Isicelo sepemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Isicelo sokukhuselwa ngumbuso sisicelo somenzi-sicelo sokuba avunywe njengembacu.
Umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ngumntu obaleke elizweni lakhe lemvelaphi ngenxa yokoyika ukungcungcuthekiswa , kwaye ocela ukuvunywa njengembacu - kule meko ke eMzantsi Afrika. Umenzi-sicelo uhlala engumntu ocela ukuvunywa njengembacu ngelilixa isicelo sakhe sisaqwalaselwayo.
Imbacu ngumntu onikwe ubume bokukhuselwa ngokoMthetho weeMbacu .
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ufaka isicelo ngokwakhe kwindawo echongiweyo yoKwamkela iiMbacu, apho kwenziwa ezi zinto zilandelayo:
umenzi-sicelo uqale aphononongwe imeko yakhe umenzi-sicelo unyatheliswa iminwe kuziswa itoliki .
Ipemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso iyashicilelwa, isayinwe, igximfizwe isitampu kwaye inikwe umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso.
IGosa lokuQulungqa uBume beeMbacu liyaqhubeka ngokulamla kule nyewe yesicelo kwaye lithabatha isigqibo malunga nesicelo sokukhuselwa ngumbuso.
Ubume bobumbacu buhlala iminyaka emibini, kodwa imbacu kufuneka ibhale incwadi icele ukuqwalaselwa ngokutsha kobume bobumbacu okanye ukongezelelwa kwexesha lokusebenziseka kobume bobumbacu, kwiinyanga ezintathu phambi kokuba obo bume bobumbacu buphelelwe.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiinyanga ezintandathu.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
