INGABA KUKHO INGXAKI?
Nguwe kuphela onokuwuphendula lo mbuzo, yaye isenokungabi yinto elula leyo.
Phendula le mibuzo ilandelayo ngokunyanisekileyo yaye ukuba ugqiba ekubeni uyalufuna uncedo, iziko loncedo ngomnxeba leSixeko saseKapa sikho ukunceda wena. Sikho isisombululo !
Ingaba ukhe ubusele utywala okanye usebenzise iziyobisi uwedwa?
EWE
HAYI
Ingaba wakhe wazama ukuyeka okanye ukuyilawula indlela osela ngayo utywala okanye osebenzisa ngayo iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba usapho nabahlobo bakho bakhathazekile yindlela osela ngayo utywala okanye osebenzisa ngayo iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba ukhe uzive unentloni okanye unesazela ngendlela osela ngayo utywala okanye osebenzisa ngayo iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba indlela osela ngayo utywala okanye osebenzisa ngayo iziyobisi yenza intlalo yekhaya lakho ibe yengenalonwabo?
EWE
HAYI
Ingaba umsebenzi/indlela oqhuba ngayo esikolweni ibe semngciphekweni ngenda yokusela okanye yokusebenzisa kwakho iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba wakhe waxoka ngendlela osele ngayo utywala okanye ngokuba usebenzise ziphi na iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba wakhe waba nto ithile ukuze uthenge utywala okanye iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba wakha wabuba utywala okanye iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba wakha wabanjwa ngenxa yokusela utywala okanye ngenxa yesiganeko esithile esinxulumene neziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba into yokuthenga utywala okanye iziyobisi ukhe uyibeke phambili kuzinye iingxaki ezibalulekileyo zemali?
EWE
HAYI
Ingaba wakhe waya kwagqirha okanye waneengxaki zempilo ngenxa yokusela utywala okanye ngenxa yokusebenzisa iziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba amaxesha amaninzi uqala usele utywala okanye usebenzise iziyobisi kusasa?
EWE
HAYI
Ingaba uhlala ucinga ngotywala okanye ngeziyobisi ixesha elininzi?
EWE
HAYI
Ingaba uyabaphepha abantu okanye iindawo abangayithandiyo into yokusela kwakho utywala okanye yokusebenzisa iziyobisi?
EWE
HAYI
EWE
HAYI
Ingaba uyaqhubeka usela utywala okanye usebenzisa iziyobisi nangona oku kukwenzela izinto ezimbi?
EWE
HAYI
Ingaba ukhe ucinge ukuba mhlawumbi uphambene?
EWE
HAYI
Ingaba uziva ungenakho ukuphila ngaphandle kotywala okanye kweziyobisi?
EWE
HAYI
Ingaba ucinga ukuba unengxaki yotywala okanye yeziyobisi?
EWE
HAYI
UBUSAZI NA ...?
IKapa neNtshona Koloni zezona ndawo zinelona qondo liphezulu lolutsha oluselayo (34%). I-avareji kwisizwe siphela ngumyinge wama-23%
Phakathi kwesinye kwisithathu ukuya kwisiqingatha sabo bathi bavalelwe eKapa, eThekwini naseRhawutini bafunyanwa benamatyala adweliswa phantsi koluhlu "lobundlobongela basemakhaya" nabathi bamangalelwe bephantsi kweempembelelo zegqabi likalonji ngexesha kusehla olo lwaphulo-mthetho batyholwa ngalo
Kubafundi abenza ibanga le-8 nele-11 eKapa, amathuba okuphinda ibanga elinye esikolweni likumyinge wama-60% ngaphezulu kubafundi abasela utywala
IZIKHOKELO ZOKUSEBENZISA UTYWALA:
Umzimba womntu omdala uthatha iyure okanye ngaphezulu ukuba ukhuphe iyunithi enye yotywala kuwo
Amakhosikazi achaphazelaka ngakumbi kukusela utywala kunamadoda
Iyunithi enye yotywala ichaphazela indlela oqhuba ngayo...kungcono ukutyeshele ukuqhuba emva kokuba usebenzise nokuba bobuphi na utywala
Ngokwe-avareji, iyunithi enye = 0.02 g egazini. Umlinganiselo osemthethweni ungaphantsi kwe-0.05g egazini lakho
IYUNITHI ENYE =
OKANYE
OKANYE
QAPHELA: Ezi nkcukacha zikhutshwa ngenjongo yokunika isikhokelo.
IiNkonzo zoKwazisa uLuntu ngokuBuyela kwimeko yesiqhelo nokubaFundisa
SEBENZISA UTYWALA NEZIYOBISI
