Isicelo sepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle ngenjongo zokurhweba
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukulobela ukurhweba kukwenza umsebenzi onxulumene nokuloba ofana nokuthumela iintlanzi zolwandle kumazwe angaphandle ngenjongo yokuzithengisa. Ukuze uthumele iintlanzi zolwandle kumazwe angaphandle okanye ngaphandle kwemida yeRiphabliki yoMzantsi Afrika, kufuneka wenze isicelo sepemithi yokuthumela kumazwe angaphandle nesivunywa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho Minister of Environmental Affairs and Tourism okanye omnye umntu onegunya lokwenza oko. Akukho mntu uya kuthumela iintlanzi zolwandle kumazwe angaphandle ngaphandle kwepemithi. Xa ipemithi yokuthumela kumazwe angaphandle ebikho iphelelelwe emva kweenyanga ezintathu, kufuneka wenze isicelo sepemithi entsha. Ukungaphumeleli ukubambelela kwimiqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwepemithi.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo sepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle.
Nikezela ngale ngcaciso ilandelayo:
iidilesi zendawo yokuhlala zabantu abangenisa iintlanzi zamazwe angaphandle kwelo lizwe ziya kulo amagama awaziwayo nangawenzululwazi eentlobo zeentlanzi ubungakanani beentlobo eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle kwimeko yaxa kukho i-arhente ebandakanyekayo, kufuneka kuqhotyoshelwe isivumelwano phakathi kwamaqela achaphazelekayo amabini kunye neekopi zezazisi zabo banelungelo lokusayina iikopi zamaxwebhu eenkcukacha-manani zokulotyiweyo kufuneka zibonelelwe kuzo zonke iintlobo ze-bigeye tuna, southern bluefin tuna, swordfish, Antarctic toothfish, ne-Patagonian toothfish ezithunyelwe phantsi kwepemithi yokuthumela kumazwe angaphandle yethuba langaphambili.
Ukuba umenzi-sicelo wepemithi yokuthumela iintlanzi kumazwe angaphandle akanguye umnikazi onelungelo lokuloba , makanikezele ngala maxwebhu alandelayo:
ubungqina beedilesi zendawo yokuhlala zabathengisi beentlanzi zolwandle eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle amagama awaziwayo nangawenzululwazi eentlobo zeentlanzi eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle ubungakanani beentlobo eziza kuthunyelwa kumazwe angaphandle.
Intlawulo yokwenza isicelo eyi- R225 iyafuneka.
Izicelo zentsusa mazithunyelwe ngeposi, ukuze ingakhutshwa ipemithi xa ungakwenzanga oko.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Inkqubo yokwenza isicelo ingathatha iintsuku ezisi-7 kwezomsebenzi okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.
Entla
Iindleko
Kufunwa intlawulo yokwenza isicelo eyi-R225 . Intlawulo ixhomekeke ekujongisisweni kwakhona kwa qho ngonyaka okanye ukuqinisekiswa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho okanye umntu onegunya lokwenza oko ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali .
Iinkcukacha zokubhankisha ukwenzela intlawulo yokwenza isicelo sepemithi yokuthumela iiintlanzi kumazwe angaphandle:
Ikhowudi yeSebe: 204109
Entla
Entla
