Isicelo sokunyusa umrhumo wokurhafela impahla nezinto ezingena eMzantsi Afrika
Inkcazelo
UMrhumo wokuRhafela iMpahla neZinto eziNgenayo ngumrhumo owuhlawulayo xa ungenisa impahla nezinto eMzantsi Afrika. UMrhumo wokurhafela impahla nezinto uhlawulelwa ukunceda amashishini weManyano yokuNgeniswa kweMpahla neZinto yaseMzantsi Afrika ukuze akhuphisane ngeemveliso ezingeniswa kweli lizwe. Umrhumo wokurhafela impahla nezinto ezingenayo uphakamisa uphuhliso oluzinzisekayo lwezoqoqosho ngokuphucula ukukhuphisaneka namazwe ehlabathi nokusebnzisa izinto eziyimfuneko ngeyona ndlela ingcono.
Into ekujoliswe kuyo ngokubanzi kwixesha elide elizayo kukuthoba imirhumo yokurhafela impahla nezinto ezingena kweli, kodwa kunyuswe imirhumo engephi kwiimveliso ezichaziweyo phantsi kweemeko ezikhethekileyo nezizodwa. Ukunyuswa komrhumo kuqwalaselwa ngokuxhaswayo kuphela xangaba oko kunyuswa kuyakwenza igalelo kuphuhliso lwamashishini ngokuhambisana neenjongo zelizwe zoqoqosho.
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa iifom kwiCandelo loPhando ngaMaxabiso eMirhumo yeMpahla neZinto eziNgena eLizweni .
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Esi sicelo sithabatha iinyanga ezine ukuya kwezilishumi elinesibini ukuze siqhubekiswe.
Iindleko
Iindleko zixhomekeka kuhlobo lwemveliso okanye lwempahla nezinto ekubandakanyeka kuzo inkonzo.
