Isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukulobela ulonwabo kukwenza imisebenzi emalunga nokuloba efana nokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo. Ukuze ungenise intlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo , kufuneka wenze isicelo sepemithi yokungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle nesivunywa nguMphathiswa weSebe lokusiNgqongileyo noKhenketho okanye omnye umntu onegunya lokwenza oko. Iintlanzi zamazwe angaphandle mazingathengiswa, kodwa mazisetyenziselwe injongo yokuba zityiwe okanye zisetyenziswe. Akukho mntu uya kungenisa iintlanzi zolwandle zamazwe angaphandle ngaphandle kwepemithi yokungenisa iintlanzi ngenjongo yolonwabo. Kufuneka wenze isicelo sepemithi entsha yokungenisa intlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo xa leyo ibikho iphelelwe. Ukungaphumeleli ukubambelela kule miqathango yepemithi kunganeziphumo zokunqunyanyiswa okanye ukurhoxiswa kwepemithi.
IiPemithi zokungenisa iintlanzi zamazwe angaphandle ngenjongo yolonwabo ezikhutshelwa ukulungiselela ukusetyenziswa ngabantu okanye ukutyiwa ziya kuba semthethweni kangangethuba lolo hambo lokuya nokubuya kwilizwe ekuyiwa kulo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa iifom zokwenza isicelo ezifanelekileyo uze uzingenise kwiSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho , kunye nale ngcaciso ilandelayo:
imihla yokumka nobuyela eMzantsi Afrika igama lelizwe ekuyiwa kulo malichazwe iziko eliyi-ofisi yemida yaseMzantsi Afrika eya kusetyenziswa xa kubuyelwa eMzantsi Afrika ubungqina bedilesi yendawo yokuhlala, iinombolo zefowuni neenombolo zefeksi zaseMzantsi Afrika cacisa ukuba iintlanzi ziya kungeniswa zinjani na kweli lizwe /Zibandisiwe /njl.njl.
Nceda uqaphele:
Yenza isicelo ubuncinane kwiiveki ezimbini phambi kokumka kwakho ukuvumela ithuba lokusingathwa kwaso
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Iinkcukacha zokubhankisha zezi zilandelayo:
Ikhowudi yesebe: 204109
Entla
Entla
