IPHONDO LENTSHONA KOLONI
UMTHETHO OSAYILWAYO
WOTYWALA WENTSHONA
KOLONI
Njengoko wazisiwe
UMPHATHISWA WEZOKUSINGQONGILEYO, UCWANGCISO NOPHUHLISO LWEZOQOQOSHO
UMTHETHO OSAYILWAYO
Olungiselelwe ukukhutshwa kweelayisenisi zokuthengisa utywala, ukwenziwa kotywala nokwenziwa kotywala besiNtu apha eNtshona Koloni; ukusekwa kweBhodi yoTywala yeNtshona Koloni kunye neekomiti zayo, ukuseka izigqeba zezotywala; ukulungiselela ukuqeshwa kwamagosa kunye nabahloli bokujongana kuphela nemicimbi yotywala; ukulungiselela ukubekwa koomasipala njengabagunyaziswa beBhodi yoTywala nanjengeziphathamandla ezinikwe amagunya.
NJENGOKO uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni (''uRhulumente'') ekuqonda ukuba ushishino lotywala kwiidolophu, iziphaluka nakumashishini asemibindini yeedolophu ezazifudula zizezabantu abaMhlophe nasezifama belusoloko lulawulwa ngemithetho ngemithetho ebimana ukulungi-lungiswa, ize imana ukuvandlakanywa apha ekuhambeni kweminyaka ngeenjongo zokuba ihambelane neemfuno zikarhulumente olawulayo ngelo xesha ngakwicala lezopolitiko, kwicala lezentlalo nakwicala lezoqoqosho;
NANJENGOKO kuza kuqulunqwa isikhokelo sokulawulwa koshishino lotywala olukhoyo, ngoku phantsi kwemiqathango yoMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika ka-1996 nangeyemigaqo-nkqubo yesizwe kunye neyamaphondo, kwaye ekwenzeni njalo ziya kuthathelwa ingqalelo iimfuno zorhwebo lotywala kwakunye nezabahlali;
NANJENGOKO uRhulumente ekuqonda ukwahlukana kweentlobo zoshishino lotywala apha kweli Phondo leNtshona Koloni (''iPhondo''), ekuxabisile kananjalo nokubaluleka kwezi ntlobo zalo zahlukeneyo ngegalelo lazo kuqoqosho lwePhondo eli nakoloMzantsi Afrika ngokubanzi;
NANJENGOKO uRhulumente efuna ukuba afumane iindlela zokunciphisa ubuchithi obenziwa entlalweni yoluntu ngokubanzi kukusetyenziswa kotywala ngokugqithisileyo;
NANJENGOKO uRhulumente efuna ukuba afumane iindlela zokubandakanya oomasipala beli Phondo kulawulo loshishino lotywala;
GOKO KE APHA KUWISWA UMTHETHO yiPalamente yePhondo leNtshona Koloni ngokolu hlobo lulandela ngezantsi apha:--
IZIQULATHO
ISAHLUKO 1 UKUTOLIKWA
Inkcazo yamagama
ISAHLUKO 2 5 IBHODI YOTYWALA YENTSHONA KOLONI NESIGQEBA SEZIBHENO
Ukusekwa kweBhodi
Amalungu eBhodi
Imiqathango yokunyulwa
Ubude bexesha lobulungu 10
Ukuyekiswa ebulungwini
Amagunya nomsebenzi weBhodi
Iintlanganiso nezigqibo zeBhodi
Inkxaso-mali yeBhodi 15
Uhlolo-zincwadi neeNgxelo zoNyaka
Iingxoxo zeBhodi
Iikomiti zeBhodi
Isigqeba sezibheno
ISAHLUKO 3 20 IMIVUZO NOLAWULO LWEBHODI YOTYWALA NESIGQEBA SEZIBHENO
Imivuzo yamalungu nomchopheli weSigqeba seZibheno
Ulawulo lweBhodi neSigqeba seZibheno
Ingeniso ekhulayo kwiMali eyiLiyenza ngokwalo iPhondo, iBhodi yoTywala okanye koomasipala 25
ISAHLUKO 4 INXAXHEBA YOOMASIPALA
Izigqeba zotywala 30
Iintlobo 35
Isaziso sokufaka isicelo
Izicelo ezilindele ukuhlolwa 40
Umelo
Uqwalaselo lwezicelo
Ukufaneleka kweendawo
Imfundo noqeqesho
Ulwamkelo olunemiqathango
Ukusweleka okanye ukulimala komntu obefake isicelo
ISAHLUKO 6
IMIQATHANGO YEELAYISENISI
Ukuhanjiswa
Uchaphazeleko ngokwasezimalini
Ulawulo
Iinguqulelo kwiindawo ezinikwe iilayisenisi
Abantwana
Abaqeshi nabasebenzi
Ukungena kumasango eendawo ezinikwe iilayisenisi
Ukugcinwa kotywala
Indawo yokuthengisela
Amaxesha okuvula
ISAHLUKO 7
ISAHLUKO 8IXESHA LOKUSEBENZA KWEELAYISENISINEEPEMETHI NOKUHLAZIYWA KWAZO
Izicelo zohlaziyo
ISAHLUKO 9
Ukushiywa kweendawo nokusweleka okanye ukulimala komnini-layisenisi
ISAHLUKO 10
IZIBHENO
Izibheno eziya kwiSigqeba seZibheno
ISAHLUKO 11
Imiyalelo yexeshana
Ukurhoxiswa okwexeshana, ukutshitshiswa nokuphelelwa kweelayisenisi
Ukubekwa kwamagosa okujongana nezotywala nabahloli nemisebenzi yabo
Amagunya amagosa ajongene nezotywala nabahloli
Amagunya amagosa oxolo ngokubanzi
Utyeshelo lomthetho malunga neenkcukacha
Utyeshelo lomthetho malunga neentlanganiso zeBhodi nezeSigqeba seZibheno
Utyeshelo lomthetho malunga namapolisa nabahloli
Izithuthi
Iigaraji
Ukusilela ekuthobeleni umyalelo weBhodi
Izaphulelo
Ubungqina
Izaziso ngezempilo
Izohlwayo
ISAHLUKO 13IMIGAQO, IZILUNGISELELO ZEXESHANANESIHLOKWANA ESIFUTSHANE
Imigaqo
Izilungiselelo zexeshana
Isihlokwana esifutshane
ISAHLUKO 1
UKUTOLIKWA
Iinkcazelo
Kulo Mthetho, ngaphandle ke kwalapho indlela elisetyenziswe ngayo nendawo elisetyenziswe kuyo igama ilinika enye intsingiselo, xa kusithiwa-- ''iSigqeba seZibheno'' kubhekiselwe kwisigqeba seZibheno esimiselwe phantsi kwemiqathango yecandelo 13 ; ''iBhodi'' kubhekiselwe kwiBhodi yoTywala yeNtshona Koloni emiselwe phantsi kwemiqathango yecandelo 2; ''uSihlalo'' kubhekiselwe kusihlalo weBhodi obekwe phantsi kwemiqathango yecandelo 3 (a) okanye kulowo mntu ubambele njengoSihlalo xa sukuba engekho lowo unguSihlalo; ''iGosa eliLawulayo eliyiNtloko'' kubhekiselwe kuloo mntu umiselwe phantsi kwemiqathango yecandelo 16 ; ''iforam yasekuhlaleni yezobupolisa'' kubhekiselwe kwiforam yasekuhlaleni esekwe phantsi kwemiqathango yecandelo 19 loMthetho oyiSouth African Police Services Act, 1995 (uMthetho 68 ka-1995); ''isiphathamandla esinegunya'' kubhekiselwe kwiBhodi, okanye umasipala, othe wanikwa amagunya phantsi kwemiqathango yecandelo 18; ''uMgaqo-siseko'' kubhekiselwe kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, 1996; ''umhla wokukhutshwa'' kubhekiselwe kulowo mhla ithe yakhutshwa ngawo ilayisenisi okanye ipemethi; ''uSekela-Sihlalo'' kubhekiselwe kulowo mntu uthe wabekwa phantsi kwemiqathango yecandelo 3 (b); ''igosa elijongene nezotywala elikhethiweyo'' kubhekiselwe kulowo mntu uthe wabekelwa zona phantsi kwemiqathango yecandelo 60 ; ''iziyobisi'' kubhekiselwe kuyo nayiphi na into ekhobokisayo, nayiphi na into enobungozi bokukhobokisa okanye kuyo nayiphi na into engamkelekanga ekhobokisayo njengoko kuchazwa kuMthetho oyiDrug and Drug Trafficking Act, 1992 (uMthetho 140 ka-1992); ''ilungu lefemeli'' kubhekiselwe kumlingane womntu, okanye kumntwana wakhe, okanye kumzali wakhe, kumntakwabo okanye udade wabo, nokuba oko kuzalana kuvele ngenxa yokuzalwa okanye ngenxa yomtshato okanye lolobuzali obumiselwe ngomthetho (adoption). ''uchaphazeleko ngokwasezimalini'' kubhekiselwe ekubeni ngumnini wezabelo eNkampanini, uchaphazeleko kwiNkampanana encinane eyiClose Corporation, uchaphazeleko kubuhlakani nochaphazeleko kwishishini okanye kwilinge lorhwebo olwenza ukuba lowo uchaphazelekayo akwazi ukuba axhamle kwiinzuzo zelo shishini okanye zelo linge, iinzuzo ezo ezibandakanya nengenelo yelo shishini okanye yelo linge; ''umhloli'' kubhekiselwe kulowo mntu uthe wabekwa ukuba abe ngumhloli phantsi kwemiqathango yecandelo 60 ; ''ukukhutshwa'', ngokuphathelele kwilayisenisi, kubandakanya ukuhanjiswa okanye ukunikezelwa kwelayisenisi kulowo mntu ithe yanikwa yena okanye kulowo mntu ungumgunyaziswa wakhe; ''ilayisenisi'' kubhekiselwe kwilayisenisi leya ikhankanywe kwicandelo 21; ''umntu onikwe ilayisenisi'' kubhekiselwe kulowo mntu uye wakhutshelwa ilayisenisi phantsi kwemiqathango yecandelo 33 okanye lowo ithe yadluliselwa kuye phantsi kwemiqathango yecandelo 54; ''ishishini elinelayisenisi'' kubhekiselwe kwishishini elinokuthi liqhutywe kuloo ndawo ikhutshelwe ilayisenisi njengoko kugunyazisiwe yiBhodi; ''indawo ekhutshelwe ilayisenisi'' kubhekiselwe kwindawo apho kunokwenziwa utywala, buthengiswe, buselwe okanye bugcinwe phantsi kwemiqathango yalo Mthetho; ''utywala'' kubhekiselwe kuyo nayiphi na into elulwelo okanye nenye into nje equlathe ngaphezu kwe-1% ye-alkhoholi (yegrangqa) ngokomthamo okanye ngobunzima, into leyo ebandakanya utywala besiNtu, iwayini yaseta.leni, kodwa ke kungabandakanywa nesipirithi, neyeza elifanele kuya kubhaliswa phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiMedicines and Related Substances Control Act, 1965 (uMthetho 101 ka-1965) kunye nezinye iimveliso ezingenzelwanga ukuba zityiwe ngabantu; ''uMthetho woTywala'' kubhekiselwe kumthetho wesizwe oyiLiquor Act, 2003 (uMthetho 59 ka-2003); ''isigqeba sezotywala'' kubhekiselwe kwisigqeba sezotywala esimiselwe phantsi kwemiqathango yecandelo 18 (d); ''imanejala'' kubhekiselwe kulowo mntu ubekwe phantsi kwemiqathango yecandelo 40 ; ''ukuvelisa'' kubhekiselwe ekuvelisweni okanye ekufakweni kotywala ezibhotileni ngeenjongo zokubuthengisa; ''umvelisi'' kubhekiselwe kulowo mntu ubhaliswe njengomvelisi phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act;
ilungu'' kubhekiselwe kulowo mntu ulilungu leBhodi; ''uveliso oluncinane'' kubhekiselwe kuveliso lotywala ngokomthamo omiselweyo okanye ngaphantsi komthamo omiselweyo phantsi kwemiqathango yecandelo 4 loMthetho oyiLiquor Act, kwaye nomvelisi walo ukwanale ntsingiselo; ''uMphathiswa'' kubhekiselwe kuMphathiswa wephondo osingathe imicimbi yezoqoqosho kwiPhondo eli; ''isithuthi'' kubhekiselwe kwisithuthi esenzelwe okanye esilungiselelwe ukuba siqhutywe sihanjiswe endleleni ngamafutha, ngegesi okanye ngombane, kwaye ke kubandakanywa itreyila okanye nayo nayiphi na into yokusebenza kwezolimo etsalwa seso sithuthi; ''umasipala'' kubhekiselwe kumasipala osekwe phantsi koMthetho oyiLocal Government: Municipal Structures Act, 1998 (uMthetho 117 ka-1998) waza wamiselwa phantsi kwemiqathango yecandelo 16; ''ipemethi'' kubhekiselwe kwiphepha elikhutshwa ngumasipala elikhuphela isiyunguma esithile esisodwa phantsi kwemiqathango yecandelo 48 okanye elikhuphela intengiso yotywala besintu phantsi kwemiqathango yecandelo 49 lalo Mthetho; ''indawo'' kubhekiselwe kwindawo okanye umhlaba okanye isakhiwo okanye inxenye yesakhiwo okanye inqanawe/isikhephe okanye inqwelomoya okanye isithuthi; ''ukumisela'' kubhekiselwe ekumiseleni ngokomgaqo phantsi kwemiqathango yalo Mthetho; ''iPhondo eli'' kubhekiselwe kwiPhondo leNtshona Koloni; ''urhulumente wephondo'' kubhekiselwe kurhulumente wePhondo leNtshona Koloni; ''umntu obhalisiweyo'' kubhekiselwe kumntu obhaliswe njengomvelisi okanye umhambisi phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act; ''ivenkile yokutya'' kubhekiselwe kwishishini elithengisa isikakhulu igrosari nezinto ezityiwayo; ''ukuthengisa'' kubandakanya ukuthengisela, ukwananiselana, ukuthengisa, ukubeka izinto emboniselweni ngeenjongo zokuzithengisa okanye zokugunyazisa okanye zokuvumela okanye zokubonisa izikhokelo zentengiso, zentengiselwano, zolwananiselwano, zokuzibonisa; ''isiyunguma esisodwa'' kubhekiselwe kwisiyunguma sokunyusa ingxowa yemali okujoliswe kumbutho wemfundo okanye wentlalontle, nakuwo nawuphi na umboniso, indibano yemidlalo, isiyunguma sikawonke-wonke, indibano yezenkcubeko, okanye indibano yezobugcisa; uMphathiswa unoluvo lokuba eso senzo solwaphulo-mthetho asithethi ukuba umntu lowo akanakulunga ekubeni anikwe isikhundla esithile; okanye ukunika'' kubhekiselwe, ngokubhekisele etywaleni, ekunikeni umntu okanye ekumnikeni ulawulo lwabo;
iwayini yeta.le'' kubhekiselwe kwiwayini njengoko kuchazwa kwicandelo 1
ISAHLUKO 2
IBHODI YOTYWALA YENTSHONA KOLONI NESIGQEBA SEZIBHENO 10
Ukusekwa kweBhodi yoTywala yeNtshona Koloni
 IBhodi yoTywala ethe yamiselwa apha kweli Phondo phantsi kwemiqathango ycandelo 5 loMthetho oyiLiquor Act, 1989 (uMthetho 27 ka-1989), njengoko wenziwe izilungiso, neqhubayo ukubakho kunjalo nje isebenze phantsi kwegama leBhodi yoTywala yeNtshona Koloni, ihamba ngokwemiqathango yalo Mthetho, oku kanye 15
ngathi yaye yasekwa phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
IBhodi le sisigqeba esizimeleyo esinokuthatha nesinokuthathelwa amanyathelo omthetho, esihamba kuphela ngokoMgaqo-siseko nemiqathango yomthetho.
IBhodi le kufuneka ukuba imisebenzi yayo iyenze ngokwemiqathango nemimiselo yalo Mthetho, ingakhethi cala, ingabi naloyiko, ingabi nalwaphulelo 20
Amalungu eBhodi yoTywala
 IBhodi le kufuneka ukuba inyulwe nguMphathiswa, kunjalo nje ibe nala malungu alandelayo:
a ilungu elinye elinoqeqesho kwizifundo zomthetho ezikwinqanaba elinye nelo 25
libekwa njengomqathango wokwamkelwa njengegqwetha okanye igqwetha leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika (igqwetha lejaji) libe namava kumsebenzi wezobulungisa, nelinyulwa nguMphathiswa njengoSihlalo;
kunye b namalungu angadlulanga kwamathathu 3 aphumele uqeqesho kwezi zifundo 30
zixelwe kumhlathana (a) ngentla apha nayulwe nguMphathiswa njengoSekela-sihlalo/njengooSekela-sihlalo; kunye c neGosa eliLawulayo eliyiNtloko elinyulwe phantsi kwemiqathango yecandelo 16 ; kunye d nelungu elinye eliphumelele uqeqesho kwizifundo ezikwinqanaba elinye 35
neziya zifuneka njengomqathango wokubhaliswa njengomcwangcisi weedolophu okanye wezithili, elinyulwe nguMphathiswa emva kokuba edlene iindlebe noMphathiswa osingathe ucwangciso lophuhliso apha kwiPhondo eli; kunye e nelungu elinye eliligosa elilipolisa elikwinqanaba lobuNtsumpa okanye 40
ngentla apha, nelinyulwe nguMphathiswa emva kokudlalna iindlebe noMkhomishinala weeNkonzo zaMapolisa oMzantsi Afrika weli Phondo kunye noMphathiswa osingathe ukhuseleko loluntu wePhondo eli; kunye f namalungu amabini angabemi beli Phondo; kunye g namalungu ongezelelweyo angadlulanga kwisithandathu 6 anolwazi 45
olulodwa okanye anoqeqesho lobungcali olulodwa anyulwe nguMphathiswa emva kokuba edlene iindlebe noSihlalo, ukuze asebenze njengamalungu ekomiti.
Imiqathango yokunyulwa
Akukho mntu unokunyulelwa ukuba asebenze njengelungu lale Bhodi ukuba 50
ngaba:
a kwesi sithuba sale minyaka ilishumi 10 idlulileyo waye wabanjwa wagwetyelwa ukuya kuvalelwa entolongweni ngaphandle kokunikwa ifayini ngenxa yesenzo solwaphulo-mthetho esithile, ngaphandle kokuba kwesi sithuba sale minyaka ilishumi idlulileyo waye wabanjwa wagwetywa ngenxa yesenzo solwaphulo-mthetho phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act, 1989 (uMthetho 27 ka1989), ngaphandle kokuba uMphathiswa unoluvo lokuba lokuba eso senzo solwaphulo-mthetho asithethi ukuba umntu lowo akanakulunga ekubeni anikwe isikhundla esithile; okanye utshone ematyaleni akavela nangonwele; okanye ungaphantsi kwamashumi amabini ananye ngobudala; okanye unochaphazeleko analo kushishino lotywala olunokubangela ungquzulwano lweenjongo; okanye ulilungu lefemeli yomntu onochaphazeleko oluthe ngqo kushishino lotywala, ngaphandle kokuba uMphathiswa unoluvo lokuba uchaphazeleko lowakwakhe okanye lomlingane wakhe ongundofanaye kushishino lotywala aluthethi ukuba umntu lowo akanakulunga ekubeni anikwe isikhundla esithile.
Ubude bexesha lobulungu
 Ngaphandle kwaloo mntu unyulwe njengeGosa eliLawulayo eliyiNtloko, amalungu anyulelwa ixesha elingadlulanga kwiminyaka emihlanu , kwaye ke anakho ukuba angaphinda anyulwe esinye isithuba esingadlulanga kwesinye , ekupheleni kwexesha lobulungu bawo.
Isithuba esithe savuleka kule Bhodi sinokuvalwa ngokuthi uMphathiswa anyule elinye ilungu.
Ukuyekiswa ebulungwini
UMphathiswa usenokuliyekisa ilungu ebulungwini xa ngaba elo lungu lithe:
alabikho ezintlanganisweni zeBhodi le zada zantathu ubuncinane zilandelelana ngaphandle kwesizathu esivakalayo elithe lasixela; okanye laphelelwa kukufaneleka phantsi kwemiqathango yecandelo 24; okanye langenisa isicelo kuMphathiswa sokuba liyeke ebulungwini; okanye layeka ukuba ngumhlali weli Phondo.
Amagunya nemisebenzi yeBhodi yoTywala
 IBhodi le ingayiqwalasela nayiphi na le micimbi ilandelayo:
izicelo ezenziwe phantsi kwemiqathango yalo Mthetho; okanye izimvo ezithe zavakaliswa zixhasa okanye zichasa ukwamkelwa kwezo zicelo; okanye iingxelo ezithe zangeniswa kuyo ngamagosa otywala, ngabahloli, zizigqeba zezotywala okanye ngamagosa oomasipala; okanye izikhalazo ezithe zangeniswa kwiBhodi le ngokuphathelele kwindlela eliqhutywa ngayo ishishini lotywala elithile elinelayisenisi; okanye izimvo ezithe zavakaliswa ngulowo mntu unelayisenisi okanye omnye umntu nje ochaphazelekayo ngokuphathelele ekuphelisweni kotshitshiso lwelayisenisi okwexeshana okanye ekususweni okanye ekwenziweni izilungiso kwayo nayiphi na imiqathango ebibekelwe ilayisenisi; okanye izibheno ezifakelwa izigqibo zoomasipala zokukhupha okanye zokwala ukukhupha iipemethi; okanye nawo nawuphi na omnye umcimbi oziswe kwiBhodi le liGosa eliLawulayo eliyiNtloko okanye lowo iBhodi ibona ukubaingwuqwalasela okanye kufuneka ukuba iwuqwalasele phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
nawo nawuphi na omnye umcimbi anokuthi uMphathiswa ayinike igunya lokuba iwenze iBhodi le.
Ngaphandle kwakwimihlathana (a), (b), (e), (f) kunye nowe-(h) ngentla apha, uSihlalo unalo igunya lokuba ale ukubiza intlanganiso yeBhodi le, xa ngaba ngokoluvo lwakhe loo ntlanganiso akukho mfuneko yayo ngokwezi nkcukacha zibekwe phambi kwakhe.
IBhodi isenokuthi, emva kokuba iwuqwalasele nawuphi kule micimbi ichazwe ku:
a 1a kunye naku-b, isikhabe okanye isamkele isicelo phantsi kwayo nayiphi na imiqathango ebona ukuba yimiqathango efanelekileyo;
b 1c, d okanye g:
isichithe isikhalazo eso; okanye ii iyirhoxise ilayisenisi leyo; okanye iii iyimise okwexeshana ilayisenisi leyo njengenyathelo lokohlwaya okanye lokululeka; okanye iwisele loo layisenisi nayo nayiphi na loo miqathango inokuthi iyibone ifanelekile; okanye imyalele lowo mntu unaloo layisenisi ukuba ahlawule leyo fayini inokuthi iyibone ifanelekile; okanye vi ithathe nalo naliphi na inyathelo enokuthi ilibona lifanelekile.
e, izichithe ezo zimvo okanye ikurhoxise ukumiswa okwexeshana okanye loo miqathango ibiye yawiswa; okanye f, isamkele okanye isikhabe eso sibheno.
