  IPHONDO LEMPUMA-KOLONI
UMTHETHO OYILWAYO WOKUNIKEZELWA
KOMHLABA WEPHONDO LEMPUMA-KOLONI, 1999
Ongeniswayo
ILUNGU LESIGQEBA ESILAWULAYO ELIJONGENE NEZINDLU NOORULUMENTE BENGINGQI
UMTHETHO OYILWAYO
Wokubonelela ngokufunyanwa nokunikezelwa komhlaba kaRhulumente wePhondo leMpuma-Koloni nangezinto eziphathelele kuwo.
UMISELWA yiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma-Koloni ngolu hlobo:
Iinkcazelo zamagama
Kulo mThetho, ngaphandle kokuba imeko ekuthethelwa phantsi kwayo yalatha ngolunye uhlobo:
fumana" kuquka ukuthenga, ukuhlutha, ukutshintshiselana, ukuqeshisa okanye ukufunyanwa komhlaba njengesipho, ukuqosheliswa kwesivumelwano sokufumaneka komhlaba ngokuphathelele kumhlaba nokubhaliswa kwamalungelo enene aphathelele kumhlaba kusenzelwa uRhulumente kwaye igama elithi "ukufumana" liya kuba nentsingiselo efanayo;
umntu onelungelo lomhlaba" kuthethwa nawuphi na umntu, iqumrhu okanye umbutho othi ufumane umhlaba ophantsi kolawulo lukaRhulumente wePhondo okanye naliphi na ilungelo kuloo mhlaba;
nikezela" kuquka intengiso, ukutshintshiselana, ukuqeshisa okanye isipho somhlaba (kuqukwa nokunikezelwa komhlaba mahala ithuba elithile), ukuqosheliswa kwesivumelwano sokufumaneka komhlaba ngokuphathelele kumhlaba, siqoshelisa naye nawuphi na umntu onelungelo lomhlaba nokubhaliswa kwalo naliphi na ilungelo lokwenene okanye ilungelo lomntu ngokuphathelele kumhlaba kulungiselelwa umntu lowo unelungelo lomhlaba kwaye igama elithi "ukunikezela" liya kuba nentsingiselo efanayo;
iNgxowa-mali" kuthethwa iNgxowa-mali yezemiHlaba yePhondo leMpuma-Koloni esekwe phantsi kwecandelo 6;
uRhulumente" kuthethwa uRhulumente wePhondo leMpuma-Koloni othathwa njengephondo leRiphabhlikhi yoMzantsi-Afrika ngokwemigaqo yecandelo le-103 (a) lomGaqo-siseko;
umhlaba" kuqukwa nayiphi na inzala yomhlaba "isivumelwano sokufumaneka komhlaba" kuthethwa nasiphi na isivumewano esibhaliweyo esinikezela ilungelo lokuphuhliswa kwawo nawuphi na umhlaba, linikezelwa kumntu ongomnye nongenguye umnini-mhlaba, ewamkela njengengxaki yakhe, naphantsi kwemigaqo neemeko ekunokuvunyelwana ngazo;
iNdlu yoWiso-mthetho" kuthethwa iNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma-Koloni;
iLungu lesiGqeba" kuthethwa iLungu okanye amaLungu esiGqeba amiselwe ukuphuhlisa iinjongo zawo nawuphi na umgaqo phantsi kwalo Mthetho, emiselwa yiNkulumbuso yePhondo;
iNkulumbuso" kuthethwa iNkulumbuso yePhondo njengokuba kuchaziwe phantsi kwecandelo le-125 lomGaqo-siseko;
iPhondo" kuthethwa iPhondo leMpuma-Koloni ekubhekiselelwa kulo kwicandelo le-103 (a) lomGaqo-siseko;
umhlaba wePhondo" kuthethwa nawuphi na umhlaba ophantsi kukaRhulumente obhaliswe phantsi komhlathi wama-28 weShedyuli 6 yomGaqo-siseko ndawonye nawo nawuphi na umhlaba ofunyenwe nguRhulumente ngokwemigaqo yalo Mthetho.
