UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
Inkqubo Yophuhliso Loshishino Lwezokhenketho
INKQUBO YOPHUHLISO LOSHISHINO LWEZOKHENKETHO: UBUME
UBUME
IINDABA
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
Injongo yale nkqubo Yophuhliso Lweshishini Lwezokhenketho kukwandisa ubunini bamashishini ezokhenketho kweli phondo leNtshona Kapa kwanokuqinisekisa ukuba amashishini ezokhenketho enza ingeniso ebonakalayo nazamayo aphantsi kolawulo lwabantu abamnyama ayanda kweli Phondo.
Ezi njongo ke sizama ukuzizuza ngokuthi sixhase abanini-mashishini ezokhenketho ukuze:
Baphucule izakhono zabo kwanamacebo olawulo lwala mashishini.
Siqinisekise ukufikelela kwala mashishini kwiimalike ngokweendlela ezahlukeneyo.
Ngapha koko, eli phulo Lophuhliso Lweshishini Lwezokhenketho lithe lasebenzisa Nesicwangciso-qhinga Sokugaya Inkxaso Esihlula-hlulwe Ngokwamabakala apho amashishini ahlula-hlulwe angamaqela okanye amanqanaba amane ophuhliso loshishino. Inqanaba ngalinye ke kula liye laqulunqelwa intlaninge yeenkqubo ezikudidi olulodwa..
IBUTHO LOSHISHINO LWEZOKHENKETHO
Eli phulo Lophuhliso Lweshishini Lwezokhenketho liye lazimanya kwiqhina lentsebenziswano nentlaninge yemibutho ebona iinguqu kwanale nkqubo yophuhliso loqoqosho lwabamnyama njengezinye zezona njongo zayo.
Xa sisonke senza eli Butho Loshishino Lwezokhenketho, elithe ngokuhlangana rhoqo lade lanakho nokuqulunqa isicwangciso-qhinga esinye. Ngalo mbono mnye, iinkqubo esabelana ngazo, iziAbonelelo ezihlanghanisiweyo, eli Butho liluphuhlisa ngokwenene ushishino lwezokhenketho lweNtshona Kapa.
SINGALIXHASA NJANI ISHISHINI LAKHO LEZOKHENKETHO
Cofa kulo naliphi na iqhosha ukuze ube nokufunda banzi ngendlela iButho Lophuhliso Loshishino Lwezokhenketho elinobanceda ngayo abanini-mashishini ezokhenketho.
EZIPHAMBILI
IINDABA
Usomashishini Wezokhenketho Ufumene Amathuba ze Wanempumelelo
Abanini-mashishini Ezokhenketho basePaternoster Bazifumanela Inkxaso-mali Yokufezekisa Amaphupha Abo
USHISHINO LWEZOKHENKETHO
AMACANDELO ONCEDO
AMAHLAKANI ELI BUTHO LOSHISHINO LWEZOKHENKETHO
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