IBhodi isenokuthi nangaliphi na ixesha lokufaka kwesicelo ngumntu onelayisenisi orhoxisiweyo, ukuxuthwa okanye ilungise nawuphi na umqathango omiselwe yiBhodi.
Amalungu eBhodi anokuthi, kuwo nawuphi na umcimbi, acele naye nawuphi na umntu ambona enokukwazi ukuyincedisa iBhodi le ekuqwalaselweni kwalowo mcimbi uphethweyo. Lowo mntu ke uye wacelwa ngolo hlobo lokuba aze kuncedisa iBhodi le akasayi kuba nalo yena ilungelo lokuvota.
Iintlanganiso nezigqibo zeBhodi
 USihlalo kufuneka ukuba abeke amaxesha neendawo ekuya kuqhutyelwa iintlanganiso, kwaye ke usenokuzimisa okwexeshana iintlanganiso aphinde azibize ngaloo maxesha nakwezo ndawo anokugqiba ukuzibiza ngawo/ukuzibizela.
Inani elinokuqhuba intlanganiso (ikhoram) yeBhodi le ngamalungu amathathu , abandakanya uSihlalo okanye uSekela-sihlalo okanye bobabini.
USekela-sihlalo/ooSekela-sihlalo kufuneka ukuba a/bachophele iintlanganiso xa uSihlalo engekho okanye engakwazi ukuba sesihlalweni.
Ukuba ngaba uSihlolo kunye noSekela-sihlalo/nooSekela-sihlalo abakho entlanganisweni, uMphathiswa kufuneka ukuba anyule elinye ilungu eliya kubamba njengoSihlalo.
Isigqibo sesininzi samalungu akhoyo entlanganisweni anelungelo lokuvota, siso esiya kuba sisigqibo seBhodi, kwaye ke xa kunokwenzeka ukuba amanani eevoti alingane kuwo nawuphi na umcimbi, uSihlalo uya kuba nelungelo levoti yoqhawulo­lingano.
Ukuzikhwebula kwelungu elineenjongo ezingquzulanayo
 Ilungu leBhodi le alinakho ukuvota, ukuya okanye ukuthatha nayiphi na inxaxheba kwiingxoxo zayo nayiphi na intlanganiso okanye indibano yeBhodi le ukuba ngaba, ngokuphathelele kuwo nawuphi na umcimbi ophethwe yiBhodi le:
lona okanye umntu wefemeli yalo, okanye ihlakani lalo, okanye idlelane lalo kwezoshishino, lingumlawuli, okanye lililungu okanye lilihlakani lalo mntu ufaka isicelo selayisenisi, okanye soqinisekiso okanye salo naliphi ilungelo elinokunikwa yile Bhodi okanye liyachaphazeleka ngokwasezimalini kwishishini lakhe; okanye linochaphazeleko olulwenza lingakwazi ukuwenza umsebenzi walo njengelungu lale Bhodi ngendlela enobulali, nengenamkhethe nefanelekileyo.
Ukuba ngaba kuye kwathi, nanini na ngexesha leengxoxo ezibanjwe yiBhodi le, kwafumaniseka ukuba ngathi ilungu elithile linalo okanye lingaba nalo uchaphazeleko elunalo olufana nolu luchazwe kwicandelwana 1:
elo lungu kufuneka ukuba likhawuleze liluchaze ngokupheleleyo uhlobo lolo chaphazeleko, lize ke liphume kwintlanganiso okanye kwindibano leyo, ukwenzela ukuba la aseleyo amalungu akwazi akwazi ukuwuxoxa umcimbi lowo, abone nokuba ngaba ilungu elo likufanele na ukuba lizikhwebule ekuthatheni inxaxheba kwiingxoxo zalo ntlanganiso okanye zaloo ndibano ngenxa yokuba iinjongo zalo zinokungquzulana; kwaye ke oko kudiza kunye neso sigqibo sithe sathathwa ngala malungu aseleyo malunga nalo mba kufuneka zifakwe kwimizuzu yezo ngxoxo.
Inkxaso-mali nolawulo lwemali lwale Bhodi
 Iimali zeBhodi le zibandakanya ezi zilandelayo:
imali eyabelwe ngurhulumente wephondo eli; kunye kunye neemali ezifumanayo iBhodi izifumana naphi na apho avumayo uMphathiswa ukuba ingazifuna okanye ingazamkela, emva kokuba ethe wadlana iindlebe noMphathiswa osingathe ezemali kwiPhondo eli, zibandakanya nezo mali zeentlawulo ezifunyanwa phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko kufuneka ukuba liqinisekise ukuba iincwadi zemali zigcinwa ngokupheleleyo nangokufanelekileyo, lize liqinisekise nokuba ayagcinwa onke amarekhodi ayimfuneko aphathelele kuzo.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko kufuneka ukuba liqinisekise ukuba uhlahlo-mali lonyaka lwweBhodi le, izicwangciso zayo, iingxelo zayo zonyaka kunye neenkcazo zemali ezenziwe uhlolo-zincwadi ziyalungiswa zize zingeniswe ngokwemiqathango yoMthetho oyiPublic Finance Management Act, 1999 (uMthetho Nomb. 1 ka-1999).
IBhodi le kufuneka ukuba, kunyaka-mali ngamnye, ngelo xesha lithe labekwa nguMphathiswa, ingenise ezi zinto zilandelayo ukwenzela ukuba zize kwamkelwa--
isicwangciso soshishino seBhodi, esiqulathe iinjongo ezingqinisisekayo; kunye nenkcazo yemali eqikelela ukuba iza kuyingenisa iBhodi neyaleyo iqikelela ukuba iza kuba yinkcitho yayo kunyaka-mali olandelayo.
Kuwo nawuphi na unyaka-mali iBhodi le ingangenisela uMphathiswa inkcazo eyongezelelweyo yemali eqikelela ukuba iza kuyingenisa iBhodi neyaleyo iqikelela ukuba iza kuba yinkcitho yayo kuloo nyaka-mali, ukuba uMphathiswa ayamkele.
IBhodi le ayinakho ukuba ingene kwiimbophelelo zemali ezingaphaya kolo hlahlo-mali lwayo lwamkelweyo nakwezo mali ziyim.hlo yayo.
Uhlolo-zincwadi neeNgxelo zoNyaka
 UMhlolizincwadi-Jikelele kufuneka ukuba azihlole iinkcazo zemali zeBhodi le.
IBhodi le kufuneka ukuba ingenisele uMphathiswa ingxelo ngezinto ezenzileyo kunyaka-mali odlulileyo ukwenzela ukuba uMphathiswa aye kuyandlala kwiPalamente yephondo zingadlulanga iinyanga ezintathu emva kokuba uphelile loo nyaka-mali.
Le ngxelo kufuneka ukuba--
ichaze iinjongo ezingqinisisekayo ngokoluya hlobo zichazwe ngalo phaya kwisicwangciso seshishini sayo esikhankanywe kwicandelo 10 (a) ngalo nyaka-mali wenzelwa ingxelo; kananjalo ibandakanye nengcaciso yendlela ohambe ngayo umsebenzi ngokuphathelele kwindlela yokusetyenziswa kwezinto enoqoqosho nocikizeko nempumelelo, ngakumbi uthelekiso phakathi kweziphumo ebekujoliswe kuzo phaya kwisicwangciso seshishini esiya nezo zithe zafezekiseka.
Iingxoxo zeBhodi yoTywala
 USihlalo kufuneka ukuba, kambe ke eyithathela ingqalelo imiqathango ebekwa ngulo Mthetho nemigaqo yawo, abeke inkqubo efanele kulandelwa ezintlanganisweni.
USihlalo kufuneka ukuba amazise nawuphi na umntu ochaphazelekayo okanye onomdla kuqwalaselo lwawo nawuphi na umcimbi othile ukuba makeze entlanganisweni, akwenze oko esebenzisa indlela etyetyeshiweyo.
Umntu othe waziswa kufuneka eze ngokwakhe kuloo ndawo nangelo xesha lichaziweyo kwisaziso eso okanye ke amelwe kuyo ligqwetha okanye ligqwetha lejaji elingummeli wakhe.
USihlalo usenokuyalela nawuphi na umntu okhoyo entlanganisweni yeBhodi le ukuba anike ubungqina okanye angenise iimpepha ezithile okanye nayo nayiphi na enye into anayo kuye okanye eselugcinweni lwakhe okanye ephantsi kolawulo lwakhe.
Ukuba ngaba uSihlalo wanelisekile ukuba umntu ebeye wasinikwa ngokufanelekileyo isazi sokuba eze entlanganisweni yeBhodi le, kodwa akeza, unakho ke uSihlalo ukuba ayalele ukuba mayiqhutywe intlanganiso ngoku angekhoyo loo mntu.
USihlalo angayalela nawuphi na umntu okhoyo entlanganisweni yeBhodi le ukuba anike ubungqina okanye angenise iimpepha ezithile okanye nayo nayiphi na enye into anayo kuye okanye eselugcinweni lwakhe okanye ephantsi kolawulo lwakhe aze ke abuzwe imibuzo yiBhodi le.
IBhodi le ingaphendla naziphi na iimpepha okanye into ethe yangeniswa kuyo, kunjalo nje ekwenzeni oko izigcine nalo naliphi na ixesha ebona lifanelekile.
Umntu onika ubungqina entlanganisweni yeBhodi le kufuneka akwenze oko ekufungele okanye enze uqinisekiso.
Xa iqwalasela umcimbi, iBhodi le isenokuthi ngokuzibonela ngokwayo, iyithathele ingqalelo nayiphi na ingcaciso okanye imeko ebona ukuba inganempembelelo kwisigqibo esithathwa yiBhodi le. Ukuba ngaba kukho umntu ocela ukuba intlanganiso mayimiselwe olunye usuku ukwenzela ukuba akwazi ukufumana ithuba lokulungisa ingxoxo yakhe kumba lowo, uSihlalo angayimisela olunye usuku intlanganiso leyo ngesi sizathu.
Zonke iintlanganiso zeBhodi le ziya.kelelwa ngumntu wonke, ngaphandle nje ke kokuba uSihlalo angayalela nawuphi na umntu obungafunekiyo ubukho bakhe entlanganisweni, ukuba aze angezi yena entlanganisweni okanye ukuba makaphume kuloo ntlanganiso.
Ayithathwa ngumntu wonke inxaxheba kwiingxoxo zeBhodi le nakuvoto lwayo.
IiKomiti zale Bhodi
 USihlalo usenokuthi kula malungu ongezelelweyo akhankanywe phaya kwicandelo 3(g) ngentla apha, anyule ikomiti enye okanye nangaphezulu, aze ke azigunyazise ezo komiti ukuba zenze nayiphi na imisebenzi yale Bhodi abona kufanelekile, kuyimfuneko ukuba iyenze.
Ikomiti nganye kufuneka ukuba ingabi namalungu eBhodi angaphantsi kwesithathu , elinye lawo libe nguSihlalo okanye uSekela-Sihlalo.
Xa enyula ikomiti uSihlalo kufuneka ukuba aluthathele ingqalelo ulwazi, ubungcali namava afunekayo kulo mcimbi uza kuqwalaselwa.
Iikomiti zale Bhodi zilawulwa yimithetho yenkqubo efanayo naleyo ilawula iBhodi le.
Ikomiti inakho ukuba umcimbi iwudlulisele eBhodini le ukuba ithathe isigqibo ngawo.
Isigqibo esithe sathathwa yikomiti sithathwa ngokuba sisigqibo seBhodi le.
ISigqeba seZibheno
 UMphathiswa kufuneka ukuba abeke iJaji yeNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika edla umhlalaphantsi, iMantyi ephezulu yeNkundla yeSithili edla umhlalaphantsi okanye igwetha lejaji eliphezulu njengomchopheli weSigqeba seZibheno oya kuthi, kwisithuba asibekileyo uMphathiswa ngokubona kwakhe, achophele izibheno ezifakiweyo ngezigqibo zeBhodi le okanye izicelo zovandlakanyo lwezigqibo ezithathiweyo yiBhodi le phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
UMphathiswa kufuneka ukuba abeke inkqubo efanele kulandelwa siSigqeba seZibheno.
Isigqibo esikhutshwe siSigqeba seZibheno asinakujikwa, kwaye singenakwe­nzelwa esinye isibheno kwakhona.
ISAHLUKO 3 IMIVUZO NOLAWULO LWEBHODI YOTYWALA NESIGQEBA SEZIBHENO
Amalungu eBhodi le kunye nomchopheli weSigqeba seZibheno bangafumana lowo mvuzo athe waubeka uMphathiswa emva kokuba edlene iindlebe noMphathiswa osingathe ezemali.
Ulawulo lweBhodi yoTywala neSigqeba seZibheno
 UMphathiswa kufuneka ukuba abeke iGosa eliLawulayo eliyiNtloko eliya kusingatha uxanduva lolawulo lweBhodi le nelweSigqeba seZibheno.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko linoxanduva lokuphendula kwiBhodi le.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko kufuneka ukuba lithi, lilithathele ingqalelo icandelwana , liqeshe abasebenzi beBhodi le abaza kwenza umsebenzi we-o.si, owobunobhala neminye ke imisetyenzana ephathelele ekuqhutyweni komsebenzi weBhodi noweSigqeba seZibheno.
IBhodi le, ngokudlana iindlebe noMphathiswa kunye noMphathiswa osingathe ezemali kweli Phondo--
kufuneka ukuba iqulunqe umgaqo-nkqubo olawula ezabasebenzi weBhodi le nabasebenzi bayo; kwaye kufuneka nokuba ibeke nemivuzo yabasebenzi kunye nemiqathango yengqesho yabo.
IBhodi le kufuneka ukuba, emvakokuba idlene iindle neGosa eliLawulayo eliyiNtloko, iqulunqe imigaqo yokuziphatha, eya kulandelwa ngabo bonke abasebenzi beBhodi le, kwaye ubengokufaneleyo ukusetyenziswa kwiingxoxo zolwaphulo-mgaqo, ngeenjongo zokuqinisekisa--
ukuba iyalandelwa imithetho echaphazelekayo;
ukuba iimali nezinto zeBhodi le zisetyenziswa ngendlela enempumelelo, ucikizeko noqoqosho;
ukukhuthazwa nokugcinwa komgangatho wentsulungeko ophezulu;
ukuthintelwa kongquzulwano lweenjongo;
ukukhuseleka kweenkcukacha ezilihlebo ezigcinwe yiBhodi le;
nokuba inkonzo enikwayo yinkonzo yobungcali, ithembekile, ayikhethi cala, inobulali, inentsulungeko kwaye inolingano.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko lisenokuthi, emva kokuba lidlene iindlebe noMphathiswa, liseke lilawule ingxowa-mali ejoliswe ekunciphiseni iziphumo ezibi entlalweni ngenxa yokusetyenziswa kakubi kotywala, nokufundisa abantu abanenxaxheba ekuthengisweni nasekuhanjisweni kotywala, noluntu ngokubanzi, ngeendlela ezifanelekileyo zokuthengiswa, ukuhanjiswa nokuselwa kotywala.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko linalo igunya lokuba lingene kuloo micimbi kufanelekile ukungena kuyo ekuqhutyweni komsebenzi weziko elisisigqeba sikarhulumente, abandakanya, phofu kungaphelelanga apho, negunya lokungena kubuhlakani nezinye izigqeba zikarhulumente nelokungena kwizivumelwano zeekhontrakthi nabo basebenza ngeekhontrakthi nabo bangabaniki beenkonzo.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko linakho ukuba lithenge ifenitshala nezinto zokusebenza eziza kusetyenziswa yiBhodi le kunye nabasebenzi base-o.sini bayo.
IBhodi le isenokuthi ngemvume yoMphathiswa:
imise ngazo iimpahla zayo eziphathekayo; kwaye isenokungena kwizivumelwano ngokunikwa kweenkonzo eziphathelele kulawulo lwezabasebenzi nakulawulo lwezemali.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko kufuneka ukuba likhuthaze ukuthengiswa nokuhanjiswa kunye nokuselwa kotywala ngendlela efanelekileyo, lizithintele iziphumo ezibi entlalweni ngenxa yokusetyenziswa kakubi kotywala, kwaye lingathatha nawaphi na amanyathelo eliwabona efanelekile.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko lisenokuthi liwudlulisele kwintlanganiso yeBhodi nawo nawuphi na umcimbi ofanele kuqwalaselwa phantsi kwemiqathango yecandelo 7.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko lisenokuthi libeke unobhala weBhodi oya kuthi asingathe uxanduva lwale misebenzi ilandelayo:
ukulungisa uluhlu lwemicimbi ekuza kuxoxwa ngayo ezintlanganisweni (iajenda);
ukugcina imizuzu yeentlanganiso zeBhodi le kunye neyezeSigqeba seZibheno; kunye nayo nayiphi na eminye imisebenzi anokuthi ayinikwe liGosa eliLawulayo eliyiNtloko.
Imizuzu yeentlanganiso zeBhodi le kunye neyezeSigqeba seZibheno kufuneka ukuba ithathwe igcinwe ezi-o.sini zeBhodi le, aze ke nawuphi na umntu onqwenela ukuyifunda okanye ukuyikopa akwazi ukuyifumana, kodwa kuqondakale ukuba kuya kufuneka ukuba ahlawule loo ntlawulo ibekiweyo, nokuba iya kuthathelwa ingqalelo imiqathango ebekwa nguMthetho oyiPromotion of Access to Information Act, 2000 (uMthetho 2 ka-2000).
USihlalo usenokuthi, ehamba ngokwemiqathango yoMthetho oyiPromotion of Access to Information Act, 2000 nangenxa yesizathu esiphathekayo asinikileyo, ayalele ukuba inxenye yerekhodi okanye lilonke nje irekhodi leengxoxo zeBhodi abanakuzinikwa abantu, kuze ke apho aye wakwenza oko elo rekhodi okanye loo nxenye yelo rekhodi kungavumeleki ukuba ifundwe okanye ikotshwe nguye nawuphi na umntu ngaphandle kwemvume kaSihlalo.
Iingeniso ezivela kwiiMali elizenze ngokwalo iPhondo, iBhodi yoTywala okanye oomasipala
 Imirhumo, imidliwo/ nezohlwayo ekubhekiselelwa kuzo kumacandelo 7 (b)(v), 34, 35, 52, 53 nelama-54 kufuneka zihlawulwe kwiNgeniso yePhondo.
Imirhumo ekubhekiswa kuyo kumacandelo 27, 49 nelama-50 kufuneka ihlawulwe kwiBhodi yoTywala okanye kumasipala.
Le mali kuthethwe ngayo kweli candelo ayibuyi.
ISAHLUKO 4
INXAXHEBA YOOMASIPALA
Oomasipala njengabagunyaziswa beBhodi neziphathamandla ezinegunya lokukhupha iilayisenisi
 UMphathiswa usenokuthi, emva kokuba edlene iindlebe noMphathiswa osingathe ulawulo lweedolophu kweli Phondo, abeke oomasipala abathile kweli Phondo ukuba basebenze njengabagunyaziswa beBhodi le ngezi njongo zilandelayo:
ukwamkela izicelo ezifakiweyo phantsi kwemiqathango yalo Mthetho ngokuphathelele kwiindawo zokushishinela ezikwiingingqi zaba masipala;
ukwazisa bonke abo banokuchaphazeleka kwezo zicelo, njengoko kutyetyeshiwe;
ukuziqwalasela ezo zicelo ngokwezikhokelo ezibekwa yimigaqo ephathelele kwezo zicelo;
ukwamkela izichaso ezingenisiweyo, iingxelo ezingenisiweyo ngokuphathelele kwizicelo, izimvo ezingenisiweyo ezixhasa izicelo ezo kunye nazo naziphi na ezinye iimpepha ezinokungeniswa kubo;
ukudlulisela eBhodini le, ngokwaloo ndlela ibekiweyo, izicelo ezingenisiweyo kunye nazo zonke iimpepha ezingeniswe kunye nazo; kwakunye nokwamkela izikhalazo ezingeniswe ngabantu ezimalunga nendlela ekuqhutywa ngayo yiloo ndawo inikwe ilayisenisi nezifanele ukuqwalaselwa, bazidlulisele eBhodini le bezivakalisile okanye bengazivakalisanga ezabo izimvo ngezo zikhalazo.
UMphathiswa usenokuthi, emva kokuba edlene iindlebe noMphathiswa osingathe ulawulo lweedolophu kweli phondo, abeke oomasipala njengeziphathamandla ezinegunya lokukhupha iilayisenisi ngokusemthethweni ngezi njongo zilandelayo:
ukuqwalasela nokukhupha okanye nokwala ukukhupha iipemethi zokuthengiswa kotywala kwiziyunguma ezizodwa eziza kuqhubeka kwiingingqi zaba masipala;
ukuqwalasela nokukhupha okanye nokwala ukukhupha iipemethi zokuthengiswa kotywala besintu kwiingingqi zaba masipala;
ukubeka ngomthetho kamasipala, iintsuku kunye neeyure ebunokuthengiswa ngazo utywala kuhlobo ngalunye lwelayisenisi ekhutshiweyo kwiingingqi zaba masipala;
ukuseka isigqeba sezotywala; kwakunye nokutyumba iindawo zikawonke-wonke apho kwaba masipala ekungekho mntu uvumelekileyo ukuba athengise utywala kuzo okanye ukuba eze notywala kuzo, ngaphandle kobo busiwa kwiindawo ezinelayisenisi, baze ke bakhuphe izaziso ezichaza oku.
UMphathiswa usenokuthi, xa kukho isizathu esiphathekayo, emva kokuba edlene iindlebe noMphathiswa osingathe ulawulo lweedolophu kweli Phondo, nanini na, alirhoxise lonke okanye arhoxise inxenye yalo igunya ebelinike umasipala othile phantsi kwemiqathango yamacandelwana no- ngentla apha.
 Apho umasipala aye waseka khona isigqeba sezotywala phantsi kwemiqathango yecandelo 18 (d), eso sigqeba siya kuthi sibe naba bameli balandelayo:
igosa elifanelekileyo elivela kumasipala eliya kuba nguSihlalo;
igosa elikhethelwe ezotywala elivela kwiiNkonzo zaMapolisa aseMzantsi Afrika;
ovela kwiforum yezobupolisa yalapho, ukuba sele ikhona kwaye seyisebenza iforum eyasekwayo elolo hlobo;
owombutho okanye imibutho enobulungu kumbutho wesizwe okanye wesithili wabakwishishini, ebandakanya, kodwa ungapheleli kuyo, nemibutho yoosomashishini baloo ndawo emele oosomashishini abashishina ngotywala; kwakunye nemibutho yabahlawuleli-zinkonzo neyabahlali bezo ngingqi zaba masipala kunye nalo naliphi na iqela lasekuhlaleni eliye lakhethwa ngumasipala.
Apho kukho isigqeba sezotywala esiye sasekwa, eso sigqeba sisenokuthi xa sithe sacelwa ngumasipala, sisebenze njengomlamli phakathi kwalowo ufake isicelo nabo basichasayo isicelo sakhe.
Isigqeba sezotywala sisenokuthi, singaphelanga esi sithuba simiselweyo ukusuka kumhla wokugqibela wokungeniswa kwezichaso okanye elo xesha ebethe uSihlalo wavuma ukusolula ngalo isithuba esi, kwakuba kufakwe isicelo soko, singenise ingxelo echaza iziphumo eku.kelelwe kuzo kolo lamlo kunye nezindululo zaso zokuba samkelwe na okanye sikhatywe na eso sicelo.
