Isicelo sokutshintshelwa iinkcukacha ze-adresi yakho kwiNcwadi yeLizwe yokuBhalisa iNani neeNkcukacha zaBantu
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Abemi baseMzantsi Afrika okanye abantu abaneepemethe zokuhlala isigxina kweli abafuna ukutshintsha ii-adresi zabo zokuhlala okanye zokuposa kwiNcwadi yeLizwe yokuBhalisa iNani neeNkcukacha zaBantu, bangenza izicelo kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Izicelo zingenziwa nakwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Bhala incwadi, kwaye uyithumele ngefeksi okanye uyiposele kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya.
Khupha incwadi yesazisi esebenzisekayo nenomqukumbelo yaseMzantsi Afrika okanye isatifiketi sokuzalwa xa usenza isicelo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiiveki ezi 2.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
