Isicelo semvume yeentshukumo zonke ezinxulumene nezinto eziphilayo eziguqulwe ngokwemfuzo apha eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Misela ukuba loluphi ugunyaziso olufunayo yaye uzalise ifomu efanelekileyo.
Qaphela izinto ezifuneka kuqala malunga nezicelo ezithile:
ukhululo olubanzi lwezicelo kufuneka lwandulelwe ngokuphumeza iinkqubo kwimekobume yendalo yaseMzantsi Afrika kwithuba lamaxesha amathathu okulima izicelo zokuqhubeka ngenkqu ziya kwamkelwa kuphela xa inkqubo ibigunyazisiwe kwixesha elidlulileyo.
Thumela isicelo kunye nenani elimiselweyo lweekopi kuMbhalisi wee-GMO.
Thumela ikopi eyongezelelweyo yesicelo, engaqulathanga ulwazi oluyimfihlo lwezoshishino, kuMbhalisi wee-GMO.
Hlawula intlawuliso emiselweyo .
Thumela ingxelo yeenkqubo eziqhutywe kwixesha elidlulileyo .
Thumela ubungqina bezaziso zikawonkewonke .
Abenzi bezicelo kufuneka basebenzise izikhokelo ezilandelayo:
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
IKomiti eCebisayo ihlola i-data yenzululwazi ethunyelwe nesicelo yaye yenza iinkuthazo malunga nokhuseleko lwenkqubo ecetywayo kwiBhunga lokuPhumeza.
UMbhalisi ufumana iminikelo yesizwe ngethuba elivunyelweyo.
IBhunga lokuPhumeza lenza isigqibo malunga nesicelo, liqwalasela isicelo, iinkuthazo zeKomiti eCebisayo, iminikelo kawonkewonke neziphumo ezinokuba khona kumacandelo afana nelezolimo, elezempilo, elezemekobume, elezabasebenzi, elezorhwebo nelezenzululwazi nophuhliso lweteknoloji.
Ukuba isigqibo seBhunga lokuPhumeza kusesivumayo, uMbhalisi ugunyazisa ukukhutshwa kwemvume.
UMbhalisi ukhupha imvume efanelekileyo.
Zonke iimvume zikhatshwa yimiqathango yeziqulathi .
Abahloli abavela kwiSebe lezoLimo baqaphela ngononophelo ukuphunyezwa kwemiqathango yemvume.
Entla
Iindleko
