kokuba befumene inkcazelo ngokumalunga nesi sigulo.
UMkhomishinari weMbuyekezo
Abaqeshi mabathumele noku kulandelayo:
ingxelo yonyango yokuqala emalunga nesigulo esibangelwa ngumsebenzi ibango lembuyekezo kwisigulo esibangelwa ngumsebenzi imbali enika inkcazo ngomsebenzi iingxelo zonyango ngokuqhubekayo , de imeko yokugula komsebenzi ibe yezinzileyo ingxelo yonyango yokugqibela emalunga nesigulo esibangelwa ngumsebenzi , yakuba imeko yomsebenzi izinzile ingxelo i-Diagnostic audiogram ukuba umsebenzi uye wangeva ngeendlebe ngenxa yengxolo emsebenzini ingxelo ye-ENT emayihanjiswe ne-Diagnostic Audiogram apho kunokwenzeka iimvavanyo zokusebenza kwemiphunga ukuba isigulo sisemiphungeni iingxelo ngemeko yesikhumba/yolusu ukuba isikhumba/ulusu luyachaphazeleka iziphumo zovavanyo lwegazi, iziphumo zovavanyo lwesikhohlela, iziphumo ze-gesi, njl.njl.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