umBhalisi wamaLungelo omHlaba" kuthethwa umBhalisi wamaLungelo omHlaba njengoko kuchaziwe kuMthetho woBhaliso lwamaLungelo omHlaba we-1937 (uMthetho onguNo. 47 we-1937);
ummiselo" kuthethwa nawuphi na ummiselo omiselweyo nosebenzayo phantsi kwalo Mthetho;
uMphathiswa" kuthethwa iLungu lesiGqeba elijongene neziNdlu nooRhulmente beeNgingqi kwiPhondo leMpuma-Koloni;
lo Mthetho" kuqukwa nemimiselo ephantsi kwawo;
igqiza elijongene neNgxowa-mali yePhondo" kuthethwa iGqiza elijongene nengxowa-mali yePhondo njengoko kuchaziwe phantsi koMthetho olawula imali kaRhulumente we-1994 (uMthetho onguNo. 1 we-1994) (Mpuma-Koloni);
Ukufunyanwa nokunikezelwa komhlaba
 INkulumbuso isenokuthi, ngokukhokelwa yimigaqo neemeko ezithile xa ibona kufanelekile, ifumane umhlaba okanye inikezele ngomhlaba wePhondo.
Umhlaba ofunyenwe phantsi kwemigaqo ekwicandelwana uya kuba phantsi koRhulumente.
Imiqathango ephantsi kwecandelwana ayiyi kuyikhuphela ecaleni iNkulumbuso okanye umntu onelungelo lomhlaba ekuthobeleni naluphi na uxanduva oluphantsi kwemigaqo yaso nasiphina isivumelwano sobunini esibhalisiweyo.
UmPhathiswa uya kuqinisekisa ukuba uxwebhu olulungelelanisiweyo luyamiselwa luze lugcinwe lukwimo efanelekileyo khona ukuze lube nokubonisa wonke umhlaba wePhondo.
UmPhathiswa uya kuqulunqa ingxelo yonyaka eyiqulunqela iNdlu yoWiso-mthetho apho aya kuchaphazela le miba ilandelayo:
iinkcukacha zazo zonke izicelo ezibhaliweyo zokufumana umhlaba wePhondo eziye zafunyanwa;
iinkcukacha zako konke ukunikezelwa komhlaba wePhondo ndawonye nako nakuphi na ukufunyanwa komhlaba ngokutsha njengoko kuchatshazelwe phantsi kwecandelo lesi-3, kuqukwa:
inkcazelo ezeleyo yomhlaba ekunikezelwe ngawo;
ii umyinge womhlaba ekunikezelwe ngawo;
iii amagama abantu onikezelwe kubo;
ixabiso othengiswe ngalo, ukuba likho, elihlawulelwa umhlaba ekunikezelwe ngawo;
nazo naziphi na iimeko ezisisithintelo ngokuphathelele kumhlaba ekunikezelwe ngawo.
Ilungelo lokufumana ngokutsha umHlaba wePhondo
 INkulumbuso isenokulifumana ilungelo elingakwicala likaRhulumente lokuba umntu onelungelo lomhlaba okanye indlalifa yamalungelo omntu onelungelo lomhlaba, akayi kunikezela ngomhlaba kwisithuba seminyaka elishumi ubuninzi, ukususela kumhla wobhaliso lokuqala lomhlaba egameni lomntu onelungelo lomhlaba, ngaphandle kokuba isaziso sentengiso esibhaliweyo sithe sanikezelwa kuRhulumente ize iNkulumbuso ibe isilele ukusebenzisa ilungelo lokufumana umhlaba.
Ngesicelo seNkulumbuso umbhalisi wamalungelo omhlaba uya kufakela kuxwebhu lwamalungelo omhlaba ubukho belungelo ekubhekiselelwa kulo kwicandelwana okanye aphumeze ilungelo elo ngohlobo abona lufanelekile kwaye ngoko ke elo lungelo liya kusebenza kubo bonke abantu ngaphandle komntu (kuqukwa noRhulumente) onetyala lemali-mboleko okanye ityala elilelinye obambise ngomhlaba phambi kokufakelwa kwelungelo elikhankanyiweyo kuxwebhu lwamalungelo omhlaba lomhlaba ololo hlobo; kwaye umbhalisi wamalungelo omhlaba uya kuhlomela okanye arhoxise naliphi na ilungelo xa iNkulumbuso ifikelele kwisigqibo sokurhoxisa okanye sokuhlomela ilungelo elo njengoko kuchaziwe kwicandelwana lesi .
INkulumbuso iya kunika isaziso kumntu oselungelweni lomhlaba ngenjongo yayo yokusebenzisa ilungelo lokufumana umhlaba ikwenza oko kwisithuba seentsuku ezingama-45 emva kokufumana isaziso esibhaliweyo sentengiso elindelekileyo yomhlaba neyenziwa ngumntu oselungelweni lomhlaba.
