Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ipaspoti yomntwana yincwadi efunekayo ukuze umntwana ahambele kwelinye ilizwe. Ipaspoti yomntwana ikhutshelwa abantwana baseMzantsi Afrika abangaphantsi kweminyaka eli 16 ubudala. Iyasebenza kuwo wonke amazwe ahanjelwayo, ngaphandle kokuba kugunyaziswe ngolunye uhlobo. Isebenza iminyaka emi 5 ukusukela kumhla wokukhutshwa kwayo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa isatifiketi sokuzalwa somntwana.
Khupha iifoto zomntwana ezimbini zepaspoti, zakutshanje.
Akunyatheliswa minwe.
Kufuneka imvume yabazali bobabini okanye abalondolozi phambi kokuba umntwana anikwe ipaspoti.
Khupha isatifiketi sokubhubha ukubangaba omnye wabazali akasekho.
Phantsi kweemeko ezithile xa kungakwazeki ukuba loo mzali anike imvume kwifom yesicelo, makufunyanwe imvume ebhalwe encwadini kulo mzali ungekhoyo.
Kwiimeko apho umzali alayo ukunika imvume, inkundla ejongene nemibandela elolu hlobo, mayenze isigqibo ngalo mba. Ikopi yomyalelo obandakanyekayo wenkundla mayihanjiswe nale fom yesicelo sepaspoti.
Ukubangaba abazali baqhawule umtshato , kufuneka imvume yabo bobabini abazali, ngaphandle kokuba umyalelo wenkundla uchaza ngenye indlela .
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Entla
Entla