Apho kuthe ngenxa yolamlo lwesigqeba sezotywala kwa.kelelwa kwisivumelwano phakathi kwalowo ebefake isicelo nalowo okanye nabo bebengabachasi besi sicelo, isigqeba sezotywala kufuneka ukuba singenisele iBhodi le iimpepha zeso sivumelwano, singaphelanga esi sithuba sikhankanywe phaya kwicandelwana ngentla apha.
IBhodi le kufuneka ukuba, xa iqwalasela isicelo, iyithathele ingqalelo le ngxelo nezi zindululo kwakunye nesi sivumelwano, kodwa ke oko kungathethi ukuba ibophelelekile ukuba ihambe ngazo.
ISAHLUKO 5
 Umntu akanakho ukuba angavelisa utywala okanye athengise utywala, ngaphandle kokuba ugunyazisiwe ukuba angakwenza oko phantsi kwemiqathango yelayisenisi okanye yepemethi ekhutshwe phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
Umntu oye wagunyaziswa ukuba angenza okanye athengise utywala, kufuneka ukuba oko akwenze ngokwemiqathango yaloo layisenisi okanye pemethi ayinikiweyo.
Umntu othe engakhange wakhululelwa phantsi kwemiqathango yecandelo 70 , wenza okanye wathengisa utywala etyeshela amacandelwana no- ngentla apha, uya kuba unetyala lolwaphulo-mthetho.
ilayisenisi yokwenza utywala nokuthengisa utywala bokuselwa emasangweni nangaphandle kwamasango aloo ndawo buthengiswa kuyo;
ilayisenisi yokuthengiswa nokuselwa kotywala ngaphakathi emasangweni aloo ndawo buthengiswa kuyo;
ilayisenisi yokuthengiswa kotywala bokuselelwa kwenye indawo engekho apha emasangweni aloo ndawo buthengiswa kuyo;
ilayisenisi yokuthengiswa kotywala bokuselwa emasangweni nangaphandle kwamasango aloo ndawo buthengiswa kuyo; kunye nelayisenisi yokuthengiswa nokuselwa kotywala ngaphakathi emasangweni aloo ndawo buthengiswa kuyo inesiyunguma esisodwa.
Umasipala oye wabekwa phantsi kwemiqathango yecandelo 16 unakho ukuba akhuphe ezi pemethi zilandelayo:
ipemethi yokuthengisa utywala besintu bokuselwa emasangweni nangaphandle kwamasango aloo ndawo buthengiswa kuyo ikhutshelwe ipemethi; kunye nepemethi yokuthengisa utywala besintu bokuselwa emasangweni nangaphandle kwamasango aloo ndawo buthengiswa kuyo inesiyunguma esisodwa.
 IBhodi le ayinakho ukuba ikhupha ilayisenisi kwaye nomasipala akanakho ukuba akhuphe ipemethi yokuthengisa utywala besintu, ngaphandle kokuba wanelisekile, ngokobungqina obunikiweyo baphicothwa, ukuba:
oko kukhutshwa kwale layisenisi okanye kwale pemethi kuya kuba lulutho eluntwini;
lowo mntu ufake isicelo ngumntu onesimo esihle, kwaye akanako ukungafaneleki ukuba angaba nelayisenisi okanye pemethi phantsi kwemiqathango yecandelo 23;
indawo ebuza kuthengiselwa kuyo okanye ebuza kuselelwa kuyo obu tywala yindawo efanelekileyo okanye eya kuthi ifaneleke yakugqitywa ukuba lowo ufake isicelo angayisebenzisela le nto ikhutshelwe yona ilayisenisi leyo;
ukwamkelwa kwesi sicelo akusayi kubaphazamisa abahlali bendawo ethile, abafundi besikolo okanye ibandla leziko lenkonzo elime kule ngingqi ikuyo le ndawo icetywayo.
Umasipala akanakho ukuba akhuphe ilayisenisi yeziyunguma ezizodwa, ngaphandle kokuba wanelisekile, ngokobungqina obuye banikwa baphicothwa, ukuba:
oko kukhutshwa kwale layisenisi okanye kwale pemethi kuya kuba lulutho eluntwini;
indawo ebuza kuthengiselwa kuyo okanye ebuza kuselelwa kuyo obu tywala yindawo efanelekileyo okanye eya kuthi ifaneleke yakugqitywa ukuba lowo ufake isicelo angayisebenzisela le nto ikhutshelwe yona ilayisenisi leyo; nokuba ukwamkelwa kwesi sicelo akusayi kubaphazamisa abahlali bendawo ethile, abafundi besikolo okanye ibandla leziko lenkonzo elime kule ngingqi ikuyo le ndawo icetywayo.
 Ilayisenisi okanye ipemethi yokuthengisa utywala besintu ayinakho ukuba inganikwa umntu okanye idluliselwe kumntu ongakufanelanga ukuba nelayisenisi okanye nepemethi, kwaye ke ilayisenisi okanye ipemethi yomntu oye akafaneleka ukuba angaba nelayisenisi ayinakho ukuba ingahlaziywa.
Aba bantu balandelayo abakufanelanga ukuba bangaba neelayisenisi zotywala:
umntu othe kwisithuba seenyanga ezingamashumi amathandathu phambi kokuba afake isicelo sakhe, wabanjwa wagwetyelwa ukuya kuvalelwa entolongweni kwangabikho nafayini;
umntu othe kwisithuba seenyanga ezingamashumi amathandathu phambi kokuba afake isicelo sakhe wafunyaniswa engakufanelanga ukuba angabhaliswa yiNational Liquor Authority okanye ukuba anganikwa ilayisenisi yiyo nayiphi na ibhodi yotywala yephondo;
umntu otshone ematyaleni akavela nangonwele;
umntu oya kuba esengaphantsi kweminyaka yobuntu obudala ngalo mhla wokuqwalaselwa kwesicelo sakhe;
umntu owayesele enayo ilayisenisi yaza yarhoxiswa phantsi kwemiqathango yalo Mthetho okanye yoMthetho olawula ukukhutshwa kweelayisenisi zotywala kulo naliphi na elinye iphondo, kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini esiphambi kokufakwa kwesi sicelo sakhe; kwakunye nomntu ongumlingane walo mntu uchazwe ku-(a), (b) no-(e) ngentla apha.
Ukuba ngaba ufunyaniswe engafanelekanga phantsi kwemiqathango yecandelwana (a) ukuya kutsho ku-(e) ngentla apha, ke ifunyaniswa ingafanelekanga nayo nayiphi inkampani okanye inkampanana encinane anezabelo kuyo okanye achaphazelekayo kuyo njengelungu, nayo nayiphi itrasti angutrasti wayo okanye angumxhamli wabo nabuphi na ubuhlakani alihlakani kubo.
IBhodi isenokuthi, ngesizathu esiphathekayo esinikileyo, ithathe isigqibo sokuba umntu ofunyaniswe engafanelekanga phantsi kwemiqathango yecandelwana (a) no-(b) ngentla apha, ufanelekile ukuba angasenza isicelo esithile okanye ilayisenisi eluhlobo oluthile.
 Umntu angafaka isicelo sale layisenisi ichazwe kwicandelo 21 okanye esale pemethi ichazwe phantsi kwemiqathango yecandelo 22.
Isicelo selayisenisi kufuneka senziwe ngefomu elungiselelwe oko, kwaye ke sona isicelo sepemethi kufuneka ukuba senziwe ngokwemithetho yoomasipala okanye ke singenziwanga ngokwemithetho yoomasipala, kufuneka ukuba senziwe ngokwemiqathango yalo Mthetho nemigaqo yawo.
Isicelo esenziwe ngokweli candelwana kufuneka ukuba singeniswe kumasipala waloo ngingqi ikuyo loo ndawo kuza kuthengiselwa kuyo utywala.
Ukuba ngaba umasipala waloo ngingqi iza kuba kuyo loo ndawo kuza kuthengiselwa kuyo utywala akazange abekwe njengomgunyaziswa weBhodi phantsi kwemiqathango yecandelo 18 , kufuneka ke ukuba eso sicelo siye kungeniswa ezi-o.sini zeBhodi le.
Ukuba ngaba umasipala waloo ngingqi iza kuba kuyo loo ndawo kuza kuthengiselwa kuyo utywala akazange abekwe njengomgunyaziswa weBhodi phantsi kwemiqathango yecandelo 18 , kufuneka ke ukuba isicelo sepemethi esenziwe phantsi kwemiqathango yecandelwana kunye novakaliso lwezimvo phantsi kwemiqathango yecandelo 28 ngezantsi apha, ziye kungeniswa ezi-o.sini zeBhodi le.
Ubungqina bokuba yenziwe intlawulo ebekiweyo yokwenza isicelo kufuneka ukuba buhambe nesicelo esi senziwe phantsi kwemiqathango yecandelwana ngentla apha ngexesha lokungeniswa kwaso.
Isaziso sokufaka isicelo
 Lowo mntu ufaka isicelo selayisenisi kufuneka ukuba athi, ngaloo fomu ilungiselelwe oko nangalaa mhla wokungenisa kwakhe isicelo, apapashe izaziso ngazo zontathu iilwimi zaseburhulumenteni beli Phondo, kwiGazethi yePhondo (Provincial Gazette) nakwelinye okanye nakwamanye amaphephandaba aphumayo kwingingqi yaloo masipala iza kuba kuye le ndawo icelelwa ilayisenisi.
Lowo mntu ufaka isicelo kufuneka ukuba axhome isaziso, ngefomu elungiselelwe oko enobo bukhulu bubekiweyo, sibhalwe ngazo zontathu iilwimi zaseburhulumenteni beli Phondo, kwindawo esemboniselweni apha kuloo ndawo icelelwa ilayisenisi, khona ukuze abantu abadlulayo bayibone lula, kodwa ke kuqondakale ukuba iBhodi le ingakuxolela noko ukungathotyelwa kwalo umqathango xa ngaba kukho isizathu esiphathekayo esithe sanikwa.
Esi saziso sikhankanywe kwicandelwana kufuneka sihlale kule ndawo sixhonywe kuyo elo xesha libekiweyo ukusukela kuloo mhla sifakwe ngawo isicelo.
Ukuba ngaba indawo leyo ikwindawo ekuhlaliwa kuyo, umfaki-sicelo kufuneka athi kwisithuba esimiselweyo ukusuka kumhla wokuthunyelwa kwesicelo, enze isaziso sesicelo kwifomu emiselweyo malunga nelungu ngalinye losapho lwakhe olungaphezulu kweminyaka elishumi elinesithandathu oluhlala kwindawo leyo yokuhlala nakwizindlu ezixokonyezelwe kuyo.
Lowo mntu ufake isicelo kufuneka ukuba athi, lingadlulanga elo xesha lithe labekwa, angenise ubungqina kumasipala okanye kwiBhodi le bokuba iye yathotyelwa imiqathango yecandelwana , nele- .
Umasipala okanye iBhodi, nokuba ngowuphi na ofanelekileyo kubo, kufuneka ukuba athi, lingadlulanga elo xesha lithe labekwa ukusuka kuloo mhla wokungeniswa kwesicelo, akhuphe isaziso sesi sicelo ngefomu elungiselelwe oko, esiya kungeniswa kuye ngamnye kwaba balandelayo:
igosa elijongene nezotywala ephantsi kolawulo lwalo le ngingqi ikuyo le ndawo ifunelwa ilayisenisi;
isigqeba sezobupolisa sasekuhlaleni, ukuba sikhona, sale ngingqi zikuyo le ndawo ifunelwa ilayisenisi;
isigqeba sezotywala, ukuba sikhona, sale ngingqi ikuyo le ndawo ifunelwa kwesi sicelo ilayisenisi;
naye nawuphi na omnye umntu okanye nalo naliphi na iziko, oqonda okanye eliqonda ukuba lingachaphazeleka kukwamkelwa okanye kukukhatywa.
Izicelo ezilindele ukuhlolwa
 Isicelo esingenisiweyo kwakunye neempepha ezithe zangeniswa kunye naso kufuneka ukuba kukwazeke ukuzi.kelela ngeenjongo zokuzihlola phaya ezi-o.sini zikamasipala, ukusukela kulaa mhla sangeniswa ngawo eso sicelo kunye nezo mpepha singeniswe nazo, side sibe sidluliselwe eBhodini, kwaye ke naye nawuphi na umntu kufuneka ukuba avumeleke ukuba azibone nokuba enze iikopi zazo ezo mpepha akuba ezihlawule ezo ntlawulo zibekiweyo.
Xa sithe isicelo sangeniswa eBhodini, eso sicelo kunye nazo naziphi na iimpepha ezingeniswe naso, kufuneka ukuba naphaya kwii-o.si zeBhodi le kukwazeke ukuzi.kelela ngeenjongo zokuzihlola nokuzikopa, isakuba ihlawulwe intlawulo ebekiweyo, ukusukela kulaa mhla wokungeniswa kwazo ukuya kutsho kuloo mhla wokuqwalaselwa kwazo yiBhodi le.
 Umntu onendlela achaphazeleka ngayo ekwamkelweni okanye ekukhatyweni kwesicelo angathi, lingadlulanga elo xesha libekiweyo, angenise izimvo zokuxhasa okanye zokuchasa ukwamkelwa okanye ukukhatywa kweso sicelo.
Ikopi yezo zimvo zivakalisiweyo kufuneka ukuba ingeniswe kumasipala, kananjalo sngeniswe ngulowo mntu unendlela achaphazeleka ngayo ekwamkelweni okanye ekukhatyweni kweso sicelo kulowo mntu ufake isicelo okanye kulowo ungummeli womfaki-sicelo, nakwigosa elikhethelwe ukujongana nezotywala.
Ubungqina boko kungeniswa kufuneka bungeniswe novakaliso lwezimvo.
Umntu owenza uvakaliso lwezimvo kufuneka ukuba afake ezi nkcukacha zilandelayo:
igama lakhe elipheleleyo kunye neadresi yakhe;
inombolo yesazisi sakhe okanye ke ukuba ngaba yinkampani okanye yinkampanana encinane, ibe yinombolo yayo yokubhaliswa;
ukuba ngaba kufanelekile, igama lommeli wakhe kunye neadresi yakhe;
uhlobo achaphazeleka ngalo yena ekukhutshweni okanye ekukhatyweni kwesi sicelo; kunye nemihlaba ecacileyo nepheleleyo yokuba asichase okanye asixhase eso sicelo.
Loo mntu ufaka isicelo unakho ukuba angangenisela umasipala impendulo yezo zimvo zingenisiweyo zokuchasa isicelo sakhe, lingadlulanga elo xesha elithe labekelwa ukwenza oko.
Umasipala kufuneka ukuba athi singadlulanga isithuba esithe sabekiwa, adlulisele eBhodini ezi mpepha zilandelayo:
isicelo njengoko besingenisiwe kunye nazo zonke iimpepha ebeziye zangeniswa naso;
ingxelo yegosa elikhethelwe ukujongana nezotywala;
izimvo ezithe zavakaliswa njengoko zinjalo, ngokuphathelele kwisicelo esi, ukuba ngaba zikhona;
ubungqina bokuba zenziwe iintlawulo zokwenza isicelo ezibekiweyo; kwakunye nalo naluphi na olunye uxwebhu okanye into ebithe yangeniswa kuye ngokuphathelele kwesi sicelo.
Ukuqwalaselwa kwezicelo
 IBhodi le okanye nayiphi na ikomiti okanye naye nawuphi na umsebenzi, kufuneka ukuba, kungadlulanga xesha lide ukusuka kulaa mhla wokufunyanwa kwesicelo, basiqwalasele isicelo eso ngeenjongo zokukhangela ukuba ngaba senziwe ngendlela echanekileyo na nokuba ngaba siyayithobela na imiqathango ebekwa nguMthetho lo nayimigaqo yawo.
Ukuba ngaba iBhodi okanye ikomiti okanye umsebenzi, aba bakhankanywe kwicandelwana ngentla apha bafumanisa ukuba esi sicelo asiphelelanga okanye sineziphene esinazo, kufuneka ukuba, kungadlulanga xesha lide kakhulu ukusuka kwixesha lokufunyanwa kweso sicelo, bakhuphe isaziso sokungeniswa kwesicelo esingaphelelanga okanye esineziphene, njengoko kutyetyeshiwe, bacele loo mntu ebefake eso sicelo ukuba makongeze ezo zinto zingekhoyo okanye makenze izilungiso kwezo ndawo zineziphene, zingaphelanga iintsuku ezilishumi elinesine .
Ukuba ngaba lowo mntu ufake isicelo uyasilela ekuhambeni ngokupheleleyo ngesi saziso sikhankanywe ngentla apha ngeli xesha lisikiweyo, iBhodi inakho ukuba:
yale ukusiqwalasela eso sicelo;
ikumisele olunye usuku ukuqwalaselwa kweso sicelo kude kube kuhanjiwe ngesaziso eso; okanye isikhabe isicelo eso.
IBhodi le inakho ukuba ithi xa iqwalasela isicelo izithathele ingqalelo ezi zinto zilandelayo:
isicelo neengxelo ezingenisiweyo ziphendula isicelo eso;
izimvo ezingenisiweyo zixhasa okanye zichasa isicelo eso, iimpendulo eziphendula ezo zimvo zichasayo zithe zavakaliswa kwakunye nalo naluphi na olunye uxwebhu okanye into ebithe yangeniswa kuyo ngokuphathelele kwesi sicelo;
nawo nawuphi na omnye umcimbi ebona kufanelekile iBhodi ukuba mawuthathelwe ingqalelo, kodwa ke ekwenzeni oko ilithathele ingqalelo icandelo 12 .
Ukuba ngaba isicelo okanye iimpepha ezihamba naso okanye izimvo ezingenisiweyo okanye ingxelo engenisiweyo, zineziphene ezinazo zalo naluphi na uhlobo okanye ukuba ngaba nawuphi na umntu uyasilela ukungenisa nalo naluphi na uxwebhu okanye ukugcina esi sithuba sexesha okanye eli xesha lisikelweyo, iBhodi inakho ukuba izixolele ezo ziphene okanye oko kusilela, ukuba ngaba ubukhulu becala ithotyelwe imiqathango yalo Mthetho okanye yemigaqo yawo, naxa oko kuxolela kungasayi kuba namntu kumbeka engxakini.
Ukufaneleka kweendawo
Ilayisenisi okanye ipemethi ayinakho ukukhutshwa ngaphandle kokuba iBhodi okanye umasipala wanelisekile ukuba lowo mntu ufaka isicelo unalo ilungelo lokuyisebenzisa loo ndawo ayifakela isicelo eyisebenzisela oku kuza kugunyaziswa yilayisenisi okanye yipemethi leyo.
IBhodi le isenokuthi xa isamkela isicelo selayisenisi yendawo engekagqitywa ukwakhiwa, ikhuphe umyalelo wokuba ilayisenisi leyo ayisayi kukhutshwa ade abe lowo mntu ufake isicelo uyayifezekisa imiqathango ethe iBhodi yabona kufanelekile ukuba iyibeke malunga nokugqitywa kokwakhiwa kwale ndawo, lingadlulanga elo xesha athe walisikelwa.
Imfundo noqeqesho
IBhodi le isenokuthi xa isamkela isicelo selayisenisi, iyalele ukuba ilayisenisi leyo ayisayi kukhutshwa ade abe lowo mntu ufake isicelo okanye umsebenzi wakhe okanye abasebenzi bakhe, baye banikwa uqeqesho nemfundo ngokolo hlobo inokuthi imisele ngalo iBhodi le.
Ulwamkelo olunemiqathango
 IBhodi le isenokuthi xa isamkela isicelo selayisenisi phantsi kwemiqathango yamacandelo 30, 31 nele-32 iyalele ngento ebhaliweyo ukuba ilayisenisi leyo ayisayi kukhutshwa ade abe lowo mntu ufake isicelo uyifezekisile loo miqathango inokuthi iBhodi ibone kufanelekile ukuba iyibeke.
IBhodi le isenokuthi nanini na, xa umfaki-sicelo esifakile isicelo sakhe:
ilandise elo xesha ibiye yamsikela lona; okanye yamkele isilungiso esenziweyo kwiplani yendawo leyo.
Ukuba ngaba lowo mntu ufaka isicelo uyasilela ukuyifezekisa le miqathango ikhankanywe ngentla apha ngelo xesha ithe iBhodi le yamsikela ukusukela kulaa mhla wokwamkelwa kwesicelo sakhe selayisenisi, oko kwamkelwa kwesicelo sakhe selayisenisi kuya kuphelelwa, kuze ke kuthathwe ukuba eso sicelo sakhe selayisenisi asikhange samkelwe.
Xa lowo mntu ufake isicelo ethe wayifezekisa imiqathango ethe yabekwa yiBhodi le naxa athe wayihlawula intlawulo ebekiweyo, kufuneka ukuba iBhodi le iyikhuphe ilayisenisi leyo ngokohlobo olubekiweyo.
IBhodi okanye umasipala, nawuphi na ofanelekileyo kubo, kufuneka ukuba, emva kokuba ithe yasamkela isicelo, izikhuphe iimpepha zelayisenisi okanye zepemethi leyo ngefomu elungiselelwe oko apho kuchazwa khona imiqathango yaloo layisenisi, xa ngaba ikhutshiwe intlawulo ebekiweyo, oku kwenziwe ethathelwe ingqalelo amacandelo 31, 32 nele-33.
Ukusweleka okanye ukulimala komntu obefake isicelo
Ukuba ngaba umntu ofake isicelo selayisenisi okanye sepemethi:
uye wabhubha;
izinto ezililifa lakhe ziyabhanga;
ufunyaniswe yinkundla efanelekileyo ukuba akakwazi ukuyiqhuba imicimbi yakhe; okanye xa ngaba yinkampani okanye inkampanana encinane, iye yathinjwa ngenxa yamatyala; phambi kwalo mhla bekuza kuqwalaselwa ngawo isicelo, ke lowo mntu uthe wakhethwa njengomabi-lifa, okanye utrasti, okanye umgcini okanye umthengisi weempahla ezithinjiweyo, unawo onke loo magunya nalawo malungelo ebeya kuba nawo lowo mntu ebefake eso sicelo ukuba ebengathanga wasweleka, wathinjwa okanye wafunyaniswa engenakukwazi ukuqhuba imicimbi yakhe, kwaye angawasebenzisa onke.
ISAHLUKO 6
IMIQATHANGO YEELAYISENISI
Imiqathango yesiqhelo yeelayisenisi
 Kufuneka ukuba ibe ngumqathango welayisenisi nganye yokuselelwa kotywala kwindawo ethile ebuthengiswa kuyo utywala ukuba utywala obo mabuselelwe kuphela kule ndawo ikhutshelwe loo layisenisi, nokuba akukho tywala buya kuthathwa kumkiwe nabo kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Kufuneka ukuba ibe ngumqathango welayisenisi nganye yokuselelwa kotywala ngaphandle kwale ndawo ikhutshelwe ilayisenisi ukuba akusayi kubakho nto inotywala iya kuvulwa, kwaye kungasayi kubakho tywala buselelwa apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi, ngaphandle kokuba buselelwa ukungcamlisa okuvunyelwe yiBhodi le.
Ukuba ngaba indawo leyo ikhutshelwe ilayisenisi yokuba kuselelwe kuyo, kuselelwe nangaphandle kuyo, ke la macandelwana angentla apha u- no- akayichaphazeli yona.