Ukuba iNkulumbuso ikhetha ukulisebenzisa ilungelo, ixabiso lomhlaba liya kuqinisekiswa:
ngesivumelwano esiphakathi kukaRhulumente nomntu oselungelweni lomhlaba; okanye ukuba akukho sivumelwano kunokufikelelwa kuso kwisithuba seentsuku ezingama-60 ukususela kumhla wesaziso ekubhekiselelwa kuso kwicandelwana lesi- , liqinisekiswa ngumlamli owonyulwe ngesivumelwano esiphakathi kukaRhulumente nomthengisi-mhlaba okanye ekusileleni kwesivumelwano, umlamli owonyulwe yiNkulumbuso, kwaye imigaqo yoMthetho woLamlo we-1965 (uMthetho onguNo. 42 we-1965) uya kusebenza.
INkulumbuso iya kuthi, emva kokuqinisekiswa kwexabiso lentengiso njengoko kuchatshazelwe kwicandelwana lesi , inike isaziso esibhaliweyo sokugqibela kumntu onelungelo lomhlaba ngokusebenzisa kwayo ilungelo lokufunyanwa komhlaba ngokutsha kwaye loo nquleqhu iya kuqosheliswa ngethuba elingelide.
INkulumbuso isenokufakela okanye irhoxise naliphi na ilungelo phantsi kwecandelwana loku , ukuba oko akubeki bunzima phezu komntu onelungelo lomhlaba.
Ukusayinwa kwamaxwebhu
 Ukuba iNkulumbuso ithe yafumana okanye yanikezela ngawo nawuphi na umhlaba wePhondo ngokwemigaqo ephantsi kwecandelo lesi-2, iya kuthi isayine okanye iyalele ukuba kusayinwe egameni likaRhulumente onke amaxwebhu afanelekileyo esivumelwano namaxwebhu angamanye anokuthi afuneke ngokusemthethweni avumela ukufunyanwa okanye ukunikezelwa komhlaba.
Onke amaxwebhu aya kusayinwa egameni likaRhulumente nguye nawuphi na umntu ogunyaziselwe oko yiNkulumbuso, egunyaziselwa ukusayinela umhlaba jikelele okanye umhlaba ochaphazelekayo kuphela okanye umhlaba wePhondo.
Ukunikezelwa kwamagunya nemisebenzi
 INkulumbuso isenokunikezela, ngokubhekiselele kumhlaba jikelele okanye kumhlaba ochaphazelekayo okanye kumhlaba wePhondo, kuye nawuphi na uMphathiswa ngalo naliphi na igunya okanye uxanduva olunikezelwe kuyo kwicandelo 2, 3 okanye 4.
Ukuba iNkulumbuso inikezela kumPhathiswa naliphi na igunya elinikezelwe kuyo, umPhathiswa lowo uya kuba namagunya kwanoxanduva olunikezelwe kuye ngokuphathelele ekusetyenzisweni kwegunya ekunikezelwe ngalo.
UMphathiswa usenokuthi ngokuphathelele kumhlaba jikelele okanye kumhlaba ochaphazelekayo okanye kumhlaba wePhondo, anikezele ngalo naliphi na igunya okanye uxanduva olunikezelwe kuye ngulo Mthetho okanye ngokwemigaqo yalo mThetho kulo naliphi na igosa elikwinkonzo yobuRhulumente.
INgxowa-mali yomHlaba yePhondo leMpuma-Koloni
 Kusekwa ingxowa-mali eya kwaziwa njengeNgxowa-mali yomHlaba yePhondo leMpuma-Koloni.
Yonke imali efanele kuhlawulwa kuRhulumente xa kuthe kwanikezelwa ngawo nawuphi na umhlaba wePhondo ngaphandle komhlaba oqeshiswayo, iya kufakwa kwiNgxowa-mali kwaye yonke inkcitho eyenziweyo nguRhulumente ekufunyanweni komhlaba ngaphandle komhlaba oqeshiswayo, iya kuhlawulwa kwimali ephuma eNgxoweni.
Ingxowa-mali iya kuqulatha izixa-mali ezifanele kufakwa kule Ngxowa-mali ngokwemigaqo yecandelwana 2;
yonke imali ethi isetyenziswe yiNdlu yoWiso-mthetho kumathuba ngamathuba ekufunyanweni komhlaba wePhondo nguRhulumente nayo nayiphi na imali esetyenziselwa ukuthenga umhlaba wePhondo kuye nakuwuphi na umnini-mhlaba.
