Isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla nezinto ezithile elizweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Le fom yesicelo kufuneka igcwaliswe ngumenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu - kungenjalo isicelo asiyi kuqwalaselwa.
Nceda ubhekise kwisikhokelo sesicelo ukuze sikuncede ngenkqubo yelayisensi.
Kwicandelo elithi Importer Particulars IiNkcukacha zoMngenisi wempahla nezinto ezithile eLizweni, chaza igama lokurhweba leshishini lakho igama nenombolo yesitalato seshishini igama kunye nenombolo yomgangatho wesakhiwo eliqhutyelwa kuso eli shishini ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini; kunye ikhowudi yesitalato sommandla wedolophu elimi kuwo ishishini ngubani oyakubanoxanduva lokubhala nokuthumela imiqulu kwi-South African Revenue Service; kunye nokuba ingaba nguwe oyakubhala kwaye athumele le miqulu, okanye ingaba kuyakutyunjwa i-eyijenti ukuze yenze oku, na.
Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candela.
apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (), susa nayiphina efaneleke njalo.
Kwicandelo le Declaration , faka oku kulandelayo:
oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi.
isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, uMqondisi, uManejala, uMnikazi lo mntu wenza isicelo kufuneka atyikitye ifom yesicelo umhla esisayinwe ngawo esi sicelo indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo
Faka iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:
isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko.
isindululo okanye imvume okanye elinye igunya elibandakanyekayo.
iincwadi zezazisi xa umntu engummi waseMzantsi Afrika imiqulu yepaspoti kwimeko yomntu ongahlali kweli lizwe umntu ubuqu bakhe oogxa bentsebenziswano kwiqumrhu elingavulelekanga okanye kwiqumrhu lokugcina ngentembeko - onke amalungu, ogxa bentsebenziswano okanye amalungu aphathiswe iqumrhu ngentembeko inkampani - bonke abaqondisi, kubandakanywa umqondisi olawulayo kunye nomqondisi wezemali.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
I-SARS ifake imigangatho yokunika iinkonzo eyakungeniswa ngokwezigaba kwisithuba seminyaka emibini . Xa ubhalisa okanye uhlawula, i-SARS ijolisa ekubeni iqhubekise ubhaliso lwakho ngokuchanekileyo kwisithuba seentsuku zokusebenza ezingu 21.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
