Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina - isicwangciso sokudibanisa usapho
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Le nkonzo isebenziseka kumntu ozakubangumhlali wesigxina onqwenela ukwenza isicelo sokuhlala isigxina ngenxa yokuba eyifemeli yommi okanye yomhlali osisigxina waseMzantsi Afrika kwinqanaba lokuqala lokuzalana. Ngeenjongo zokuhlala isigxina, amalungu efemeli akwinqanaba lokuqala lokuzalana amiselwa njengamalungu enzalelwane kunye nabantwana abamkelwe ngabantu abangabazelanga njengababo ngokwasemthethweni okanye abazali abamkele abantwana abangabazelanga njengababo ngokwasemthethweni kunye nabazali bomnye umtshato .
Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwindlu yozakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Ummi okanye umhlali osisigxina waseMzantsi Afrika makahambise isibhengezo sesithembiso malunga noxanduva lwezemali, unyango kunye nesiqu somenzi-sicelo. Kodwa ke, xa isihlobo ingumzali womntwana ongekabinalungelo lokuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, akukho mfuneko yesibhengezo sesithembiso.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.
Entla
Iindleko
Entla
Entla