Umntu onikwe ilayisenisi kwindawo apho olona shishino luqhutywayo ilolokutya akanakho ukuba athengise nabuphi na obunye utywala ngaphandle kwewayini eyitable wine.
Ukuhanjiswa
 Kufuneka ukuba ibe ngumqathango welayisenisi nganye yokuselelwa kotywala ngaphandle kwale ndawo ikhutshelwe ilayisenisi ukuba:
utywala akufuneki ukuba buhanjiswe busuka kuso nasiphi isithuthi ngaphandle kokuba obo tywala bebuya ba-odolwa kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi kwangaphambi kokuba bube buyahanjiswa kwaye ne-invoyisi ibiye yakhutshwa, yaza nekopi yayo engaphezulu yagcinwa apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi;
utywala obuhanjiswayo kufuneka ukuba busiwe kuphela kule adresi ibonisiweyo apha kule invoyisi ikhankanywe kumhlathi (a) ngentla apha; nokuba ikopi yale invoyisi ikhankanywe kumhlathi (a) ngentla apha kufuneka ukuba igcinwe apha kwesi sithuthi sihambisa obu tywala ukusukela ngeli xesha sibuhambisayo ukuya kutsho kwelo xesha ibuthula ngalo.
Kululwaphulo-mthetho ukwamkela umthwalo wotywala obuthengiweyo kumthengisi wabo ingekho i-invoyisi exela igama lomthengisi lowo, i-adresi yakhe kunye nenombolo yelayisenisi yakhe, uhlobo lotywala obuthengiweyo, umthamo wabo kwakunye nexabiso obuthengwe ngalo.
Uchaphazeleko ngokwasezimalini
 Umntu onikwe ilayisenisi akanakho ukuba angadlulisela ilungelo langokwasezimalini komnye umntu ngaphandle kokuqala afumane imvume kwiBhodi le.
IBhodi ayinakho ukuba ingayinika le mvume ikhankanywe kwicandelwana ngentla apha ukuba ngaba lo mntu udluliselwa ilungelo langokwasezimalini akafanelekanga ngokwalaa miqathango ikwicandelo 24 ukuba angaba nelayisenisi okanye ukuba ngaba unesimo esingalunganga.
Ilayisenisi kufuneka ukuba ikhutshwe ngegama lalowo mntu uqhuba elo shishini likhutshelwe ilayisenisi aze axhamle isivuno salo, kwaye ayinakho ukuba ingakhutshwa ngegama lomtyunjwa okanye lomgunyaziswa.
Lowo mntu unikwe ilayisenisi akanakho ukuba angaqeshisa ngaloo layisenisi kuye nawuphi na mnye umntu okanye avumelene nawuphi na umntu ukuba makaqhube ishishini phantsi kwemiqathango yaloo layisenisi.
Ulawulo
 Xa ngaba umfaki-sicelo akangomntu, koko sisigqeba okanye inkampani, kufuneka ukuba iBhodi ukuba inyule umntu oza kuba yimanejala yeli shishini likhutshelwe ilayiseni, otyunjwe ngumfaki-sicelo nongumhlali apha kweli Phondo.
Lowo unikwe ilayisenisi unakho ukuba athi nanini na, ngendlela ebekiweyo, atyumbe umntu ohlala apha kweli Phondo ukuba abe yimanejala yeli shishini likhutshelwe ilayisenisi, apho ke iBhodi iya kuthi iyibeke loo manejala.
IBhodi le isenokuthi icele igosa elijongene nezotywala ukuba lingenise ingxelo malunga nokufaneleka kwalowo mntu uthe watyunjwa.
IBhodi le ayinakho ukuba ibeke njengemanejala umntu ongafanelekanga ukuba angaba nelayisenisi ngokwemiqathango yecandelo 23 okanye umntu onesimo esingekho sihle.
IBhodi le isenokuthi ibeke umqathango wokubekwa kwaloo mntu othi lowo mntu utyunjelwe ukuba abekwe njengemanejala makaqale aye kufumana uqeqesho nemfundo ezinokuthi zikhethwe yiBhodi le.
Imanejala ethe yabekwa phantsi kwemiqathango yeli candelo inoxanduva lokuba ilawule eli shishini, kwaye nayo ibopheleleke kule misebenzi nakwezi mbopheleleko ngokuluya hlobo abopheleleke ngalo lowo mntu unikwe le layisenisi.
Ukubekwa komntu njengemanejala phantsi kwemiqathango yeli candelo akumkhululi lowo mntu unikwe ilayisenisi kuwo nawuphi na kule misebenzi nakwezi mbopheleleko zibekwa ngulo Mthetho okanye kwimiqathango ekhutshwe phantsi kwayo le layisenisi.
Ukubekwa komntu njengemanejala phantsi kwemiqathango yeli candelo kuhlala kuqhuba ngokusesikweni kude kube kubekwe imanejala entsha.
Ukuba ngaba umntu obekwe njengemanejala phantsi kwemiqathango yeli candelo uyayeka ukulawula elo shishini likhutshelwe ilayisenisi okanye kwenzeka ukuba angafaneleki ukuba angakwenza oko, esi sigqeba besinikwe ilayisenisi kufuneka ukuba sithi, zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu ukusukela ngoko, sifake isicelo phantsi kwemiqathango yecandelwana ngentla apha sokuba kubekwe enye imanejala entsha yokuthatha indawo yale iyekayo.
Ukuba ngaba esi sigqeba sinikwe ilayisenisi siyasilela ukuthobela amacandelwana nele- ngentla apha, ilayisenisi yaso isenokumiswa okwexeshana phantsi kwemiqathango yecandelo 59 ngezantsi apha.
Iinguqulelo kwiindawo ezinikwe iilayisenisi okanye kuhlobo lweshishini
 Ngaphandle kokuba kufunyenwe imvume yeBhodi kwangaphambili ethe yanikwa kusakuba kufakwe isicelo ngendlela ebekiweyo, lowo unikwe ilayisenisi akanakho ukuba:
angenza iinguqulelo kuhlobo lweshishini ebikhutshelwe lona ilayisenisi yakhe ezilwenza lahluke ishishini elo kweliya belichaziwe kwesiya sicelo sasiqwalaselwe yiBhodi le ngexesha ikhupha ilayisenisi; okanye angenza utshintsho okanye ulongezo kwisakhiwo, okanye asakhe ngokutsha okanye asitsale isakhiwo sale ndawo ibikhutshelwe yona ilayisenisi.
Ukusilela ekufezekiseni imiqathango yecandelwana 1 kululwaphulo-mthetho.
Abantwana
 Akukho mntu uvumelekileyo ukuba athengisele umntwana ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo utywala.
Akukho mntu uvumelekileyo ukuba anike okanye aphathele umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo utywala okanye amvumele loo mntu ephantsi kolawulo lwakhe okanye kolondolozo lwakhe, ukuba asele utywala.
Lowo unikwe ilayisenisi akanakho ukuba angavumela umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ukuba asele utywala kuloo ndawo ikhutshelwe yena ilayisenisi yayo okanye iphantsi kolawulo lwakhe.
Lowo unikwe ilayisenisi akanakho ukuba angavumela umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ukuba abe lapho angavumelekanga ngokwemiqathango yalo Mthetho okanye ngokwemiqathango yale layisenisi, ukuba angakhona apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala akavumelekanga ukuba afumana okanye anganikwa utywala ngendlela ewaphulayo lo Mthetho okanye ukuba axoke ngeminyaka yakhe yobudala ngeenjongo zokuba afumane okanye asele utywala okanye angene kwiindawo angafanelanga ukuba angangena kuzo apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Abaqeshi nabasebenzi
 Umntu akavumelekanga ukuba angaqesha umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala ekuthengisweni nasekuhanjisweni kotywala ngaphandle kokuba loo mntu:
uneminyaka elishumi elinesithandathu okanye ngaphezulu;
uqeqeshwa kwizifundo zeenkonzo zolungiselo lokutyabele; nokuba wenza umsebenzi woqeqesho phantsi kwalo ikhutshelwe yena ilayisenisi.
Umqeshi akanakho ukuba:
anganika umntu utywala njengendlela yokumthundezela ukuba amsebenzele;
anganika umsebenzi utywala endaweni yokumnika umvuzo;
angatsala imali emvuzweni womsebenzi etsalela iindleko zotywala ebebunikwe loo msebenzi okanye omnye umntu ebunikwa egameni lomsebenzi lowo;
angawubamba umvuzo womsebenzi ade abe uhlawule ityala lotywala ebebuthathe ngetyala.
Lowo unikwe ilayisenisi okanye omnye umntu owenza egameni lakhe, akanakho ukuba angamkela okanye abambe naliphi na iphepha okanye nayiphi na into ehambisekayo, eyibambela ukuba kumiswe ngayo kwityala lotywala obuthengiswe ngetyala.
Ukungena kumasango eendawo ezinikwe iilayisenisi
 Lowo unikwe ilayisenisi akanakho ukuba angavumela umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ukuba:
abe kwigumbi okanye kuyo nayiphi na indawo apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi yokuthengisa utywala ekhawuntaleni, ngaphandle kwaxa kwelo gumbi okanye kuloo kuthengiselwa abantu ukutya behleli ezita.leni;
abe kwigumbi okanye kuyo nayiphi na indawo ethe iBhodi le yayityumba njengendawo abangavunyelwanga ukuba kuyo abantu abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ; okanye abe kwindawo, engeyondawo ithengisa ukutya, ekhutshelwe kuphela ilayisenisi yokuthengisa utywala bokuba buye kuselelwa ngaphandle kwayo le ndawo ikhutshelwe ilayisenisi, ngaphandle kokuba loo mntu uhamba nomzali okanye nomntu aphantsi kolondolozo lwakhe okanye nomnye umntu omdala ngemvume yomzali wakhe okanye yomntu aphantsi kolondolozo lwakhe.
Ukusilela ekufezekiseni imiqathango yecandelwana 1 kululwaphulo-mthetho.
Ukugcinwa kotywala
 Lowo mntu unikwe ilayisenisi kufuneka ukuba utywala bakhe abugcine apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi okanye ke kwenye indawo ekwalapha kwiPhondo eli ethe yamkelwa yiBhodi le emva kokuba kuthe kwenziwa isicelo sokwenza njalo.
Lowo mntu unikwe ilayisenisi akanakho ukuba angathengisa utywala kuloo ndawo iyenye ayisebenzisela ukugcina utywala bakhe.
Indawo yokuthengisela
 Lowo unikwe ilayisenisi akanakho ukuba angabuthengisela kuyo nayiphi na enye indawo ngaphandle kwakule ikhutshelwe utywala.
Nakubeni kukho le miqathango yeli candelo, lowo mntu unikwe ilayisenisi unakho ukuba angakubhengeza ukuthengisa kwakhe utywala, agaye nabathengi, athathe nee-odolo zabathenga utywala bengekho apha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Ukusilela ekufezekiseni imiqathango yecandelwana 1 kululwaphulo-mthetho.
Amaxesha okuvula
 Ehamba ngaleyo miqathango inokuthi iBhodi le iyibeke xa ikhupha ilayisenisi okanye emva kwentlanganiso ebibanjwe ngokwecandelo 7, lowo mntu unikwe ilayisenisi angabuthengisa utywala ngezo ntsuku nangaloo maxesha okuvula ithe iBhodi le yawabekela amashishini akhutshelwe iilayisenisi, kodwa ke kuqondakale ukuba lawo maxesha okuvula abekwe yiBhodi le akasayi kungquzulana nalawo abekwe ngumthetho kamasipala.
Umthetho kamasipala usenokuthi ubeke amaxesha okuvula angafaniyo nala abekelwe amashishini akhutshelwe iilayisenisi zokuthengisa utywala obuselelwa kwalapho buthengiswa khona nalawo athengisa utywala obungaselelwa apho buthengiswa khona, koko buselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi, kodwa ke awunakho ukuba ungabeka amaxesha okuvula neentsuku zokuvula ezingafaniyo kumashishini ngamashishini akhutshelwe iilayisenisi, kodwa ke kuqondakale ukuba amaxesha okuvula abekwe ngumasipala akanakudlula kula maxesha okuvula abekwe kumacandelwana (a) no-(b) ngezantsi apha.
a Ehamba ngaleyo miqathango ibekwe yiBhodi le ngokweli candelwana 1 ngentla apha, xa ngaba umasipala akanazintsuku namaxesha okuvula awabekileyo ngokwakweli candelwana 2 ngentla apha, ke lowo unikwe ilayisenisi yendawo yokuthengisa utywala obuza kuya kuselelwa ngaphandle kwale ndawo ikhutshelwe ilayisenisi angabuthengisa nangeyiphi na imini utywala nanini na ukusukela kwintsimbi yesibhozo kusasa ukuya kutsho kweyesibhozo ngorhatya 8:00 neye-20:00.
Ehamba ngaleyo miqathango ibekwe yiBhodi le ngokweli candelwana ngentla apha, xa ngaba umasipala akanazintsuku namaxesha okuvula awabekileyo ngokwakweli candelwana ngentla apha, ke lowo unikwe ilayisenisi yendawo yokuthengisa utywala obuza kuselelwa kwalapha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi angabuthengisa nangeyiphi na imini utywala nanini na ukusukela kwintsimbi yesibhozo kusasa ukuya kutsho kweyesine (04:00) kwintsasa yosuku olulandelayo.
Kwimeko apho lowo unikwe ilayisenisi enelayisenisi evmela ukuba kuselelwe kwalapha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi nangaphandle kwayo, uya kuhamba ngale miqathango yamacandelwana (a) no-(b) ngentla apha, enezo nguqulelwana ziyimfuneko.
Lowo mntu unikwe ipemethi utywala angabuthengisa ngezo ntsuku nangaloo maxesha axeliweyo kwipemethi yakhe.
Kuthathelwe ingqalelo icandelo 75 , ukusilela ekuthengiseni ngala maxesha okuvula nangezi ntsuku zokuvula zibekwe yiBhodi le ngokwemiqathango yecandelwana , ngezo zibekwe ngumthetho kamasipala ngokwemiqathango yecandelwana okanye ngezo zibekwe ngulo Mthetho kwicandelwana , kululwaphulo-mthetho.
 Lowo unikwe ilayisenisi kufuneka ukuba agcine, ngaloo ndlela ibekiweyo, amarekhodi abo bonke utywala obuthengiselwe ukuya kuselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi.
Akukho mntu mnye, ngaphandle kwalowo mntu unikwe ilayisenisi unokuthi ngemini enye athenge utywala bokuya kuselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi obudlulileyo kulowo mthamo anokuthi awubeke uMphathiswa, kwaye ke nalowo mntu unikwe ilayisenisi engavumelekanga ukuba angamthengisela loo mntu mnye ufuna ukwenza njalo ngaphandle kokuba uqale wafumana imvume yegosa elijongene nezotywala laloo ngingqi ikuyo le ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Umntu ongenayo ilayisenisi okanye ipemethi yokuthengisa utywala kanakho, nanini na, ukuba angathenga utywala, okanye abe notywala apha kuye okanye abe notywala obuphantsi kolawulo lwakhe, obudlulileyo kulo mthamo ubekwe phantsi kwecandelwana ngaphandle kokuba uqale ngokufumana le mvume ikhankanywe kweli candelwana.
ISAHLUKO 7
 Lowo mntu unelayisenisi yokuthengiswa nokuselwa kotywala kwiziyunguma ezizodwa akanakho ukuba angathengisa utywala esiyungumeni ngaphandle kokuba unikwe ipemethi yokwenza njalo ngumasipala waloo ngingqi ikuyo loo ndawo buza kuthengiswa kuyo utywala obo, okanye ke yiBhodi le, ukuba ngaba umasipala waloo ngingqi akazange anyulwe njengomgunyaziswa phantsi kwemiqathango yecandelo 17 .
Lowo mntu unelayisenisi yokuthengisa utywala bokuselwa kwiziyunguma ezizodwa kufuneka ukuba afake kumasipala ngaloo ndlela ibekiweyo, isicelo sepemethi yokuthengisa utywala kwisiyunguma esisodwa esithile.
Eso sicelo ke kufuneka ukuba sifakwe kungasalanga ngaphantsi kweentsuku ezilishumi elinesine phambi kwalo mhla wesiyunguma esisodwa eso.
Umasipala angathi ke, emva kokuba ethe wasiqwalasela isicelo eso kwakunye nezo mpepha okanye naloo miba abona zifanelekile, asikhabe isicelo eso okanye asamkele phantsi kwayo nayiphi na imiqathango abona kufanelekile ukuyibeka.
Le miqathango ikhankanywe kwicandelwana ngentla apha kufuneka ukuba ichazwe apha kule pemethi ikhutshiweyo.
Umntu esikhatyiweyo isicelo sakhe ngokwecandelwana , okanye onganeliswayo ngumqathango othile obekwe ngumasipala angathi, ngaloo ndlela ibekiweyo, afake isibheno eBhodini le, ebhenela oko kukhatywa kwesicelo sakhe okanye loo mqathango anganeliswayo nguwo.
Kululwaphulo-mthetho ukusilela komntu onikwe ilayisenisi, engumntu onelayisenisi yeziyunguma ezizodwa, ekufuneni ipemethi ekhutshwa ngumasipala yesiyunguma esisodwa aza kuthengisa kuso utywala.
umntu onikwe ilayisenisi yotywala; okanye umntu onikwe ipemethi yotywala besintu.
Umntu ongathintelwanga kukungafaneleki ukuba angaba nelayisenisi yotywala angathi asifake, ngaloo ndlela ibekiweyo isicelo sokufumana ipemethi yokuthengisa utywala besintu, kumasipala waloo ngingqi ikuyo le ndawo kuza kuthengiselwa kuyo obo tywala besintu.
Loo masipala senziwe kuye isicelo unakho ukuba angasamkela eso sicelo phantsi kwaloo miqathango abona kufanelekile umasipala ukuba ayibeke, okanye ke asikhabe.
Ukuba ngaba isicelo sithe samkelwa, kufuneka ukuba umasipala athi, isakuba yenziwe loo ntlawulo ifanele ukuba mayenziwe, amnike ipemethi leyo loo mntu ubefake isicelo, ngaloo ndlela ibekiweyo.
Umntu oziva enganelisekanga sisigqibo sikamasipala ngokwalapha kweli candelo, angathi afake isibheno eBhodini, ngendlela ebekiweyo, ngesi sigqibo sithathiweyo ngumasipala.
Lowo mntu unikwe ipemethi angenza isicelo kumasipala sokuba ihlaziywe, kungasalanga ngaphantsi kweentsuku ezingamashumi amathathu phambi kokuba u.ke laa mhla yayikhutshwe ngawo.
Umasipala kufuneka ukuba, emva kokuba yenziwe intlawulo yohlaziyo athe wayibeka, ayihlaziye ipemethi leyo esinye isithuba sonyaka omnye, ngaphandle kokuba kuye kwenzeka ukuba lowo mntu afumaniseke engakufanelanga ukunikwa ipemethi okanye iBhodi le iye yathi akangomntu ukufaneleyo ukuba anikwe ipemethi.
Umntu oziva enganelisekanga yindlela eqhutywa ngayo intengiso yotywala besintu angangenisa isikhalazo eBhodini eya kuthi ke yona kufuneke ukuba isiqwalasele eso sikhalazo ngoluya hlobo isiqwalasela ngalo isikhalazo ngelayisenisi, kwaye ke amagunya enawo iBhodi ngale pemethi ayafana nalawo inawo malunga nelayisenisi.
 Ixesha lokusebenza kwelayisenisi liqala kulaa mhla ikhutshwe ngawo.
Ilayisenisi iphelelwa lixesha ngalaa mhla igqiba iinyanga ezilishumi elinesibini ukusuka kulowa mhla yayikhutshwe ngawo okanye ekupheleni kweenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kulaa mhla yayihlaziywe ngawo, lowo mhla u.ke mva, ngaphandle kokuba ke uhlaziyo lwaloo layisenisi loluzenzekelayo ngokwemiqathango yecandelo 52 okanye ihlaziywa yiBhodi ngokwemiqathango yecandelo 53.
Ipemethi ekhutshwe phantsi kwemiqathango yecandelo 22 ikhutshelwa isiyunguma esisodwa isebenza kuphela ngoluya suku okanye ngeziya ntsuku zesiyunguma esisodwa eso ebikhutshelwe sona, kwaye ke ayihlaziywa yona.
Ipemethi ekhutshwe phantsi kwemiqathango yecandelo 22 ikhutshelwa ukuthengiswa kotywala besintu isebenza ukuqalela ngalaa mhla wokukhutshwa kwayo, ize iphelelwe lixesha ekupheleni kweenyanga ezilishumi elinesibini emva kwalaa mhla wokukhutshwa kwayo, ngaphandle kokuba iye yahlaziywa ngumasipala phantsi kwemiqathango yecandelo 50 .
USihlalo angathi, emva kokuba efumene ingxelo yokuba indawo ebikhutshelwe ilayisenisi ishiyiwe nguloo mntu ubenikwe ilayisenisi, ayirhoxise okwexeshana loo layisenisi ngoko nangoko.
Ukurhoxiswa kwelayisenisi okwexeshana phantsi kwemiqathango yecandelwana kuyajikwa emva kokuba uSihlalo efumene ingxelo yokuba indawo leyo yakhutshelwa ilayisenisi ayishiywanga ngulowo wayenikwe ilayisenisi okanye eyokuba iyasebenza kwakhona.
 Ngaphandle kwalapho kusetyenzwa ngecandelo 53, kufuneka ukuba iBhodi le ikhuphe isaziso sohlaziyo lwelayisenisi, ngendlela ebekiweyo, zingadlulanga iinyanga ezisibhozo emva kwalaa mhla wokukhutshwa kwayo okanye wokuhlaziywa kwayo, asithumele kumntu ngamnye onelayisenisi, acele ukuba umntu lowo unikwe ilayisenisi makahlawule intlawulo yohlaziyo lwelayisenisi, ekufuneka ukuba ube kukuphela kweenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kulaa mhla wokukhutshwa kwayo okanye wokuhlaziywa kwayo, nokuba ngowuphi na o.ke mva.
Emva kokuba ethe loo mntu unelayisenisi wayihlawula intlawulo ebekiweyo phambi komhla wohlaziyo okanye ngomhla wohlaziyo, iyaphinda ke ihlaziywe ilayisenisi yakhe isithuba seenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kulowo mhla ihlaziywa ngawo.
Lowo unikwe ilayisenisi akasayi kwaphulelwa kuxanduva lwakhe lokuyihlawula ngexesha le ntlawulo ibekiweyo ukuba ngaba isaziso asikhange sithunyelwe okanye akakhange asifumane.
Umntu onikwe ilayisenisi oye wasilela ukuyihlawula ngexesha intlawulo unakho ukuba angathi, zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathandathu emva kokuba udlulile laa mhla wohlaziyo, angenise isicelo eBhodini ngento ebhaliweyo ecela ukuxolelwa ngokokusilela, kwaye ke iBhodi inakho ukuba imxolele, ivume ukuyamkela loo ntlawulo ibekiweyo ishiywe lixesha ngaloo mhla uthe wabekwa yiBhodi le, ihamba ke nezo ntlawulo zongezelelweyo nezizizohlwayo ezinokuthi zibekwe yiBhodi.