Ngaphandle kokuphikisana nayo nayiphi na into equlathwe kuMthetho weMalikaRhulumente wePhondo we-1994 (uMthetho onguNo. 1 we-1994)(Mpuma-Koloni), yonke imali yeNgxowa ingasetyenziswa kuphela kwiinjongo ezichatshazelwe kulo Mthetho.
Igqiza elijongene neNgxowa-mali kaRhulumente lingamisela imigaqo yokulawulwa kweNgxowa-mali;
iinkqubo eziphathelele ekukhutshweni kwemali kwiNgxowa-mali kwanokufakwa kwemali eNgxoweni;
indlela ekunokugcinwa nekunokulondolozwa ngayo iiakhawunti zeNgxowa-mali nawuphi na umbandela eliwubona ufanelekile okanye ungxamisekile ukuba umiselwe ngokuphathelele kulawulo lweNgxowa-mali.
INtloko yeSebe leZindlu nooRhulumente beeNgingqi iya kuba, ngokwemigaqo yalo Mthetho, noxanduva lolawulo lweNgxowa-mali, kwaye, ngokweenjongo zemimiselo emiselwe phantsi koMthetho wezeMali kaRhulumente wePhondo we-1994 (uMthetho onguNo.1 we-1994) (Mpuma-Koloni), iya kuba ligosa elilawulayo ngokuphathelele kwimali eseNgxoweni kwaye iya kugcina ezo akhawunti zithe zamiselwa.
Iincwadi neengxelo zeakhawunti ndawonye nephepha elibonisa umyinge weNgxowa-mali, konke oku kuya kuphicothwa minyaka le nguMphicothi-jikelele.
UMphicothi-jikelele usenokufuna ukuba nawuphi na umntu akhuphe zonke iincwadi, iirejista namaxwebhu akuye okanye aphantsi kolawulo lwakhe acinga ukuba zingaluncedo ekuphicothweni ekubhekiselelwa kuko kulo kumhlathi khona ukuze zibe nokuhlolwa.
Imali engaphezulu eNgxoweni engekabi nakusetyenziswa ekuthengweni komhlaba wePhondo iya kugcinwa ngendlela eya kumiselwa nguMphathiswa wezeMali.
UMphathiswa uya kuthi alungise ingxelo yonyaka aya kuyandlala kwisiGqeba sePhondo leMpuma-Koloni nakwiNdlu yoWiso-mthetho ecacisa ngemeko yeNgxowa-mali nangenkcitho ecetywayo kwiNgxowa-mali.
Imimiselo nezikhokelo zomgaqo-nkqubo
 INkulumbuso ingathi, ngokubonisana neGqiza elijongene neMali yePhondo, yenze imimiselo ebona ifanelekile okanye ingxamisekile ukufezekisa iinjongo zalo Mthetho.
INkulumbuso ingathi, ngokubonisana neGqiza elijongene neMali yePhondo, ikhuphe izikhokelo zomgaqo-nkqubo ezibona zifanelekile ekukhokeleni imisebenzi yamagosa karhulumente ukufezekisa iinjongo zalo Mthetho.
Ukusetyenziswa kwalo Mthetho
Ukuba imigaqo yalo Mthetho ayingqinelani nemigaqo yeminye iMithetho ephathelele ekufunyanweni komhlaba nasekunikezelweni komhlaba wePhondo, yimigaqo yalo Mthetho eya kuthi isetyenziswe.
Ukubethelelwa kweMithetho
Nayiphi na into eyenzekayo ngokuphathelele kumhlaba wePhondo ethe yenzeka emva komhla wama-27 kuTshaziimpuzi 1994 naphambi kokusebenza kwalo Mthetho, nebinokuthathwa njengesemthethweni kodwa ngesizathu sokuphela kwelungelo lomntu othile okanye ukungabikho kwegunya elinikezelwe kumntu ongomnye okanye kwiNkulumbuso, kuMphathiswa okanye kulo naliphi na igosa elikwinkonzo kaRhulumente, loo nto iya kuthathwa njengento eyenzeke ngokusemthethweni.
IsiHloko esifutshane
Lo Mthetho uya kwaziwa ngokuba nguMthetho wokuNikezelwa komHlaba weMpuma-Koloni,we-1999.
