Isicelo sokubhalisa imanyano yamabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo
Inkcazelo
AmaBhunga eeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo ajongana nezivumelwano ezihlanganelweyo, asombulula iimpikiswano zemiba yezabasebenzi, aseka izicwangciso zezikim ezithile kwaye aphawule kwimigaqo nemithetho yezabasebenzi.
Imibutho yabasebenzi kunye nemibutho yabaqashi ingenza izicelo zokuseka amabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.
Amabhunga amanyanayo eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo angenza isicelo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi kwiSebe leZabasebenzi ukuze abhalise imanyano yamabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo. Naliphina ibhunga leengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo lingagqiba ekubeni limanyane nelinye ibhunga okanye namabhunga amaninzi eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi ukuze ubhalise imanyano yamabhunga eengxoxo nezigqibo ezihlanganelweyo.
Hambisa ezi ncwadi zilandelayo kuMphathi woBhaliso woBudlelwane beZabasebenzi:
Iikopi ezimbini zeSicelo soBhaliso lweBhunga leeNgxoxo neZigqibo eziHlanganelweyo
Isatifiketi esiphuma kwibhunga ngalinye esibonisa ukuba esi sindululo siyahambisana nemigaqo-siseko yala mabhunga.
Faka isatifiketi esibonisa ukumelwa ngokufanelekileyo kwabo bonke ababandakanyeki
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha iintsuku ezingama 60 ukuze kuqhubekiswe isicelo.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