Kwiimeko apho iBhodi le iye yasamkela isicelo sokuxolelwa ngokwale miqathango ikwicandelwana ngentla apha, yazibeka neentlawulo ezifanele ukuhlawulwa nezo zongezelelweyo kwakunye nezo zezohlwayo, zaza zahlawulwa, umhla wokuhlaziywa kwaloo layisenisi kuya kuthathwa ukuba ngulowa ibifanele ukuba ihlaziywe ngawo kakade; kodwa ke kuqondakale ukuba, xa lowo unaloo enokuthi asilele ekuhlawuleni iintlawulo neentlawulo zezohlwayo azibekelweyo ngokwemiqathango yeli candelwana ude udlule laa mhla wokuhlawula awubekelweyo, ilayisenisi yakhe iyaphelelwa ngawo loo mhla.
 Ukuba ngaba ekupheleni kweenyanga ezisibhozo ukusukela kulaa mhla wokukhutshwa kwelayisenisi okanye wokuhlaziywa kwayo, nokuba ngowuphi na o.ke mva, lowo mntu unikwe ilayisenisi:
uye wafunyaniswa engakufanelanga ukuba angaba nelayisenisi phantsi kwemiqathango yecandelo 24; okanye iBhodi iye yamfumana engakufanelanga ukuba angaba nelayisenisi yotywala; okanye iye wathi kwesi sithuba seenyanga ezisibhozo zidlulileyo wasilela ekuthobeleni isaziso sothotyelo esiye sakhutshwa phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
ke loo layisenisi ayikwazi ukuba ingavela ihlaziywe ngokwaphantsi kwemiqathango yecandelo 52, kodwa ke inakho ukuba ingahlaziywa yiBhodi le emva kokuba lowo ungumnini welayisenisi enze isicelo ngaloo ndlela ibekiweyo.
IBhodi le kufuneka ukuba zithi zingadlulanga iinyanga ezilithoba ukusukela kulaa mhla wokukhutshwa okanye wokuhlaziywa kwelayisenisi, zikhupele umntu ongumnini welayisenisi isaziso, njengoko kuchaziwe kumhlathana esimxelelayo lowo ungumnini welayisenisi ukuba:
ilayisenisi yakhe ayizi kuhlaziywa; nokuba kufuneka ukuba lowo ungumnini welayisenisi enze isicelo, ngendlela ebekiweyo, ngaloo mhla uthe wabekwa yiBhodi le, sokuba ihlaziywe ilayisenisi yakhe, umhla lowo ongenakuba semva kweenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kulaa mhla wokukhutshwa okanye wokuhlaziywa kwaloo layisenisi yakhe.
Ukuba ngaba lo mntu unikwe ilayisenisi uyasilela ekuthobeleni esi saziso sikhankanywe kumhlathana , ke ilayisenisi leyo yakhe iya kuphelelwa ukusukela kwiinyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kulaa mhla wokukhutshwa okanye wokuhlaziywa kwayo.
Ukuba ngaba lowo unikwe ilayisenisi uthe wasithobela esi saziso, ke ilayisenisi yakhe iya kuhlala isebenza de ibe iBhodi le igqibile ukuqwalasela isicelo sakhe sohlaziyo.
Xa iBhodi le iqwalasela isicelo sohlaziyo umsebenzi wayo kunye namagunya ayo ayafana nalawo inawo xa iqwalasela isicelo selayisenisi entsha, amagunya lawo abandakanya igunya lokusikhaba isicelo okanye lokusamkela, phantsi kwaleyo miqathango inokuthi ibone kufanelekile ukuba iyibeke.
Ukuba ngaba iBhodi le iyasamkela isicelo sokuhlaziywa kwelayisenisi, ilayisenisi leyo kuthathwa ukuba iye yahlaziywa phantsi kwemiqathango yecandelo 51 .
Ukuba ngaba iBhodi le iyasikhaba isicelo sokuhlaziywa kwelayisenisi, ilayisenisi leyo iphelelwa ngoko nangoko okanye ke ngaloo mhla unokuthi ubekwe yiBhodi le.
ISAHLUKO 9
 Lowo mntu unikwe ilayisenisi unakho ukuba angenza isicelo sokuba ilayisenisi yakhe idluliselwe komnye umntu ngokuthi angenise isicelo, ngaloo ndlela ibekiweyo nangaloo fomu isetyenziswayo, kumasipala wale ngingqi ikuyo le ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Umasipala lowo ke kufuneka ukuba, ngaleyo ndlela ibekiweyo, alazise igosa elijongene nezotywala ngesi sicelo, aze ke alicele limngenisele ingxelo ngokuphathelele ekufanelekeni kwaloo mntu kucetywa ukudluliselwa kuye ilayisenisi ukuba angaba nelayisenisi.
Igosa elijongene nezotywala kufuneka ukuba, lingadlulanga elo xesha libekiweyo, liyingenise loo ngxelo ngokolu hlobo ifunwa ngalo kumhlathana , kwaye ke kuloo ngxelo lingabandakanya nawuphi na umba elibona lona gosa lijongene nezotywala ukuba kufanelekile ukuwuvelisa kwesi sicelo.
Umasipala kufuneka ukuba, lingadlulanga elo xesha libekiweyo, athumelele iBhodi esi sicelo kwakunye naziphi na iimpepha abeye wazifumana zingeniswe kunye neso sicelo.
IBhodi le kufuneka ukuba, lingadlulanga elo xesha libekiweyo, isikhabe okanye isamkele esi sicelo.
IBhodi ayinakho ukuba ingamkela isicelo sodluliselo, ngaphandle kokuba yanelisekile ukuba umntu lowo kuza kudluliselwa kuye ilayisenisi:
akafunyaniswanga engakufanelanga ukuba angaba nelayisenisi phantsi kwemiqathango yecandelo 23;
ungumntu onesimo esihle; kwaye ufundile ngokufanelekileyo okanye uya kuba efunde ngokwaneleyo, okanye kubantu abamsebenzelayo uya kuba naye umsebenzi omnye, nangaphezulu, ofunde okanye abafunde ngokufanelekileyo okanye oya/abaya kuba efunde/ befunde ngokufanelekileyo benalo noqeqesho kulawulo lweshishini elinelayisenisi.
Xa iBhodi le isamkela isicelo sodluliselo inakho ukuba ingayalela ukuba loo mntu idluliselwa kuye ilayisenisi, okanye omnye okanye abanye babasebenzi baloo mntu, kufuneka baye kufumana uqeqesho nemfundo enokuthi iBhodi igqibe kuyo.
IBhodi eyamkela isicelo sodluliselo phantsi kwemiqathango yeli candelo kufuneka ukuba ikhuphe isiqinisekiso sodluliselo ngokolo hlobo kubekwe ngalo.
Ukuba ngaba lo mntu kudluliselwa kuye ilayisenisi uyasweleka, okanye uyatshona ematyaleni okanye ufunyaniswa yinkundla efanelekileyo engenakukwazi ukuba angayiqhuba imicimbi yakhe, okanye, ukuba ngaba uyinkampani okanye inkampanana encinane, uyathinjwa phambi kwalo mhla wokuqwalaselwa kwesicelo sodluliselo, umabi-lifa, itrasti, umthengisi okanye umlondolozi, lowo ufanelekileyo, uthathwa ukuba nguye umfaki wesicelo, kwaye unawo onke amalungelo abeya kuba nawo lowo mntu okanye leyo nkampani okanye loo nkampani okanye loo nkampanana incinane, ibiya kuba nawo ukuba ebengathanga abhubhe okanye atshone okanye athinjwe okanye afunyaniswe engafanelekanga.
Umntu onikwe ilayisenisi olinikezelayo ishishini elo, kufuneka ukuba, zithi zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu ukusukela kuloo mhla anikezela ngawo, ayazise iBhodi le ngento ebhaliweyo ngolo nikezelo. Kululwaphulo-mthetho ukusilela ekuyaziseni iBhodi le ngolo nikezelo.
Umntu othenge ishishini elinelayisenisi angafaka isicelo kuSihlalo sokunikwa imvume yokuqhuba elo shishini linelayisenisi, ngoku kusalindwe ukuba ilayisenisi yalo idluliselwe kuye.
Esi sicelo senziwe phantsi kweli candelwana ngentla apha kufuneka ukuba senziwe ngokusingenisa kuSihlalo ngefomu ebekiweyo.
USihlalo angayinika imvume egunyazisa umthengi lowo weshishini elo ukuba angaziqhubela elo shishini ixesha elithile elisikiweyo, ixesha elo ke elingenakuba ngaphezulu kweenyanga ezintandathu ukusukela kuloo mhla aqalise ngawo.
USihlalo angathi nanini na ayirhoxise loo mvume inikwe phantsi kwemiqathango yecandelwana ngentla apha.
Le mvume inikwe phantsi kwemiqathango yecandelwana ngentla apha ayinakho ukuba ingenzelwa isibheno okanye uvandlakanyo phantsi kwalo Mthetho.
Lowo mntu uthe wanikwa le mvume inikwe phantsi kwemiqathango yecandelwana , unelungelo lokuba aliqhube eli shishini likhutshelwe ilayisenisi ngokwakhe, kwaye unamalungelo afanayo nalawo ebenawo laa mntu ube engumnini welayisenisi, kwaye naye ubopheleleke kuxanduva olufanayo noluya ubebopheleleke kulo lowa ube engumnini wale layisenisi.
Ukunikwa kwale mvume inikwe phantsi kwemiqathango yecandelwana ngentla apha akumkhululi loo mntu ungumnini welayisenisi kumsebenzi noxanduva abopheleleke kulo ngokuba ngumnini welayisenisi.
Ukushiywa kweendawo nokusweleka okanye ukulimala komnini-layisenisi
 Ukuba ngaba lowo mntu unikwe ilayisenisi uyasweleka, okanye uyatshona okanye ufunyaniswe yinkundla efanelekileyo ukuba akakwazi ukuqhuba imicimbi yakhe, okanye ukuba ngaba yinkampani okanye inkampanana encinane, ithinjiwe:
loo layisenisi iwela ku lowo mntu uthe wakhethwa njengomabi-lifa, okanye utrasti, okanye umgcini okanye umthengisi weempahla ezithinjiweyo, lowo ufanelekileyo, ukusukela kuloo mhla abekwe ngawo; kwaye ke lowo mntu uthe wakhethwa njengomabi-lifa, okanye utrasti, okanye umgcini okanye umthengisi weempahla ezithinjiweyo angaliqhuba elo shishini linelayisenisi ngokolo hlobo ebeya kuliqhuba ngayo lowo ungumnini welayisenisi, ukuba ngaba ebengathanga wasweleka okanye watshona okanye wathinjwa okanye wafunyaniswa engakwazi, kwaye naye ubopheleleke kulaa miqathango ebebopheleleke kuyo loo mnini welayisenisi; kwaye ke lowo mntu uthe wakhethwa njengomabi-lifa, okanye utrasti, okanye umgcini okanye umthengisi weempahla ezithinjiweyo angasifaka isicelo sokuba le layisenisi mayidluliselwe, phantsi kwemiqathango yecandelo, kwaye ke ngokwakweso sicelo uthathwa ukuba nguye umnini wale layisenisi.
IBhodi le ingathi, ukuba iyaneliseka ukuba ishishini elikhutshelwe ilayisenisi liye lashiywa, okanye umnini welayisenisi ngulo mntu uchazwe kwicandelwana ngentla apha, abe engekabikho nomntu uthe wakhethwa njengomabi-lifa, okanye utrasti, okanye umgcini okanye umthengisi weempahla ezithinjiweyo, inyule umntu wokuba ngumnini wale layisenisi aqhube eli shishini de kube kukhethwe lowo mntu uza kuba ngumabi-lifa, okanye utrasti, okanye umgcini okanye umthengisi weempahla ezithinjiweyo, okanye, ukuba ngaba ishishini elo lishiyiwe, kude kubekwe imanejala.
Lowo mntu ke uthe wabekwa ngolo hlobo uthathwa ukuba nguye umnini welayisenisi le.
Ukuba ngaba uyasweleka umntu onikwe ilayisenisi enguye kuphela umlawuli wenkampani okanye ilungu lenkampanana encinane, okanye uyatshona okanye ufunyaniswa yinkundla efanelekileyo engakwazi ukuqhuba imicimbi yakhe okanye ukuba yinkampani okanye inkampanana encinane, uyathinjwa, ke kuya kuthi kule layisenisi kuhanjwe ngale miqathango yamacandelwana nele- ngentla apha, kunezo nguqulelwana zenziweyo apha naphaya, de abe ubekiwe umlawuli omtsha okanye ilungu elitsha.
ISAHLUKO 10
IZIBHENO
Izibheno eziya kwiSigqeba seZibheno
 ISigqeba seZibheno esibekwe phantsi kwemiqathango yecandelo 14 kufuneka ukuba siqwalasele isibheno okanye isicelo sovandlakanyo esifakiweyo ngesigqibo esithathiweyo yiBhodi le phantsi kwemiqathango yecandelo 7 .
ISigqeba seZibheno singasiqinisekisa eso sigqibo okanye loo myalelo kufakwe isibheno ngawo, okanye senze izilungiso okanye sisikhabe, size ke sibeke esinye endaweni yaso eso okanye endaweni yawo loo myalelo, ngokokufuna kweemeko.
Lowo mntu ufake isicelo okanye lowo mntu unochaphazeleko unganelisekanga sisigqibo seBhodi le angathi, lingadlulanga ixesha elibekiweyo, emva kokuba ezifumene izizathu zesigqibo seBhodi le, angenisele iBhodi le isaziso sokubhena okanye sovandlakanyo ngokwaloo ndlela ibekiweyo.
Isibheno okanye uvandlakanyo kufuneka sixoxwe ngokungathi sisibheno ngesigwebo esikhutshwe yinkundla kamantyi kwityala lembambano, kwaye ke nawuphi na umgaqo olandelwayo kwityala lembambano uya kulandelwa nalapha, wenziwe ezo nguqulelwana ziyimfuneko apha naphaya, njengoko zivunyelwa ngokwalapha.
Ngaphandle kwalapho lowo mntu ufake isicelo okanye lowo mntu unochaphazeleko, ethe waphulelwa kumqathango wentlawulo eyenziwayo ngokwemiqathango yecandelwana , umntu onganelisekanga sisigqibo seBhodi le kufuneka ukuba kwangeli xesha angenisa isaziso sesibheno okanye sovandlakanyo ngokwemiqathango yecandelo , ahlawule naloo mali ibekiweyo yimigaqo okanye ithotyweyo siSigqeba seZibheno, njengemali yokukhawulelana neendleko enokuthi ingene kuzo iBhodi le okanye elo cala liphikisayo.
ISigqeba seZibheno singathi sakuba sifumene isicelo salowo mntu ufaka isicelo okanye salowo mntu unochaphazeleko, unganelisekanga sisigqibo seBhodi le, siyithobe intlawulo yokukhawulelana neendleko ezingekenzeki okanye simaphulele singayibizi.
Imali ehlawulelwe ukukhawulelana neendleko ezingekenzeki ngokwemiqathango yecandelwana ngentla apha kufuneka ihlawulwe kwiGosa eliLawulayo eliyiNtloko, lize ke lona liye kuyifaka ebhankini kwi-akhawunti eyodwa, apho iya kulinda isiphumo sesibheno okanye sovandlakanyo, apho ke liya kuthi lihlawule ngayo ngokwaloo myalelo uthe wanikwa ngumchopheli weSigqeba seZibheno.
ISigqeba seZibheno singawukhupha loo myalelo wentlawulo yeendleko zamaqela kwezi ngxoxo okanye zeBhodi le, ngokolo hlobo sibona lufanelekile phantsi kweemeko ezo.
Lowo mntu ufake isicelo okanye lowo mntu unochaphazeleko unganelisekanga sisigqibo seBhodi le angaya kuvela ngokwakhe phambi kweSigqeba seZibheno okanye angamelwa apho ligqwetha lejaji okanye ligqwetha.
Isigqibo seSigqeba seZibheno kumcimbi othile asinakuphikiswa, kwaye singenakho nokuba singafakelwa esinye isibheno.
ISAHLUKO 11
 Umhloli angakhuphela lowo mntu ungumnini welayisenisi okanye lowo mntu iphantsi kolawulo lwakhe indawo ekhutshelwe ilayisenisi, isaziso sothotyelo ngefomu ebekiweyo, emazisa ngaso loo mntu ukuba makathobele imiqathango etyetyeshwa ngulo Mthetho okanye imiqathango yelayisenisi yakhe.
Isaziso sothotyelo kufuneka ukuba sicacise:
imiqathango ebekwa ngulo Mthetho okanye imiqathango yelayisenisi efanele ukuthotyelwa;
amanyathelo ekufuneka ukuba makathathwe ukuze kuthotyelwe;
umhla ekufanele ukuba lube lufezekiswe ngawo olo thotyelo; kunye nezo ziphumo kuya kuthi kube nazo ukungathobeli.
Umhloli angathi, xa ethe wacelwa ngulowo mntu ukhutshelwe isaziso sothotyelo, alandise elo xesha lofezekiso lothotyelo, xa kunikwe isizathu esivakalayo, aze ke aphinde amkhuphele esinye isaziso sothotyelo esenziwe iinguqulelo.
Ukuba ngaba lowo mntu ukhutshelwe isaziso sothotyelo uye walufezekisa olo thotyelo, umhloli uya kukhupha isiqinisekiso sothotyelo.
Lowo mntu ukhutshelwe isaziso sothotyelo angathi, ngendlela ebekiweyo, angenisele umhloli lowo inkcazo ekuphikayo oku kukwesi saziso, achaze futhi nokuba ukuphika ngamihlaba mini na oko kuqulathwe sisaziso sothotyelo eso.
Umhloli othe wafumana le nkcazo inikwe phantsi kwemiqathango yecandelwana kufuneka ukuba athi, lingadlulanga ixesha elibekiweyo angenisele iGosa eliLawulayo eliyiNtloko eso saziso sothotyelo nale nkcazo ikhankanywe kwicandelwana kunye nazo naziphi na ezinye iimpepha abona kufanelekile ukuba makazingenise, lize ke lona iGosa eliLawulayo eliyiNtloko lithathe isigqibo malunga nokuba ngaba esi sikhalazo siqulathwe sisaziso sothotyelo sifanelekile na.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko lingathi, ukuba ligqiba kwelokuba eso sikhalazo siqulathwe kwisaziso sothotyelo asifanelekanga, lisichithe, okanye ukuba ngaba lisifumanisa sifanelekile, liyalele ukuba isaziso sothotyelo eso masifezekiswe ngalowo mhla linokuthi liwubeke.
IGosa eliLawulayo eliyiNtloko lingathi ligunyazise omnye umntu ongumsebenzi weBhodi le ukuba makenze lo msebenzi uchazwe kwicandelwana ngentla apha.
Ubungqina bokungasifezekisi isaziso sothotyelo, entlanganisweni yeBhodi le, bubungqina bokuba kukho ulwaphulo-mthetho oluthe lwenziwa, okanye utyeshelo lwale miqathango yelayisenisi ikhankanywe kwisaziso sothotyelo.
Imiyalelo yexeshana
 IBhodi le isenokuthi kwiimeko ezizodwa, asakuba efake isicelo umhloli okanye igosa elijongene nezotywala, nalapho impilo nentlalontle yoluntu okanye ukhuseleko loluntu zibekeke emngciphekweni, ikhuphe umyalelo wexeshana oyirhoxisayo ilayisenisi leyo okanye ipemethi leyo okwexeshana.
Esi sicelo sikhankanywe phantsi kwecandelwana asinakwamkelwa ngaphandle kokuba:
sixhaswa yinkcazo efungelweyo ecacisa iinkcukacha eziphathelele kumcimbi lowo;
kukho ubungqina bokuba isicelo eso neenkcazo ezifungelweyo wazinikwa lowo mntu ungumnini welayisenisi kungasalanga ngaphantsi kweeyure ezingamashumi amane anesibhozo phambi kokungeniswa kwesicelo eso; nokokuba kuyabonakala ngokwalapha kwisicelo eso ukuba loo mcimbi ngumcimbi ongxamisekileyo.
Umyalelo okhutshwe phantsi kwemiqathango yecandelwana kufuneka ukuba awunikwe lowo mntu ungumnini welayisenisi ngokwesikhokelo esinikwe yiBhodi, kwaye uqalisa ukusebenza ngaloo mhla awunikwa ngawo nangelo xesha awunikwa ngalo.
Umyalelo okhutshwe phantsi kwemiqathango yecandelwana kufuneka ukuba uxele umhla ekufuneka aye kuvela ngawo phambi kweBhodi le lowo mntu ungumnini welayisenisi, aye kunika izizathu ezichaza ukuba kutheni na ungenakuphunyezwa nje loo myalelo.
Lowo mntu ungumnini welayisenisi angathi, phambi kwalo mhla uxelwe kwicandelwana , angenisele iBhodi le isaziso sokuba uza kuwuphikisa loo myalelo, kwaye ke kufuneka ukuba angenise neenkcazo ezifungelweyo apho achaza imihlaba awuphikisa phantsi kwayo loo myalelo, aze kwangelo xesha linye anike lo mhloli okanye eli gosa lijongene nezotywala likhankanywe kwicandelwana ikopi yeso saziso neyezo nkcazo zifungelweyo.
Lowo mntu ungumnini welayisenisi angathi, phambi kwalo mhla uxelwe kwicandelwana , enze isicelo kuSihlalo weBhodi le sokuba umhla wokuxoxwa kwalo mcimbi makawubeke kusuku olungaphambili, aze ke kwangelo xesha linye anike lo mhloli okanye eli gosa lijongene nezotywala likhankanywe kwicandelwana ikopi yeso sicelo.
USihlalo weBhodi le usengayalela ukuba umhla lowo mawubekwe kusuku olungaphambili.
Ngalo mhla wokuxoxwa kwesi sicelo iBhodi le ingawurhoxisa lo myalelo wexesha okanye iwuqinisekise, kuqondakale ke kambe ukuba ingawenza nezo nguqulelo izibona kufanelekile ukuba mayizenze.
Ukurhoxiswa okwexeshana, ukutshitshiswa nokuphelelwa kweelayisenisi
 Ilayisenisi ethe yarhoxiswa okwexeshana phantsi kwawo nawuphi na umqathango walo Mthetho ihlala isebenza, ingaphelelwanga, ngaphandle nje kokuba ngelo xeshana isarhiswe ngalo umntu ongumnini wayo akanakho ukuba angabuthengisa utywala.
Ilayisenisi ethe yatshitshiswa yiBhodi le iyaphelelwa ukusukela kuloo mhla iitshitshiswa ngawo, okanye ke ngalo mhla ungomnye inokuthi igqibe kuwo iBhodi le.
Ilayisenisi ethe yaphelelwa phantsi kwemiqathango yecandelo 52 iyayeka ukusebenza ukusukela kuloo mhla iphelelwe ngawo.
Lowo mntu ungumnini welayisenisi ethe yarhoxiswa okwexeshana okanye yatshitshiswa okanye yaphelelwa usenokuthi zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu emva kolo rhoxiso okanye kolo tshitshiso okanye koko kuphelelwa, abuthengise ngefantesi nabuphi na utywala obukhoyo kuloo ndawo ibinale layisenisi, ngaloo mhla luqala ngawo ukusebenza olo rhoxiso okanye olo tshitshiso okanye oko kuphelelwa, ethengiselwa ngunofandesi onelayisenisi.
Ukuba ngaba umntu ongumnini welayisenisi wenza isicelo eBhodini ngento ebhaliweyo sokuba mayiyitshitshise ilayisenisi yakhe, loo layisenisi iya kuthi ke iphelelwe ngaloo mhla ithe yawubeka iBhodi.