IMEMORANDAM ENIKA INKCAZELO
UMTHETHO OYILWAYO WOKUNIKEZELWA KOMHLABA, 1999 (WEMPUMA-KOLONI)
ICANDELO A
Imithetho-siseko jikelele
Eyona njongo iphambili yoMthetho oyilwayo kukumisela ubuchule obufanelekileyo bowiso-mthetho nobolawulo ekulawulweni komhlaba kaRhulumente wePhondo leMpuma-Koloni. Uxanduva olupheleleyo lokufunyanwa nokunikezelwa komhlaba luya kuba semagxeni eNkulumbuso kwaye siya kwenziwa isibonelelo sokuba iNkulumbuso ibe nokunikezela ngegunya lolu xanduva kuMphathiswa nakumagosa akwinkonzo kaRhulumente wePhondo.
UMthetho oyilwayo ubonelela ngokubhaliswa kwelungelo kuxwebhu lwamalungelo omhlaba wephondo xa sukuba unikezelwa kumntu othile. URhulumente wePhondo uya kuba nalo ilungelo lokuba awufumane kwakhona lo mhlaba xa umthengi wokuqala enomnqweno wokuwuthengisa kwisithuba seminyaka elishumi ukususela kumhla watanci wokuthengwa kwawo.
Zininzi iindlela eziqulunqiweyo kulo Mthetho uyilwayo ukuphakamisa umgangatho woxanduva lobutyala kulawulo lomhlaba. Ngale ndlela, kwenziwa isibonelelo sokuphalazwa kweengxelo zonyaka kwiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma-Koloni ngokuphathelele kunikezelo lomhlaba nangokubhekiselele kwimeko yeNgxowa-mali yomHlaba.
UMthetho oyilwayo useka iNgxowa-mali yomHlaba eya kuba yingxowa-mali eyenzelwe ukuba isetyenziselwe ukuthenga umhlaba ngeenjongo zophuhliso, kuqukwa ukwakhiwa kwezindlu, imiba yempilo, eyemfundo, eyentlalontle, eyemidlalo nolonwabo njalonjalo konke oko kusenziwa nguRhulumente wePhondo.
ICANDELO B
Uphengululo lomhlathi ngamnye
UMHLATHI 1. - iinkcazelo zamagama
UMHLATHI 2. - uvumela iNkulumbuso ukuba ibe nokufumana okanye ibe nokunikezela ngomhlaba ophantsi kukaRhulumente wePhondo. UMphathiswa kufuneka enoxwebhu olubonisa wonke umhlaba kaRhulumente. Kwakhona uMphathiswa kufuneka enze ingxelo kwiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo leMpuma-Koloni ngokuthe kwenzeka ngokuphathelele kumhlaba wephondo.
UMHLATHI 3. - ubonelela ngokubhaliswa kwamalungelo okufunyanwa ngokutsha komhlaba ebekunikezelwe ngawo nguRhulumente wePhondo. La malungelo anesolotya elibophelela umnini-mhlaba lokuba kufuneka kuqala awunikezele umhlaba kuRhulumente wePhondo. Kukwakho nezibonelelo ezenziweyo eziphathelele ekuhlonyelweni okanye ekurhoxisweni kwala malungelo.
UMHLATHI 4. - Eli candelo lenza isibonelelo sokuba iNkulumbuso okanye ummeli wayo abe nokuqoshelisa amaxwebhu ezivumelwano ayimfanelo ndawonye namanye amaxwebhu ekufuneka ebhaliswe kwiOfisi yoBhaliso lwamaLungelo omHlaba.
UMHLATHI 5. - Eli candelo libonelela ngokunikezelwa komsebenzi yiNkulumbuso kuMphathiswa nokothulwa komsebenzi emagxeni oMphathiswa unikezelwe kumagosa akwinkonzo kaRhulumente wePhondo.
UMHLATHI 6. - Eli candelo libonelela ngokusekwa kweNgxowa-mali yomHlaba weMpuma-Koloni nangeendlela zolawulo lwezemali ngokuphathelele ekusebenzeni kwale Ngxowa-mali. Igosa elilawulayo liyonyulwa kwaye kwenziwa isibonelelo sokufakwa kweengxelo kwiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo nokuphicothwa kweNgxowa-mali nguMphicothi-zincwadi- Jikelele.
UMHLATHI 7. - Uvumela iNkulumbuso ukuba ibe nokwenza imimiselo ize inike nemiyalelo ngokuphathelele kwimiba yolawulo lomhlaba.
UMHLATHI 8. - Ubonelela ngokusetyenziswa koMthetho.
UMHLATHI 10. - Isihloko esifutshane.