Ukubekwa kwamagosa okujongana nezotywala nabahloli nemisebenzi yabo
 UMkhomishinala weNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika eNtshona Koloni, kwisikhululo samapolisa ngasinye, angabeka ipolisa elikwinqanaba lobuhloli okanye kwelingentla kunalo ukuba lenze umsebenzi wegosa elikhethiweyo elijongene nezotywala phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
Ipolisa elithe labekwa njengepolisa elikhethiweyo phantsi kwemiqathango yecandelo 139 loMthetho oyiLiquor Act, 1989 (uMthetho 27 ka-1989) liba ligosa elikhethelwe ukuba lijongane nezotywala kwaye ke lithathwa ukuba libekwe ngokwemiqathango yecandelwana .
UMkhomishinala weNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika eNtshona Koloni angathi nanini na akutshitshise oku kubekwa kwenziwe phantsi kwemiqathango yeli candelo.
UMphathiswa unokubeka umntu oqeshwe nguRhulumente weNtshona Koloni ukuba abe ngulo mhloli kuthethwa ngaye apha kulo Mthetho.
UMkhomishinala kufuneka ukuba, xa ebeka igosa elijongene nezotywala ngokolu hlobo luchazwa kwicandelwana , akhuphe isiqinisekiso sokubekwa okanye sokukhethwa esisayinwe nguye yena Mkhomishinala, ngokunjalo noMphathiswa xa ebeka umhloli phantsi kwemiqathango yecandelwana , ngokwalowo kwenziwe nguye ukubeka okanye ukukhetha oko.
Igosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye umhloli kufuneka ukuba, xa besenza umsebenzi wabo ngokwemiqathango yalo Mthetho, xa bethe bacelwa nguye nawuphi na umntu ochatshazelwayo kukwenziwa kwaloo msebenzi, bakhuphe ubungqina bokubekwa kwabo, njengosa elijongene nezotywala okanye njengomhloli.
Igosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye umhloli kufuneka ukuba:
kwisicelo ngasinye esenziweyo phantsi kwemiqathango yalo Mthetho, benzele iBhodi ingxelo ngaleyo miba inokuthi ibekwe njengefanele ukwenzelwa ingxelo okanye leyo libonayo igosa elijongene nezotywala ukuba ifanele ukuba ithathelwe ingqalelo xa kuqwalaselwa eso sicelo; nokuba xa bethe bacelwa yiBhodi, banike ingxelo okanye bangenise naziphi na iinkcukacha ngomcimbi ethe iBhodi yacela ukuba kwenziwe njalo kuwo; nokuba bathi ngokukhawuleza bakuba beqaphele usilelo, banike iGosa eliLawulayo eliyiNtloko iNgxelo ngoko kusilela komntu ongumnini welayisenisi ekuthobeleni imiqathango yelayisenisi yakhe, okanye isaziso sothotyelo okanye imiqathango yalo Mthetho; nokuba lingenise ingxelo iGosa eliLawulayo eliyiNtloko xa athe lowo mntu ungumnini welayisenisi wafunyaniswa engakufanelanga ukuba nelayisenisi; nokuba ukuba ngaba banoluvo lokuba loo ndawo ibikhutshelwe ilayisenisi ishiyiwe, okanye ayikufanelanga ukuba kungaqhutyelwa kuyo eli shishini likhutshelwe ilayisenisi, balingenisele ingxelo iGosa eliLawulayo eliyiNtloko; nokuba ukuba ngaba lowo mntu ungumnini welayisenisi uye wabanjwa wagwetywa kwityala lolwaphulo-mthetho, balingenisele ingxelo iGosa eliLawulayo eliyiNtloko malunga nohlobo lolo lwaphulo-mthetho kwakunye neemeko elwenzeke phantsi kwazo.
Amagunya amagosa akhethiweyo ajongene nezotywala nabahloli
 Igosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye umhloli angathi, xa esenza umsebenzi wakhe:
a ngawo onke amaxesha afanelekileyo angene:
nakweyiphi na indawo ekhutshelwe ilayisenisi;
ii nakweyiphi na indawo ekwenziwe isicelo ngayo phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
iii nakweyiphi na indawo apho kuthengiswa utywala phantsi kwemiqathango yepemethi;
nakweyiphi na indawo apho kwenziwa utywala okanye ehambisa utywala phantsi kwemiqathango yobhaliso ngokwalo Mthetho uyiLiquor Act;
nakweyiphi na indawo apho akrokrela ukuba kugcinwe utywala kuyo okanye kuthengiswa utywala kuyo ngendlela enxamnye nemiqathango yalo Mthetho okanye yoMthetho oyiLiquor Act kwaye ke angathi emva kokuba ethe wamxelela umntu ophetheyo apho kuloo ndawo ngelo xesha loku.ka kwakhe ukuba utyelele ngazinjongo zini na apho, enze naluphi na uphando, abuze nayiphi na imibuzo okanye enze naluphi na uhlolo abona kufanelekile ukulwenza:
nanini na, kunjalo nje nakweyiphi phi na indawo, ayalele nawuphi na umntu ukuba makathi ngoko nangoko, okanye ngaloo mhla nangelo xesha linokuthi libekwe, amnike nayiphi na ilayisenisi okanye ipemethi okanye isiqinisekiso sobhaliso, okanye irekhodi okanye nazo naziphi na iimpepha anazo okanye eziselugcinweni lwakhe okanye eziphantsi kolawulo lwakhe okanye lwakhe nawuphi na omnye umntu ozigcine egameni lakhe;
ahlole naziphi na ezo mpepha athe wazinikwa ngokomhlathi (b), enze iikopi zazo okanye zeendawo azicaphule kuzo, afune nengcaciso kulo mntu uchazwe kulo mhlathi sele ukhankanyiwe yayo nayiphi na indawo yezo mpepha kwaye azithathele kuye ezo mpepha, ukuba ngaba uyabona ukuba ezo ndawo zingaba bubungqina bokuba lukhona ulwaphulo-mthetho phantsi kwemiqathango yalo Mthetho, okanye obukutyeshelwa kwawo nawuphi na umqathango obekelwe ilayisenisi leyo;
amfake imibuzo lowo mntu ungumnini welayisenisi okanye ubhalisiweyo okanye abasebenzi bakhe, okanye umfaki wesicelo okanye nawuphi na omnye umntu olapha kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi okanye ibhalisiweyo, xa ngaba uyakrokra ukuba lowo msebenzi okanye lowo mntu uanzo kuye okanye phantsi kolawulo lwakhe nazo naziphi na iimpepha ezinokuthi zifaneleke kulo mcimbi enza uphando ngawo; kananjalo acele nawuphi na umntu ongumnini welayisenisi okanye obhalisiweyo okanye umsebenzi wakhe ukuba aye kuvela phambi kwakhe ngelo xesha athe walibeka nakuloo ndawo aya kumxelela yona, aye kuphendula imibuzo emalunga nalowo mcimbi kwenziwa uphando ngawo.
Nawuphi na umntu owongamele ezi ndawo zikhankanywe kwicandelwana 1 kufuneka ukuba anike olo ncedo anokuthi acelwe ukuba makalunike ligosa elijongene nezotywala elikhethiweyo.
Amagunya amagosa oxolo ngokubanzi
 Igosa loxolo linakho ukuba lingene lenze uhlolo kuyo nayiphi na indawo ekhutshelwe ilayisenisi okanye ligqogqe kuso nasiphi na isithuthi, isikhephe okanye umntu, xa lithe lagunyaziswa ukuba malenze njalo ngeempepha zogunyaziso ezikhutshwe yinkundla efanelekileyo, kwaye igosa loxolo elikwinqanaba lobuhloli okanye kwelilingana nalo, lingathi lingenazo iimpepha zogunyaziso, lingene lihlole loo ndawo okanye eso sithuthi, okanye sikhephe okanye mntu, xa lithe lagunyaziswa ukub alenze njalo nguwo nawuphi na omnye umthetho.
Igosa loxolo linakho ukuba, xa lingena lihlola indawo ekhutshelwe ilayisenisi okanye xa ligqogqa nasiphi na isikhephe, isithuthi okanye umntu phantsi kwemiqathango yecandelwana libambe okanye lithathe nayiphi na into:
eya kuthi isetyenziswe njengobungqina botyeshelo lwemiqathango yalo Mthetho okanye imiqathango yelayisenisi okanye yepemethi; kunye nayo nayiphi na ebisetyenziswa okanye esetyenziswa kulwaphulo lwalo Mthetho okanye lomqathango welayisenisi okanye wepemethi.
Xa igosa loxolo lingena endaweni phantsi kwemiqathango yeli candelo, kufuneka ukuba:
lizazise ukuba lingubani na kulowo mntu uphethe loo ndawo;
limbonise lowo mntu iimpepha zogunyaziso, ukuba ngaba zikhona;
licacise nokuba uhlolo olo lwenziwa phantsi kwaluphi na ugunyaziso; lize ke liluqhube uhlolo olo ngaphandle kokwenza uphazamiso olukhulu kulowo mntu ungumnini welayisenisi okanye kubaxhasi bakhe, nasekuqhubeni kweshishini elo likhutshelwe ilayisenisi.
Igosa loxolo kufuneka ukuba xa lithatha nantoni na ngokwemiqathango yeli candelo, linike loo mntu liyithathe kuye loo nto irisithi echaza ukuba yintoni na leyo liyithathileyo okanye ziintoni na ezo lizithathileyo, ichaze nokuba kungasizathu sini na zithathwa nje ezo zinto zithathiweyo okanye loo nto ithathiweyo.
Nayiphi na into ethe yathathwa phantsi kwemiqathango yeli candelo kufuneka ukuba igcinwe, ilondolozwe de ibe iBhodi le okanye inkundla efanelekileyo iye yakhupha umyalelo malunga nendlela emayikhululwe ngayo.
Ngaphandle kokuba lowo mntu ungumnini welayisenisi okanye umsebenzi wakhe ophantsi kolawulo lwakhe ngokwemiqathango yalo Mthetho uye wabekwa ityala lokwaphula umthetho kwinkundla efanelekileyo okanye ubizelwe ukuba makaye kuvela phambi kweBhodi le zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu ukusukela kuloo mhla zithathwe izinto ezo okanye into leyo, loo nto ibithathiwe kufuneka ibuyiselwe kuloo mntu ibithathwe kuye.
Utyeshelo lomthetho
 Umntu:
ongenguye lowo mntu ungumnini welayisenisi, okanye wepemethi okanye umntu owenzelwe ulwaphulelo okanye umntu obhaliswe ngokwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act, othengisa okanye ohambisa utywala;
osilelayo ekuthobeleni imiqathango yalo Mthetho;
oye wanxila--
kuyo nayiphi na indawo ekuthengiswa utywala kuyo; okanye ii nayiphi na indawo e.kelelwa luluntu ngokubanzi;
othengisa okanye ohambisa utywala kumntu onxilileyo okanye athi engumntu ongumnini welayisenisi okanye umntu ophethe indawo enkhutshelwe ilayisenisi, avumele umntu onxilileyo ukuba ahlale kule ndawo ikhutshelwe ilayisenisi;
othengisa okanye ahambise utywala ngento yokuphatha engahambelaniyo nemigangatho neengcaciso ebekiweyo nguMphathiswa ngesaziso esiphume kwiGazethi yePhondo;
othenga utywala kumntu amaziyo okanye anemihlaba ephathekayo yokumkrokrela lowo mntu ukuba akanayo ilayisenisi okanye ipemethi yokuthengisa utywala phantsi kwemiqathango yalo Mthetho okanye phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act;
othengisela utywala umntu amaziyo okanye anemihlaba ephathekayo yokumkrokrela lowo mntu ukuba uya kuphinda abuthengise obo tywala ngendlela engeyiyo le ivumelekileyo phantsi kwemiqathango yalo Mthetho okanye yoMthetho oyiLiquor Act;
othengisa utywala kumatshini wokuthengisa okanye kwenye nje into yokuthengisa, ngaphandle kokuba loo matshini wokuthengisa okanye loo nto yokuthengisa ngawo onke amaxesha isetyenziswa phantsi kweliso lalowo mntu ungumnini welayisenisi okanye ungumsebenzi wakhe;
uthi engumnini welayisenisi, avumele ukuba le ndawo ikhutshelwe ilayisenisi isetyenziswe njengendawo yentengiso yamahenyukazi okanye isoloko isiziwa ngamahenyukazi; okanye uthi engumnini welayisenisi, avumele ukuthengiswa okanye ukusetyenziswa okanye ukuphathwa kweziyobisi kuloo ndawo ikhutshelwe ilayisenisi, kusaphulwa nawuphi na umthetho ophathelele kuloo ntengiso, okanye oko kusetyenziswa okanye oko kuphathwa unetyala lokwaphula umthetho.
Utyeshelo lomthetho malunga neenkcukacha
 Umntu othi ngokuphathelele kwisicelo, isichaso okanye kuvakaliso lwezimvo:
aphendule nasiphi na isichaso okanye isikhalazo; esazi kodwa ukuba loo nto ayithethayo ayiyonyani okanye iyalahlekisa, okanye engenalwazi ngobunyani bayo xa ephendula umbuzo obuzwa ligosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye ngumhloli okanye lipolisa okanye ngumsebenzi wakwamasipala okanye yiBhodi, angenise okanye anike iinkcukacha azaziyo ukuba aziyonyaniso okanye ukuba ziyalahlekisa, okanye angazaziyo ukuba ziyinyaniso kangakanani na, okanye ongenisa iimpepha zobuqhetseba okanye ezenziwe zangathi ziziikopi zezo zakuqala kodwa zingezizo unetyala lokwaphula umthetho.
Umntu othi asilele ekuthobeleni isicelo esivela kwipolisa okanye kumhloli ngokwemiqathango yecandelo 59 unetyala lokwaphula umthetho.
Utyeshelo lomthetho malunga neentlanganiso zeBhodi kunye nezeSigqeba seZibheno
 Umntu othi:
akuba esinikwe ngokufanelekileyo isaziso sokuba kufuneka ukuba aye kuvela phambi kweBhodi le, aze asilele ekuyeni ngokwakhe okanye ekuthumeleni igqwetha okanye igqwetha lejaji lokuba liye kummela;
eze kuvela phambi kweBhodi le, kodwa athi engakhange waba ufumene imvume kuSihlalo asuke emke kuloo ntlanganiso ingekade i.kelele esiphelweni sayo;
ngoku sele ethe waziswa phaya entlanganisweni nguSihlalo ukuba kufuneka ukuba eze entlanganisweni ngomhla othile ethe yamiselwa wona intlanganiso leyo, asilele ekuzeni kuloo ntlanganiso;
ngoku sele exelelwe nguSihlalo ukuba makanike ubungqina okanye makangenise uxwebhu oluthile okanye iphepha elithile, aze yena ale ukukwenza oko okanye asilele ekukwenzeni oko;
ngoku athe wafungiswa okanye wenziswa uqinisekiso ale ukufunga okanye ukwenza uqinisekiso okanye asilele ekufungeni okanye kwenzeni uqinisekiso;
ngoku athe wasithatha isifungo okanye walwenza uqinisekiso asilele ekuyiphenduleni kangangoko esazi imibuzo athe wayibuzwa okanye anike ubungqina bobuxoki okanye ubungqina obulahlekisayo ebazi futhi ukuba obo bungqina abunikayo ukuba bubungqina bobuxoki okanye bubungqina obulahlekisayo;
ngolunya aziphazamise iingxoxo zeBhodi le; okanye ale ukuphuma entlanganisweni ngeli xesha ayalelwe nguSihlalo ukuba makenze njalo unetyala lokwaphula umthetho.
Ukuba ngaba umntu uthe ngoku esinikwe ngokufanelekileyo isaziso sokuba kufuneka ukuba aye entlanganisweni, aze asilele ekuyeni okanye athi ngoku sele eyile, athi engakhange waba ufumene imvume kuSihlalo asuke emke kuloo ntlanganiso ingekade i.kelele esiphelweni sayo, intlanganiso leyo inokuthi iqhutywe ngoku loo mntu angekhoyo okanye ke uSihlalo unokuthi athathe lawo manyathelo abona kufanelekile, kwaye kulungile ukuwathatha phantsi kwezo meko.
Le miqathango yamacandelwana nele- eli candelo iyasebenza naphaya kwiintlanganiso zeSigqeba seZibheno, ineenguqulelwana ezithe zenziwa phaya napha, ngokwemfuneko yazo.
Utyeshelo lomthetho malunga namapolisa nabahloli
 Umntu othi:
azenze igosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye azenze umhloli;
athintele igosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye umhloli ekwenzeni umsebenzi walo okanye wakhe;
ale ukuthobela okanye asilele ekuthobeleni umyalelo onikwe ngokusesikweni ligosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye ngumhloli; okanye othi ale, kungekho sizathu siphathekayo, ukuphendula umbuzo abuzwa wona ligosa elijongene nezotywala elikhethiweyo okanye ngumhloli okanye othi anike impendulo ebubuxoki okanye elahlekisayo, esazi futhi ukuba yimpendulo ebubuxoki okanye iyalahlekisa unetyala lokwaphula umthetho.
Izithuthi
 Umntu:
othi asele utywala kwisithuthi esiqhutywa kwindlela kawonke-wonke;
othi avumele ukuba kuselwe utywala kwisithuthi esiqhutywa nguye kwindlela kawonke-wonke;
othi avumele ukuba kubekho utywala obukwinto yokufaka utywala evulekileyo esithuthini ngexesha siqhutywa kwindlela kawonke-wonke unetyala lokwaphula umthetho.
Icandelwana 1 alibhekiselanga ekuselweni kotywala kwisithuthi esikhutshelwe ilayisenisi yokuthengisela nokuselela kuso utywala.
Iigaraji
Ngaphandle kwakwindawo ekhutshelwe ilayisenisi phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquorAct, 1989 (uMthetho 27 ka-1989), okanye ngaphandle kokuba eso siphathamandla sinegunya lokwenza njalo sigqiba ngenye indlela kwimeko ethile, utywala abunakuthengiswa, kwaye bungenakukhutshwa okanye buselwe kwisiza apho kuqhutywa ishishini legaraji ethengisela uluntu ipetroli okanye idizili okanye iimveliso zepetroliyam.
Ukusilela ekuthobeleni umyalelo weBhodi
 Kululwaphulo-mthetho ukusilela ekuthobeleni umyalelo weBhodi.
Ukuba ngaba umntu uyasilela ekuthobeleni umyalelo weBhodi le, iBhodi ingathi, emva kokuba yenze uphando ngokufanelekileyo:
iyirhoxise okwexeshana ilayisenisi yakhe de abe uwuthobele umyalelo lowo;
imgwebe ifayini ekunokuthi ukuhlawulwa kwayo kumiswe okwexeshana de abe uwuthobele umyalelo lowo;
iwudlulisele kwiNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika loo mcimbi, khona ukuze abanjwe umaphuli-mthetho lowo; okanye iyitshitshise ilayisenisi leyo.
 Ukuba ngaba imanejala okanye umgunyaziswa okanye umsebenzi walowo mntu ungumnini welayisenisi uthi enze okanye akutyeshele ukwenza into ebekuya kuba lulwaphulo-mthetho phantsi kwemiqathango yalo Mthetho, ukuba ngaba ibiyenziwe okanye ityeshelwe ngulowo mntu ungumnini welayisenisi, lowo mntu ungumnini welayisenisi kuthathwa ukuba nguye lo wenze okanye utyeshele ukwenza loo nto, ngaphandle kwaxa umntu lowo ungumnini welayisenisi:
akakhange abe nanxaxheba ekucetyweni kwaloo nto yenziweyo okanye ityeshelweyo ukwenziwa okanye ayikhange ivunyelwe nguye; waza wawathatha kangangoko anakho amanyathelo okuthintela ukwenziwa okanye ukutyeshelwa kokwenziwa kwento leyo; naxa into leyo yenziweyo okanye kutyeshelweyo ukuyenza ibingeyonto ibandakanyekayo kumsebenzi okanye kumagunya emanejala leyo okanye omgunyaziswa lowo okanye omqeshwa lowo.
Into yokuba abe umntu ongumnini welayisenisi ukhuphe umyalelo onqanda ukwenziwa kwento okanye ukutyeshelwa kokuyenza asibobungqina baneleyo bokubonisa ukuba uye wawathatha la manyathelo akhankanywe kwicandelwana (b).
Xa umntu ongumnini welayisenisi enobutyala ngento eyenziwe okanye etyeshelwe ngomnye umntu ngokolu hlobo luchazwe kwicandelwana , loo mntu usenobutyala naye oku ngathi ungumnini welayisenisi.
Imanejala okanye umgunyaziswa okanye umsebenzi walowo mntu ungumnini welayisenisi akakhutshwa kubo nabuphi na obunye ubutyala athe wangena kubo obungebubo obu abudibanele nomnini welayisenisi ngokolu hlobo luchazwe kwicandelwana .
Izaphulelo
 Lo Mthetho awumchaphazeli:
umntu ongunothimba okanye umsebenzi wakhe okanye naliphi na igosa elenza umsebenzi phantsi kwemiqathango yomyalelo okhutshwe yinkundla efanelekileyo, xa esenza umsebenzi wakhe osesikweni;
IBhodi inakho ukuba, xa kuthe kwangeniswa isicelo ngumntu onochaphazeleko analo, ivakalise ukuba umntu othile okanye indawo ethile yenzelwe ulwaphulelo kwimiqathango ekhankanywe kwicandelo 20 lalo Mthetho.
Olu vakaliso lwesaphulelo lukhankanywe kwicandelwana lusenokuhamba nemiqathango ethile enokuthi igqibe ukuyibeka iBhodi le.
IBhodi le inokuthi nanini na yenze iinguqulelo ezithile kolu lwaphulelo lukhankanywe kwicandelwana okanye ilurhoxise.
IBhodi le inokuthi ikhuphe isaziso, ngazo zontathu iilwimi zaseburhulumenteni beli Phondo, echaza kuso ezo nguqulelo iceba ukuzenza okanye olo rhoxiso lwesaphulelo iceba ukulwenza kwiphephandaba eliphuma kuloo ngingqi ikuyo loo ndawo inikwe ulwaphulelo, icela ngaso abo bantu banochaphazeleko abanalo ukuba mabathi, lingekadluli elo xesha lithe labekwa, banike izizathu zokuba kutheni na kufuneka ulwaphulelo olo lungenziwa zinguqulelo nje okanye lurhoxiswe.
Phezu kwala manyathelo athathwe ngokwemiqathango yecandelwana tiBhodi le ingathatha namanye amanyathelo ongezelelweyo ngokolo hlobo ibona lufanelekile ekwaziseni abo bantu banochaphazeleko ngeenjongo zayo zokwenza iinguqulelo kulwaphulelo okanye zokulurhoxisa olo lwaphulelo belunikwe phantsi kwemiqathango yecandelwana .
Ubungqina
 Ukuba ngaba kwiingxoxo zolwaphulo-mthetho okanye kwiintlanganiso zeBhodi le kuye kwafumaniseka ubungqina bokuba umntu othile ongenayo ilayisenisi okanye ipemethi yokuthengisa utywala phantsi kwemiqathango yalo Mthetho:
unomqondiso okanye isaziso endaweni yakhe okanye kufutshane nendawo yakhe esixela ukuba buyathengiswa utywala apho;
uhlala kwindawo ekukho kuyo ikhawuntala yebhari ebekwe ngendlela eyenza kubekho imihlaba yokuba ku.kelelwe kuluvo lokuba kuthengiswa utywala apho;
apha kwindawo yakhe okanye kwindawo ephantsi kolawulo lwakhe kukho utywala obungaphaya kulaa mthamo kungenakudlulwa kuwo ubekiweyo uxelwe kwicandelo 47 engakhange ayifumane laa mvume ikhankanywe kwelo candelo;
uthenge okanye ufumene utywala obudlulileyo kulaa mthamo kungenakudlulwa kuwo ubekiweyo kwicandelo 48 engakhange ayifumane laa mvume ikhankanywe kwelo candelo, konke oku bubungqina obucacisa bokuthengiswa kotywala.
Ukuba ngaba kwiingxoxo zolwaphulo-mthetho okanye kwiintlanganiso zeBhodi le:
kuye kwangeniswa, njengobungqina, izinto zokuphatha ezidlulileyo kwenye, iyileyo iyinxenye yesitokhwe okanye yesixa sotywala obuye bafunyanwa kwindawo enye ngexesha elinye, kwaza kwangqinisiseka ukuba enye okanye ezinye zezo zinto zokuphatha ziphethe utywala, oko bubungqina bokuba zonke ezo zinto zokuphatha ziphethe utywala, ngaphandle ke kokuba kunokuveliswa ubungqina obubonisa ukuba ayinjalo loo nto;
kuye kwangeniswa, njengobungqina, iphepha ekuthiwa yikopi yelayisenisi okanye yepemethi, ukuveliswa oko kwayo nje kububungqina bobukho belayisenisi kwaye ke nayo nayiphi na imiqathango okanye uqinisekiso lomqathango okanye lwemiqathango ehamba nayo okanye eqhotyoshelwe apho kuyo, ziya kuthathwa njengemiqathango enikwe phantsi kwalo Mthetho;
kuye kwangeniswa, njengobungqina, inkcazo okanye isiqinisekiso ekuthiwa sisayinwe yingcali yomphendli okanye ngunokhemesti osebenzela uRhulumente weRiphablikhi, okanye osebenzela iyunivesiti okanye iziko lophando ngezamayeza, obethe wenza uphendlo lwaloo nto ilulwelo ingumxholo weengxoxo zolwaphulo-mthetho okanye zentlanganiso yeBhodi le, ke loo nkcazo okanye eso siqinisekiso bubungqina boko kuqulathwe yiloo nkcazo okanye seso siqinisekiso, ngaphandle ke kokuba kunokuveliswa ubungqina obubonisa ukuba ayinjalo loo nto;
kuye kwangeniswa, ubungqina bokuba lo mntu ungumnini welayisenisi otyholwa ngokutyeshela icandelo 42, uye wasilela ukufuna emntwini ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala, nokuba:
sisazisi sakhe esisebenzayo; okanye ii ilayisenisi yakhe yokuqhuba enomfanekiso wakhe nomhla wokuzalwa kwakhe; okanye iii ipasipoti yakhe esebenzayo enomfanekiso wakhe nomhla wokuzalwa kwakhe, obo bungqina bubungqina obubonakalisa ukuba lowo mntu ungumnini welayisenisi ubemazi loo mntu ukuba usengaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo 18 ubudala.
Izaziso ngezempilo
 UMphathiswa angathi, elithathele ingqalelo icandelo 41 loMthetho oyiLiquor Act, ngesaziso esikhutshwe kwiGazethi yePhondo, azibeke iziqulatho zezaziso zezempilo nendlela ekufuneka ukuba sibekwe ngayo emboniselweni kuloo ndawo ikhutshelwe ilayisenisi.
Kululwaphulo-mthetho ukusilela ekubekeni isaziso emboniselweni ngokwemiqathango yeli candelo.
Izohlwayo
Nawuphi na umntu otyeshela imiqathango yalo Mthetho unokuthi akubanjwa aze afunyaniswe enetyala anikwe isigwebo--
sokuvalelwa entolongweni isithuba esingadlulanga kwiminyaka emihlanu ; okanye esiyifayini nesikukuvalelwa entolongweni.
ISAHLUKO 13
ESIFUTSHANE
Imigaqo
 UMphathiswa angathi abeke imigaqo ephathelele:
kwimigangatho ezifanele kuyifezekisa izinto eziphethe utywala obuthengiswayo nezo buhanjiswa ngazo;
kwifomu nendlela ezenziwa ngayo nezingeniswa ngayo izicelo ezenziwa zingeniswe phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
kwiintlawulo ezifanele ukuhlawulwa xa kusenziwa izicelo phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
kwiintlawulo ezifanele ukuhlawulwa xa kukhutshwa ilayisenisi okanye ipemethi;
kwiintlawulo ezifanele ukuhlawulwa xa kusenziwa udluliselo lwelayisenisi;
kwiintlawulo ezifanele ukuhlawulwa xa kuhlaziywa ilayisenisi;
kwiintlawulo ezifanele ukuhlawulwa xa kuze kufundwa okanye kuze kukotshwa iimpepha eziselugcinweni lweBhodi okanye lukamasipala;
kwinkqubo ekufuneka ukuba ilandelwe yiBhodi le okanye emayilandelwe ngumasipala ngokuphathelele kwizicelo ezithe zenziwa phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
kwinkqubo ekufuneka ukuba mayilandelwe siSigqeba seZibheno;
kwizibheno novandlakanyo olwenziwa phantsi kwemiqathango yalo Mthetho;
kuwo nawuphi na omnye umcimbi ekufuneka ukuba okanye onokuthi ubekwe phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
kwindlela ekufuneka ukuba azigcine ngayo iirekhodi zotywala obuthe bathengiswa lowo mntu ungumnini welayisenisi yendawo ekhutshelwe ilayisenisi ekunokuthengiselwa kuyo utywala bokuya kuselelwa kwenye indawo;
kumthamo wotywala ekungenakudlulwa kuwo ngokoluya hlobo lukhankanywe kwicandelo 48;
kwindlela yokuma kwezaziso zezempilo nakwiziqulatho zazo kwakunye naleyo ndlela zibekwa ngayo emboniselweni phantsi kwemiqathango yecandelo 73; kunye ngokubanzi nje, nakuwo nawuphi na umcimbi anokuthi uMphathiswa abone kuyimfuneko ukuba mawenzelwe imigaqo, khona ukuze kukwazeke ukufezekiswa iinjongo zalo Mthetho, kube kunjalo nje oku kuphangalala kwalo umhlathi kungavinjwa mihlaba yile ingentla apha imihlathi.
Umgaqo othe wenziwa phantsi kwemiqathango yeli candelo ngokuphathelele kwiintlawulo ezifanele kwenziwa okanye iimali ezifanele kuhlawulwa, kufuneka ukuba mayenziwe ngokudlana iindlebe nalowo Mphathiswa usingathe imicimbi yezemali zalapha kweli Phondo.
Izilungiselelo zexeshana
Ngomhla wokuqalisa ukusebenza kwalo Mthetho:
Nayiphi na ilayisenisi yolu hlobo lukwezi ntlobo zidweliswe ngezantsi apha ebisebenza kwisithuba esikufutshane phambi kwalowo mhla wokuqalisa ukusebenza kwalo Mthetho ithathwa ukuba iyilayisenisi yokuthengiswa kotywala obuselelwa kuloo ndawo ikhutshelwe ilayisenisi:
ilayisenisi yotywala benkoduso yamazimba bokuselelwa kuloo ndawo buthengiswa kuyo;
ilayisenisi yotywala beklabhu; kunye ilayisenisi eyodwa yotywala bokuselelwa kuloo ndawo buthengiswa kuyo.
Nayiphi na ilayisenisi yolu hlobo lukwezi ntlobo zidweliswe ngezantsi apha ebisebenza kwisithuba esikufutshane phambi kwalowo mhla wokuqalisa ukusebenza kwalo Mthetho ithathwa ukuba iyilayisenisi yokuthengiswa kotywala obuselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi:
ilayisenisi yewayini ethengiswa kwivenkile yezinto zokutya;
ilayisenisi yotywala benkoduso yamazimba bokuselelwa kwenye indawo engeyiyo loo ndawo buthengiswa kuyo;
ilayisenisi yomfama ovelisa iwayini; kunye ilayisenisi eyodwa yotywala bokuselelwa kwenye indawo engeyiyo loo ndawo buthengiswa kuyo.
Nayiphi na ilayisenisi yolu hlobo lukwezi ntlobo zidweliswe ngezantsi apha ebisebenza kwisithuba esikufutshane phambi kwalowo mhla wokuqalisa ukusebenza kwalo Mthetho ithathwa ukuba iyilayisenisi yokwenziwa nokuthengiswa kotywala obuselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi:
ilayisenisi yomenzi wotywala; kunye nelayisenisi yotywala benkoduso yamazimba yamazimba, ebekusenziwa ngemiqathango yayo utywala kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini ezandulela ukuqalisa kwalo Mthetho ukusebenza, kodwa wona umthamo wobo tywala benziwayo ungadluli kulo mlinganiselo umiselweyo phantsi kwemiqathango yecandelwana lecandelo 4 loMthetho oyiLiquor Act.
Ilayisenisi ekhoyo kolu luhlu lungezantsi apha ethi inike lowo mntu ungumnini wayo ilungelo lokuthengisa utywala bokuselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi buthengiswa kuyo nethe yajikwa yaba yekhutshwe phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act, nebisebenza kwisithuba esikufutshane phambi kokuqalisa kokusebenza kwalo Mthetho, ithathwa ukuba iyilayisenisi yokuthengiswa kotywala bokuselelwa kwenye indawo engeyiyo le ikhutshelwe ilayisenisi buthengiselwa kuyo:
c ilayisenisi yomenzi wotywala; kunye d nelayisenisi yotywala benkoduso yamazimba.
Isaziso esikhutshwe phantsi kwemiqathango yecandelo 33 loMthetho oyiLiquor
esikhutshwe phantsi kwemiqathango yecandelo 33 lalo Mthetho.
Nokuba kunokwenzeka ukuba nawo nawuphi na omnye umthetho utshitshiseke kukuqalisa kwalo Mthetho ukusebenza, nasiphi na isicelo ebesithe senziwa phambi kokuba uqalise ukusebenza lo Mthetho kufuneka ukuba siqwalaselwe siqukunjelwe phantsi kwemiqathango yaloo mthetho sasingeniswe phantsi kwawo. 10
Imiqathango yamacandelwana 1, 2 nele-3 eli candelo asebenza kwezo layisenisi zathi zakhutshwa phantsi koMthetho oyiLiquor Act emva kokuba sele uqalisile ukusebenza lo Mthetho.
Ngaphandle ke kokuba iBhodi le ithe yamisa ngolunye uhlobo emva kokuba ithe yafumana isicelo, ilayisenisi ethe yakhutshelwa indawo ekwisiza ekukho kuso igaraji 15
ethengisa ipetroli, idizili kunye nezinye iimveliso zepetroliyam ngalo mhla wokuqalisa ukusebenza kwalo Mthetho, iya kuthi iphelelwe ukuphela kwesithuba seminyaka emihlanu ukusukela kulo mhla wokuqalisa ukusebenza kwalo Mthetho.
Iilayisenisi ezikhutshwe phambi kokuba uqalise ukusebenza lo Mthetho zikhutshelwa iindawo apho kunokuthengiswa khona utywala bokuselelwa kuloo ndawo 20
buthengiswa kuyo okanye bokuselelwa kwenye indawo engeyiyo le buthengiswa kuyo evula iiyure ezingaphezulu kweziya zichazwe kwicandelo 46 ngentla apha, ziya kuthi emva kweenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kuloo mhla uqalisa ngawo ukusebenza lo Mthetho, nazo zilawulwe ngokwemiqathango yeli candelo 46.
Nayiphi na imvume, nalo naluphi na ulwamkelo okanye ilungelo elinikwe 25
umntu ongumnini welayisenisi phantsi kwemiqathango yoMthetho oyiLiquor Act okanye eyawo nawuphi na omnye uMthetho owathi watshintshwa ngalo, ezingangqubaniyo nemiqathango elapha kulo Mthetho, zithathwa ukuba yimvume okanye lulwamkelo okanye lilungelo elinikwe phantsi kwemiqathango yalo Mthetho.
Nawuphi na umqathango obekelwe ilayisenisi phantsi kwemiqathango 30
yoMthetho oyiLiquor Act okanye yawo nawuphi na uMthetho ongangquzulaniyo nemiqathango yalo Mthetho, uthathwa ukuba ubekwe ngokwemiqathango yalo
Mthetho.
Izibonelelo eziqulathwe kuMthetho woTywala, 1989 (UMthetho 27 ka-1989) 35
ziguzuliwe apha kwiPhondo.
Isihlokwana esifutshane
Lo Mthetho uya kwaziwa ngokuba nguMthetho woTywala weNtshona Koloni,
, kwaye ke uya kuqalisa ukusebenza ngalowo mhla uya kuthi ubekwe yiNkulumbuso yePhondo ngokuwupapasha kwiGazethi yePhondo. 40
IMEMORANDAM ECHAZAYO
i Intshayelelo kunye nezizathu zalo mthetho uyilwayo
UShedyuli 5 kwindima engu-A kuMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ka-1996 (uMthetho 108 ka 1996) uchaza ngokupheleleyo ukuba unikezelo lwempepha­mvume zokushishina ngotywala yindima ejongwa kuphela liSebe elilawulayo lephondo. Inkundla yoMgaqo-siseko yafumanisa ukuba iimeko ezikhoyo kushishino lotywala zivumelana nokuba kungaphunyezwa uMthetho woTywala weLizwe, ka2003 (uMthetho onombolo ingu59 ka 2003) obizwa ngokuba (nguMthetho woTywala weLizwe ka 2003) UMthetho woTywala weLizwe. ka­2003 ugunyazisa ukuba kubekho izintlu ezintathu zenkqubo kushishino lotywala eziza kuthi zibandakanye icandelo labenzi botywala (kubandakanywa necandelo labenzi botywala abasakhulayo), abo bakhupha okanye bahambise utywala kunye nabo bangabathengisi, kwaye uyakuthi ulawule icandelo laba benzi (ngaphandle kwabakwicandelo labenzi abasakhulayo) kunye nabo bakwicandelo labakhupha okanye bahambise utywala kwezoshishino, ngelo thuba iSebe elilawulayo lephondo lakube lisenawo amandla okulawula abakwicandelo labenzi abasakhulayo kunye nabo bakwicandelo lokuthengisa apha kwezoshishino.
Umthetho woTywala weLizwe uphinda urhoxise uMthetho woTywala ka-1989 (uMthetho onombolo ingu-27 ka-1989) (''Lo Mthetho ka-1989) ubusoloko ulawula ishishini lotywala phambi kokuba urhoxiswe. Umthetho woTywala weLizwe ka-2003 usawagcinile onke amandla ebesakugunyaziswa nguMthetho woTywala ka-1989 njengomthetho olawula utywala kumaphondo, ulawula amacandelo oshishino ngelixa bekungekabikho mthetho ulawulayo kumaphondo.
Bekusoloko iyinto eyamkelekileyo ukuba kuyimfuneko ukuba kubekho ulawulo kushishino lotywala ngenxa yomonakalo onokwenziwa yimveliso yotywala. Ziliqela izimiselo zolawulo eziye zamiselwa kweli shishini lotywala ngaphambili oko kusenzelwa ukuhlangabezana neemfuno zentlala-kahle kuluntu kunye nezopolitiko njengoko kuyimfuneko efunwa ngurhulumente olawulayo. Kodwa ke, eli candelo lokuthengisa apha kushishino lotywala ubukhulu becala ibilicandelo ekungekho lulawulo kulo oko kubangelwa zimeko zangaphambili zembali, meko ezo ezaba ngunozala wocalucalulo lwabo babevinjwe amathuba ngaphambili ukuba bangayinxalenye yeli candelo limiselwe ngokusesikweni kushishino lotywala. Oku kuye kwakhokelela ekubeni kubekho inani elikhulu leendawo ezishishina ngotywala ngaphandle kwempepha-mvume, ndawo ezo zande ubukhulu becala kwiindawo ezihlala abantu kwaye zingalungiselelwanga oko, kuba ezi ndawo zazingacetyelwanga oku kwakunye nezinye iimfuno zolawulo lotywala. Utywala kwakhona luye lubandakanywe nezenzo zolwaphulo mthetho kumacandelo omabini, elo lilandela imigaqo emiselweyo nelo lingenayo le migaqo yoshishino lotywala, kwaye nemimiselo eyayenziwe ngaphambili yahlangabezana nentlobo-ntlobo zempumelelo.
Kuyimfuneko ukuba kulungiselelwe izimiselo zolawulo kumasebe amaphondo karhulumente njengoko kumiselwe njalo kwiziphakamiso zoMgaqo--siseko obonisa iimfuno zolwawulo kushishino lotywalo.
ii Igalelo lalo Mthetho uYilwayo kuluNtu
Lo Mthetho uYilwayo unika uxanduva kwiBhodi yoTywala yeNtshona Kapa njengesebe elizimeleyo lesigqeba esimiselwe ngokomthetho njengoko kugunyaziswa nguMthetho kaZwelonke woLawulo lweZoqoqosho ka-1999 (uMthetho onombolo ingu-1 ka-1999) uthi uxhobise ngokufanelekileyo ukuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olungenamakhwiniba kwinkqubo yonikezelo lweempepha-mvume zotywala, ukunyanzelisa kunye nokuhlola-hlola iindawo ezingenamaphepha-mvume kwakunye nokwenza uqeqesho olusisinyanzelo kwabo bashishina ngotywala, kwakunye nokukhuthaza ezinye iintlobo zokufundisa ukuzama ukuthibaza imiphumela engamkelekanga ebangelwa lushishino lotywala.
Lo Mthetho uYilwayo uphinda kwakhona uvuselele ukuqonda kuluntu kunye nokulenza ukuba luthabathe inxaxheba kwinkqubo yokukhutshwa kwamaphepha­mvume kunye nokumiselwa kwemigaqo eyakuthi iqwalasele izikhalazo mayela neendawo zoshishino lotywala ezinawo amaphepha-mvume okushishina ngotywala. Izibonelelo zenziwe ukuba amaphondo akwazi ukuba yinxalenye kwinkqubo yokukhupha amaphepha-mvume oshishino lotywala oko kusenziwa ngokuthi kutyunjwe umasipala onakho ukwenza oku etyunjwa njengommeli weBhodi yoTywala ukuba abe nokunceda kwinkqubo ejongene namaphepha­mvume otywala. OoMasipala banakho ukuba bangaqeshwa njengabanegunya lokulawula babe nakho ukuseka amaqumrhu anokuthi indima yawo ibe kukunika iingcebiso kwakunye nokusombulula iyantlukwano ngelixa lenkqubo yonikezelo lwamaphepha-mvume. OoMasipala abaqeshwe njengabanegunya lokulawula ngabo abakuthi basungule iintsuku namaxesha oshishino phantsi komasipala abanegunya lolawulo kuwo, banikezele namaphepha-mvume kubathengisi abathengisa utywala besiNtu umqombothi kunye nemibhiyozo yethutyana ekhoyo, kwaye banakho kananjalo ukuba bangabhengeza ukuba iindawo ezithile eziphantsi kolawulo lwabo azivumelekanga ukuba zingaba notywala esidlangalaleni. Isibonelelo siyenziwa kwakhona ukuba kubekho iNkundla yaMatyala eziBheno ukuqinisekisa ukuba iyenzeka imeko yophononongo ngokutsha kwakunye naleyo yezibheno kwizigqibo zeBhodi yoTywala
Unyanzeliso kwakunye nolawulo lalo Mthetho woTywala uYilwayo uqinisekisa ukuba uyakusoloko ukhona ngobukho bale nkqubo yala magosa otywala abekwe ngokusesikweni eqeshwa ephantsi kwenkonzo yamapolisa oMzantsi Afrika kwiphondo leNtshona Kapa, enamagunya namandla ongezelelweyo. Kuphuculwe amagunya okukwazi ukunyanzelisa, Ulwaphulo mthetho kunye nezohlwayo luye lwabandakanywa ukuzama ukuqinisekisa ukuba kuxhotyiswe ngokwaneleyo ukwenzela ukuba kubekho ulawulo kushishino lotywala kwabo banamaphepha­mvume kwaye kuliwe neemeko ezichasana nalo Mthetho uYilwayo.
Lo Mthetho uYilwayo wenza ukuba kubekho inani eliphunguliweyo lweendidi zentlobo zamaphepha-mvume otywala. Ezi ndidi zibandakanya amaphepha­mvume agunyazisa ukuba utywala bungaselelwa phakathi kwamasango ale ndawo kuthengiswa kuyo utywala, ukuselwa kotywalwa phakathi kwamasango okanye ngaphandle kwawo, amaphepha-mvume emibhiyozo yethutyana kunye namapheha-mvume kunye namaphepha-mvume abenzi botywala abasakhulayo. Amalungelo amashishini avenkile zithengisa ukutya zikwathengisa nangewayini asagciniwe. Izibonelelo zenziwe eziya kuba ngumlinganiselo wemiqobo yala maphepha-mvume kwakunye nokumiselwa kwemiqobo eyakuthi ijongane neemfuno ezingundoqo kushishino ngalunye olunamaphepha-mvume. Indlela yokuphonononga uqwalaselo lwezicelo yiBhodi yoTywala zidandalazisiwe kwaye zikwaquka amagunya osetyenziso lomhlaba njengemfuneko xa kunikezelwa amaphepha-mvume.
Izimiselo eziyalelayo zokunyanzelisa uqeqesho lwabathengisi ngotywala ziya kuqinisekisa ukuba abathengisi ngotywala bathengisa ngendlela efanelekileyo. Kwenziwe nezibonelelo eziza kuthi zidale ukuphaphama kuluntu ngeengozi ezithi zibangelwe kukusebenzisa utywala kakubi oko kusenziwa ngokuthi kukhutshwe izaziso zempilo kwakunye neenkqubo ezivuselela ukuphaphama. Lo Mthetho uYilwayo ukwabeka uxanduva kumagosa eBhodi yoTywala ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zokucutha umonakalo owenziwa butywala ziyakhuthazwa.
iii Imirhumo equlathwe ngulo Mthetho uYilwayo
Lo Mthetho uYilwayo uthi unike umkhomba ndlela wentlawulo zezicelo, iintlawulo zezicelo zonyaka kwakunye nezohlwayo eziqingqwe nguMphathiswa owongamele unikezelo lwamaphepha-mvume otywala kwiphondo leNtshona Kapa. Ezi ntlawulo zikhoyo ngoku zagqityelwa ukuphononongwa ngomnyaka ka 1992. Izimali ezizuzwe ngenxa yale nkqubo yokuhlawulelwa kwamaphepha­mvume iyakuthi ifakwe kwiNgxowa-mali enguVimba wePhondo. Icandelo loluntu eliyilwe ngulo Mthetho uYilwayo kwakunye namasebe alo kwanemisebenzi yalo iyakuthi ixhaswe ngezimali ezithunyelweyo ezivela minyaka le kuMphathiswa ojongene noku, emva kwale meko iSebe liye lahlangabezana neemfuno eziqulathwe ngulo Mthetho uYilwayo njengoko kugunyaziswa nguMthetho kaZwelonke woLawulo lweZoqoqosho ka-1999. Iindleko ezizayo eziya kuthi zibekho kuyakufanela ukuba zibandakanywe kwintelekelelo yenkcitho-mali kwakunye nolwabiwo olwenziwa liSebe elilawulayo lephondo.
Izibonelelo ziya kuthi zenziwe eziya kuxhasa iinkqubo ezifanele oko apho amanye amacandelo oluntu athe anyulwa ngokweemfuno ezigunyaziswa nguMgaqo-siseko kwakunye nemithetho ejongene noko emva kokuba kwenziwe ulumano zindlebe oluyimfuneko. Iinkqubo zoqeqesho oluyalelwayo ziyakwamkelwa liQumrhu eliliso loMgangatho weziQinisekiso zeMfundo kweli loMzantsi Afrika.kwakunye nabo babucala abangamagosa ajongene noqeqesho.
IZIQULATHO
ISAHLUKO 1
INKCAZO
Umhlathi 1.Iinkcazelo --Lo mhlathi unika iinkcazelo zemihlathi kwakunye namagama aqulethwe kweli xwebhu lalo Mthetho uYilwayo.
ISAHLUKO 2
Umhlathi 2.Ukusekwa kweBhodi -- Ukusoloko kukho iBhodi yoTywala eyamiselwa nguMthetho woTywala ongunombolo 27 ka 1989 oko kumiselwe kuba kwenzeke.
Umhlathi 3.Uqulunkqo lwale Bhodi -- Inani lamalungu ale Bhodi, umgangatho wabo wemfundo kwakunye nezihlalo ezikwiBhodi zichaziwe kulo mhlathi.
Umhlathi 4.Inkqubo yokuqesha -- Lo mhlathi uthi unike uhlobo lwenkqubo eyakulandelwa malunga nokugxothwa okanye ukungathatyathwa kwamalungu aqeshwe kwiBhodi yoTywala oko kusenzeka mayela nokubanjwa kwawo kulwaphulo mithetho, igunya lomthetho, iminyaka, umdla welungu kushishino lwotywala okanye ilungu losapho.
Umhlathi 5.Ixesha eliya kuchithwa kwi-o.si -- ixesha eliya kuchithwa kwi-o.si yeBhodi yoTywala ngamalungu iyakuba yiminyaka emihlanu kukwavumelekile ukuba uqesho lusenokuqhubeka eminye iminyaka emihlanu xa kuyimfuneko yoko.
Umhlathi 6.Ukupheliswa kobulungu -- Ubulungu bebhodi buyakupheliswa nguMphathiswa phantsi kweemeko ezithile.
Umhlathi 7.Amandla nemisebenzi yeBhodi -- Lo mhlathi ugunyazisa ukuba iBhodi inakho ukuba ingaqwalasela izicelo oko kuqulathwe ngulo Mthetho uYilwayo, ukumelwa ngokubhekiselele kwizicelo, iingxelo zamagosa, izikhalazo mayela neendawo ezinamaphepha-mvume, ukulungiswa kwemiqathango yamaphepha-mvume, izibheno mayela nezigqibo ezibhekiselele kumaphepha-mvume ezenziwa ngomasipala, nayiphina into ethunyelwe kwiBhodi okanye nayiphina into eyalelwe nguMphathiswa ukuba mayenziwe. Ikwagunyazisa kananjalo unikezelo, olunemiqathango okanye ukwala izicelo kwakunye namandla okunqumamisa, ukurhoxiswa, kwanokunizelwa kwezohlwayo kwakunye nemiqathango ngokubhekiselele kwiingxelo kwakunye nezikhalazo, kwanokuchotshelwa kwezibheno. Ikwanika ilungelo kwiBhodi ukuba ikwazi ukuxhoma, ukurhoxisa okanye ilungise nawuphina umqathango kwiphepha-mvume.
Isahluko 8.Iintlanganiso kwakunye nezigqibo zeBhodi -- Lo mhlathi ubhekiselele kwinani elivumelekileyo elinika igunya lokuba iBhodi ingaqhubeka okanye ingaqhubeki nemisebenzi yayo, ikwanika nomkhomba-ndlela wenkqubo ngelixa leentlanganiso
Umhlathi 11. Uphononongo lwezimali olusesikweni neengxelo zonyaka--
Uphononongo lwezimali olusesikweni lonyaka kwakunye neengxelo ezifuneka kwiBhodi yoTywala njengoko kugunyaziswa ngulo mhlathi.
Umhlathi 12. Iinkqubo zeBhodi -- Lo mhlathi unika indlela uMgcini-sihlalo anokuqhuba ngayo, ukuya ezintlanganisweni kwamalungu kwakunye nendlela yokukwazi ukufumana ulwazi.
Umhlathi 13. Iikomiti zeBhodi -- Ukuqeshwa kweekomiti zeBhodi yoTywala, inkqubo emazisebenze ngayo kwakunye nemisebenzi yazo ithi imiselwe ngulo mhlathi.
Umhlathi 14. INkundla yeBhunga leziBheno--INkundla yeBhunga leziBheno yathi yasekwa kwaye nobulungu kuyo bakuthi busekwe.
ISAHLUKO 3
IMIVUZO KWAKUNYE NOLAWULO LWEBHODI YOTYWALA KWAKUNYE NENKUNDLA YEBHUNGA LEZIBHENO
Umhlathi 15.Ukuvuzwa kwamalungu kwakunye neNkundla yeBhunga leZibheno
Ukuvuzwa kuya kuthi kusungulwe nguMphathiswa ojongene noko kumiselwe ngulo mhlathi.
Umhlathi 16.Ulawulo lwebhodi kwakunye neNkundla yeBhunga leziBheno -- Uqesho lomlawuli oyintloko kwiBhodi yoTywala, ubukho babantu bokusebenza kwakunye nolawulo lwezimali zeBhodi, uthunyelo lwabasebenzi lwethutyana olwenziwa lelo Sebe linokwenza oko kwakunye neenkqubo zolawulo zithi zimiselwe.
ISAHLUKO 4
IMISEBENZI EYENZIWA NGOOMASIPALA
Umhlathi 18.Oomasipala njenge-arhente zeBhodi kwakunye namagosa anobuchwepheshe ngokubhekiselele kumaphepha-mvume -- Lo mhlathi uthi unike umkhomba-ndlela wokuqesha oomasipala njengamagosa anobuchwepheshe kwakunye nobunganga.
Umhlathi 19.Amabhunga otywala -- Lo mhlathi uthi ugunyazise ukuyilwa kwakunye nokusekwa kwamaBhunga oTywala ngabo masipala banobuchwepheshe kwaye bathe batyunjelwa oku.
ISAHLUKO 5
UNIKEZELO LWAMAPHEPHA-MVUME
Umhlathi 20.Amaphepha-mvume kunye nesiqinisekiso -- Iimfuno zokuba ube namaphepha-mvume kunye nesiqinisekiso kubenzi abasakhulayo okanye uthengiso lotywala kwanokusekwa komgaqo wolwaphulo mthetho ngokuthi ungabinakho ukuthi ufumane iphepha-mvume okanye isiqinisekiso soko kumiselwe ngulo mhlathi
Umhlathi 21.Iintlobo zamaphepha-mvume -- Lo mhlathi umisela iintlobo ezintlanu zamaphepha-mvume otywala.
Umhlathi 22.Iintlobo zeziqinisekiso -- Lo mhlathi uthi ubonelele ngeentlobo ezimbini zeziqinisekiso.
Umhlathi 23.Izimiselo zokunikezelwa kwempepha-mvume -- Lo mhlathi uthi ubonelele ngezimiselo eziya kuthi ziqwalaselwe xa kunikwa ingqwalasela kumaphepha-mvume kwakunye nakwiziqinisekiso.
Umhlathi 24.Inqanaba lemfundo yabo bafaka izicelo -- Imihlaba yokuchithwa kwamaphepha-mvume yabo benze izicelo kwakunye neziqinisekiso kumiselwe ngulo mhlathi.
Umhlathi 25.Inkqubo yolawulo lwamaphepha-mvume -- Lo mhlathi uthi umisele indawo apho kunokuthi kuthunyelwe kuyo izicelo zamaphepha­mvume kunye neziqinisekiso, oko kumiselwe kulo mhlathi.
Umhlathi 26.Ukwazisa ngezicelo -- Izaziso ezibhekiselele kuluntu kufuneka zenziwe kwaye kusasazwe nabo bantu ezi zicelo zeziqinisekiso zotywala ziza kunikwa bona, ngabo bafaka izicelo kwakunye noomasipala okanye iBhodi yoTywala, oko kumiselwe kulo mhlathi.
Umhlathi 27. Izicelo ekusafuneka zihlolwe -- Lo mhlathi ulawula inkqubo yohlolo lwezicelo malunga namaphepha-mvume.
Umhlathi 28. Umelo -- Izimiselo zenziwe ukuhlangabezana nomelo malunga namaphepha-mvume acelwayo ngabantu abafake izicelo bechaphazeleka koku kwakunye nenkqubo yolawulo enxulumene noku.
Umhlathi 29. Ugqithiso lwala maphepha ezicelo -- Ugqithiso lwezi zicelo zamaphepha-mvume kwakunye namanye amaphepha anento yokwenza nezi zicelo kumasipala athi adluliselwe kwiBhodi yoTywala, oku kumiselwe apha kulo mhlathi.
Umhlathi 30. Uphononongo lwezicelo -- Lo mhlathi uthi ubonelele ngendlela emakuphononongwe ngayo izicelo yiBhodi yoTywala kwakunye nenkqubo ezingqamene noko.
Umhlathi 31. Ukwamkeleka kweendawo -- Lo mhlathi uthi uthintele ukukhutshwa kwamaphepha-mvume apho abo bafaka izicelo bengenalo ilungelo lokusebenzisa iindawo ezo zigunyazisiweyo.
Umhlathi 32. Iindawo ezingagqibekanga ukwakhiwa -- Lo mhlathi uthi uthintele ukukhutshwa kwamaphepha-mvume de kube iindawo leyo igqityiwe ukwakhiwa ukulungiselela ushishino lotywala.
Umhlathi 33. Imfundo kunye noqeqesho -- lo mhlathi uthi umisele umyalelo woqeqesho lwabo benze izicelo okanye abaqeshwa babo oko kusenziwa yiBhodi yoTywala.
Umhlathi 34. Imiqathango yokwamkeleka -- lo mhlathi uthi uvumele iBhodi yoTywala ukuba ikwazi ukwenza imiqathango yokumisa ukukhutshwa kwamaphepha-mvume.
Umhlathi 35. Unikezelo lwamaphepha-mvume kunye neziqinisekiso -- Lo mhlathi uthi umisele unikezelo lwamaphepha-mvume kunye neziqinisekiso xa kuthe kwaphunyezwa izicelo.
Umhlathi 36. Ukufa okanye ukhubazeko lwalowo wenze isicelo -- Lo mhlathi uthi umisele uqhubekeko lwesicelo xa kuthe kwasweleka okanye kwakhubazeka lowo obefake isicelo phambi kokuba kuqukunjelwe iziphumo zesicelo ebesenziwe.
ISAHLUKO 6
IMIQATHANGO YOKUKHUTSHWA KWAMAPHEPHA-MVUME
Umhlathi 37.Imiqathango esisiseko samaphepha-mvume -- Lo mhlathi umisela ukuba utywala kunokuthi kuthengiselwe ukuba buselwe ngaphakathi okanye ngaphandle kwamasango endawo enamaphepha-mvume, oko kusenzeka ngendlela evunyelwa luhlobo lodidi lwamaphepha­mvume kwaye ukwamisela namalungelo evenkile ezishishina ngokutya ukwenzela ukuba zibe nakho ukuthengisa iwayini eza kuthi iselelwe ngaphaya kwendawo leyo inamaphepha-mvume.
Umhlathi 38.Ukuhanjiswa okanye ukuthunyelwa kotywala -- Izimiselo mayela nokuhanjiswa okanye ukuthunyelwa kotywala kumiselwe ngulo mhlathi.
Umhlathi 39.Inkqubo yoqoqosho lwezimali -- Lo mhlathi uthi uqinisekise okokuba ngulowo unelungelo lokushishina kuphela oyakuthi athengise ngotywala kwindawo evunyelwe ukuba ingakwenza oko njengoko amaphepha-mvume esalatha njalo, kunye nenguqu kuqoqosho lwezimali zamashishini anamaphepha-mvume oko kuyakufuna imvume yeBhodi yoTywala.
Umhlathi 40.Ulawulo -- Lo mhlathi uthi uqinisekise umiselo lwenkqubo kwakunye nemimiselo ethi iqinisekise ulawulo olululo lwezo ndawo zivumelekileyo okokuba zingashishina kwabo bantu bathi bahlangabezane nezimiselo eziqingqiweyo.
Umhlathi 41.Uguqulo lweendawo ezivumelekileyo--Uguqulo kwiindawo ezivumelekileyo ukuba zingashishina ngotywala okanye kuhlobo lweshishini kufuneka ukuba luphunyezwe yiBhodi yoTywala.
Umhlathi 42. Abantwana -- Lo mhlathi ulawula ukuthengiswa kotywala okanye ukunikwa kotywala kubantwana abaminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo leminyaka.
Umhlathi 43. Abaqeshi nabaqeshwa -- Intsebenziswano phakathi komqeshi kunye nomqeshwa mayela nokunikezelwa kotywala kubaqeshwa kuya kuthi kulawulwe ngulo mhlathi.
Umhlathi 44. Ungeno kwiindawo ezivumelekileyo ukuba zingashishina ngotywala
Lo mhlathi ulawula ungeno lwabantu abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo kwiindawo ezivumelekileyo ukwenza oko.
Umhlathi 45. Ugcino lotywa -- Lo mhlathi ulawula ugcino lotywala ngulowo unemvume yokuthengisa utywala.
Umhlathi 46. Indawo yokuthengisa utywala--Lo mhlathi uthi umisele imiqathango kwindawo yokuthengisa kwabo bavumelekileyo ukuba bangathengisa ngotywala.
Umhlathi 47. Iiyure zokuthengisa -- Lo mhlathi uthi uvumele ukuqingqwa kweeyure zokuthengisa utywala kwakunye nemithetho yemihla elawulwa ngomasipala abakhethelwe oko, oku kusenzeka phantsi kwamasolotya ezimiselo aqulathwe ngulo mhlathi kwakunye nemiqathango elawula iiyure zokuthengisa, kwakunye neentsuku zeendawo ezithile ezivumelekileyo kwiBhodi yoTywala.
Umhlathi 48. Ubungakanani botywala kunye nogcino lweengxelo -- Lo mhlathi uthi umisele ugcino lweengxelo zokuthengisa ngulowo unelungelo lokuthengisa utywala, uthi uvumele kananjalo nomlinganiselo wobungakanani botywala obuvumelekileyo ukuba bungathengiswa emntwini ngosuku ngulowo unemvume yokuthengisa, kwaye ukwathintela ukuba umntu ongenamaphepha-mvume abe notywala obugqithisileyo ngaphaya komlinganiselo ovumelekileyo.
ISAHLUKO 7
IZIQINISEKISO
Umhlathi 49.Iziqinisekiso zemibhiyozo eyodwa -- Inkqubo mayela nezicelo zeziqinisekiso zemibhiyozo eyodwa imiselwe kulo mhlathi.
Umhlathi 50.Iziqinisekiso zomqombothi wesiNtu -- Izimiselo mayela nezicelo zeziqinisekiso zomqombothi wesintu zimiselwe kulo mhlathi.
ISAHLUKO 8
ULWAMKELEKO KUNYE NOKUVUSELELWA KWAMAPHEPHA-MVUME KUNYE NEZIQINISEKISO
Umhlathi 51.Ulwamkeleko lwamaphepha-mvume kunye neziqinisekiso -- Ixesha lolwamkeleko lwamaphepha-mvume kunye neziqinisekiso lumiselwe apha kulo mhlathi.
Umhlathi 52.Uhlaziyo lwamaphepha-mvume oluzenzekelayo -- Lo mhlathi uthi umisele uhlaziyo lwamaphepha-mvume oluzenzekelayo kwakunye nenkqubo ebhekiselele koku.
Umhlathi 53.Izicelo zohlaziyo -- Lo mhlathi uthi umisele iimeko apho uhlaziyo lwamaphepha-mvume lungenzeki ngokuzenzekela kwaye uthi umisele inkqubo yezicelo zokuhlaziya amaphepha-mvume.
ISAHLUKO 9
UGUQULO LWAMAPHEPHA-MVUME
Umhlathi 54.Uguqulo lwamaphepha-mvume -- Inkqubo yoguqulo lwamaphepha­mvume eguqulelwa kubantu abatsha abanamalungelo amiselwe kwakunye nenkqubo yethutyana yokutyunjwa kwabantu abanokuthatha olu xanduva njengabalawuli bezi ndawo ngethuba kusenziwa izicelo
Umhlathi 55.Ukungahoywa kweendawo kunye nokufa okanye ukukhubazeka kwalowo unelungelo lokushishina -- Lo mhlathi uthi umisele i-arhente zabanyanzelisa ukuthotyelwa kwemithetho bangawenzi umsebenzi wabo ngokufanelekileyo.
iinkqubo zokuqinisekisa ulawuleko lwezi ndawo zivumelekileyo ukuba zingashishina xa kuthe kwakho ukungahoywa kweendawo kunye nokufa okanye ukukhubazeka kwalowo unelungelo lokushishina
ISAHLUKO 10
IZIBHENO
Umhlathi 56. Izibheno kwiNkundla yeBhunga leziBheno -- Inkqubo yezibheno kunye nophononongo ngokutsha kwiNkundla yeBhunga leziBheno imiselwe apha kulo mhlathi.
ISAHLUKO 11
UKUTHOBELA
Umhlathi 57. Umhlathi 58. Umhlathi 59. Izaziso zokuthobela -- Lo mhlathi uthi umisele umbandela wokuthotyelwa kwezaziso kwabo banamalungelo okushishina oko kusenziwa ngamagosa ajongene namaphepha-mvume kunye nenkqubo ejongene noko. Imiqathango yethutyana -- Lo mhlathi uthi uvumele ukumiselwa kwenkqubo yiBhodi yoTywala eza kuqinisekisa ukuthotyelwa ngabo banamalungelo okushishina xa kukho izikhalazo ezamkelekileyo eziye zafunyanwa eziya kuhlolwa yiBhodi ukuba kothatyathwa manyathelo mani mayela nazo izikhalazo ezo. Umiso lwethutyana, ukurhoxiswa kwakunye nokuphelelwa kwexesha ngamaphepha-mvume -- Lo mhlathi uthi umisele ukupheliswa kwamaphepha-mvume.
ISAHLUKO 12
UNYANZELISO LOMTHETHO
Umhlathi 60. Umhlathi 61. Umhlathi 62. Umhlathi 63. Umhlathi 64. Umhlathi 65. Umhlathi 66. Uqulunqo kwakunye nemisebenzi ebekelwe amagosa otywala kwakunye nabahloli -- Lo mhlathi uthi umisele ukuqeshwa kwamagosa abekelwe oko kwiSebe leNkonzo yamaPolisa eloMzantsi Afrika oko kusenziswa ngumKhomishala wamaPolisa wePhondo kwakunye nokuqeshwa kwamagosa ajongene namaphepha-mvume, oko kusenziwa nguMphathiswa ojongene noko, kuqulunqwe nentsebenziswano yawo kunye neBhodi yoTywala. Amandla ala magosa otywala kwakunye nabahloli -- Lo mhlathi uthi umisele amandla kula magosa otywala atyunjiweyo kwakunye nabahloli mayela nokunyanzelisa imithetho emiselwe ukulawula abo banemvume zokushishina ngotywala. Amandla jikelele abagcini boxolo -- Amandla abagcini boxolo mayela nokunyanzeliswa komthetho njengoko oko kumele ukuba kwenziwe zezo ndawo zinamalungelo okushishina ngotywala, konke oku kuqulathwe kulo mhlathi. Amatyala -- Lo mhlathi uthi umisele izimiselo malunga namatyala ngokubanzi apha kuthengiso lotywala, kunikezelo okanye ukuselwa kotywala obungeyiyo inxalenye yecandelo lalo Mthetho uYilwayo. Amatyala mayela nolwazi -- Amatyala avuselelwa ngulo mhlathi ajongene nenkqubo emayela nolwazi ngethuba kusenziwa izicelo ngokubhekiselele kulo Mthetho uYilwayo kwakunye ne-arhente ezinyanzelisa lo mthetho kwabo banamalungelo okushishina ngotywala kwakunye nabasebenzi babo. Amatyala mayela neentlanganiso zeBhodi kunye neNkundla yeBhunga leziBheno -- Amatyala athe enziwa ngulo mhlathi aqulathe oko kwenziwa ngokufanelekileyo kwiinkqubo zeBhodi yoTywala kwakunye nakwiNkundla yeBhunga leziBheno. Amatyala mayela namagosa angamapolisa kunye nabahloli -- Amatyala aqulathwe ngulo mhlathi abhekiselele ekuphazamiseni
Umhlathi 67.Iinqwelo mafutha -- Lo mhlathi uthi wenze kubekho ubutyala mayela nokuselwa kotywala kwiinqwelo mafutha eziqhutywa ezindleleni zikawonke-wonke.
Umhlathi 68.Iindawo ezithengisa ipetroli. Lo mhlathi uthi ulawule ukuthengisa, ukunika okanye ukuselwa kotywala kwiziza apho kufumaneka iindawo ezithengisa ipetroli.
Umhlathi 69Ukungaphumeleli ukuthobela le miqathango yeBhodi -- Lo mhlathi uqinisekisa ukululanyelwa konyanzeliso lwemiqathango yeBhodi yoTywala.
Umhlathi 71.Ukungabandakanywa -- Lo mhlathi uthi umisele uludwe lwamacandelo athi angabandakanywa kulo Mthetho uYilwayo kwaye uthi uvumele ukumiselwa kwakhona kwabantu abangabandakanywa yiBhodi yoTywala kwakunye nenkqubo equlethwe koku.
Umhlathi 72.Ubungqina -- Lo mhlathi uthi umisele inkqubo yokunizezelwa kobungqina ngendlela elula phambi kweBhodi kwanangelixa kuchotshelwe inkqubo yomthetho.
Umhlathi 73.Izaziso zempilo -- Lo mhlathi uthi umisele umyalelo wokuboniswa kolwazi olumayela nezempilo kwindawo apho kuthengiswa okanye kunikezelwa ngotywala.
Umhlathi74.Izohlwayo -- Lo mhlathi uthi umisele izohlwayo ezifanelekileyo ezithe zaqulunqwa ngulo Mthetho uYilwayo.
ISAHLUKO 13
IMITHETHO, IZIMISELO ZETHUTYANA, UKURHOXISWAKWEMITHETHO KWAKUNYE NESIHLOKO ESIFUTSHANE
Umhlathi 75Imithetho -- Lo mhlathi uthi umisele uMphathiswa onelungelo amandla aqulathwe yimithetho emayela nalo Mthetho uYilwayo.
Umhlathi 76.Izibonelelo zethutyana -- Lo mhlathi uthi uqinisekise uqhubekeko kushishino lotywala, oko kumiselwa nguMthetho woTywala ka 1989 (uMthetho onombolo engu 27 ka 1989).
Umhlathi 78Isihloko esifutshane -- Lo mhlathi uthi umisele isihloko esifutshane salo Mthetho uyilwayo kwanokuphunyezwa ngokusesikweni kwalo Mthetho uYilwayo.
