UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
Ezendalo
INJONGO:
Phucula umgangatho wobomi babo bonke abemi boMzantsi Afrika.Eli phulo lijolise ekuziseni ulwazi nasekufundiseni abemi boMzantsi Afrika ngemiba enento yokwenza nococeko nolawulo lwenkukuma. Likhuthaza abantu ukuba badlale indima ephambili ekubuyiselweni kobuntu kwiindawo abahlala kuzo kwanokubuyisela ikratshi nokuzinikela ekucoceni iindawo abahlala kuzo.
ISIQALO:
ISIPHELO:
INKCAZELO:
Imvelaphi Nembali
Umjikelo waseNtshona Koloni
Amanqanaba Namabhaso
Inkqubo Yokuvavanya
Amalungu Esigqeba sePhondo
Inkqubo Yovavanto yePhondo kwakunye Nokunikezelwa Kwamabhaso
Ukucoca indawo ohlala kuyo kuveza amathuba emisebenzi
Uluntu ekuhlaleni luthabatha inxaxheba ekugcineni iindawo oluhlala kuzo zicocekile
Iindawo zokuzonwabisa ezikhuselekileo nezicocekileyo ziluncedo kuye wonke umntu
IMVELAPHI NEMBALI
Olu Khuphiswano Lwesizwe lulandela Imijikelo yolu Khuphiswano Yamaphondo, mijikelo leyo iqhutywa liSebe elijongene Nemicimbi Yendalo yePhondo ngalinye.
Olu khuphiswano Lwesicwangciso-qhinga Sesizwe Solawulo Lwenkukuma futhi lunceda ekujikeni imigaqo-nkqubo nowiso-mthetho zibe ziinkqubo eziphilayo nezisebenzayo.
Eli phulo lifuna ukwazisa abemi boMzantsi Afrika ngeendlela zokunciphisa inkukuma kwiindawo abahlala kuzo.
Ekugcineni indawo yokuhlala ecocekileyo nesempilweni.
Ekunakaneni izithembiso zoomaspala kucoceko oluphilayo.
Ekudaleni amathuba emisebenzi ze luze nengeniso kubantu abangaphangeliyo ngokuthi kucocwe izinto ezimdaka ziphinde zisetyenziswe.
UMJIKELO WASENTSHONA KOLONI
Ukhuphiswano lwephondo iNtshona Koloni luphuhlisa "Ikhaya Eliluqilima Lethu Sonke". Lo mjikelo ugxininisa kwiindawo ezihlala uluntu kwakunye neendlela oomaspala abangenelela ngazo zexesha elide eziya kukhokelela ekuphuculweni okuqhubekekayo kweendawo zokuhlala.
Ukuthatyathwa kwenxaxheba kumjikelo wephondo wolu khuphiswan kukhule ngokumangalisayo, ukusuka kumashumi amahlanu ekhulwini ukuya kutsho kumashumi amabini anesithathu koomaspala abangamashumi amabini anesine kulo nyaka! Oku kubonisa ukubaluleka kolu khuphiswano koomaspala.
Iidolophu ezaphumelela ngaphambili eNtshona Koloni
AMABAKALA NAMABHASO
Oomaspala Bebakala B (Oomaspala Bamakhaya)
Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke oomaspala, ngaphandle koomaspala bezithili.
Umjikelo wephondo
Isixeko saseKapa, ekukuphela korhulumente wenqila eNtshona Koloni, singena zwabha kumjikelo wesizwe wolu kuphiswano futhi asiyi kulinikwa ibhaso lephondo.
Amabhaso aya Kunikwa Oomaspala Bamakhaya Abathi Baphumelele
Ibhaso lokuqala
Ibhaso lesibini
Ibhaso lesithathu
Akukathatyathwa sigqibo ngokuba liya kuba yintoni na ibhaso eliya kunikwa umaspala othe wazibalula ngokuthi abe ngoyena uziphuculeyo, kodwa ke liya kwaziwa kungekudala.
Umjikelo wesizwe
Ibhaso lesigidi leerandi lilinye liya kunikwa oomaspala abaphulele kumabakala u-A noB. Umaspala othe wazibalula ngokuba ngoyena uziphuculeyo uya kuthi avuzwe ngokuthi abhengezwe kwingxelo yesizwe yovavanyo.
INKQUBO YOVAVANYO
INtshona Koloni iya kusebenzisa inkqubo yovavanyo yesizwe ukuchonga oomaspala bephondo abathathu abaphumelele emagqabini kwibakala B, kwakunye noyena uzibalula ngokuziphucula.
Isixeko sasweKapa, ndawonye nomaspala ozibalule ngokuziphucula, baya kuthi bamele eli phondo kumjikelo wesizwe wolu khuphiswano. Kwale nkqubo inye yokuchonga iya kusetyenziswa xa kuchongwa abaphumeleleyo kwinqanaba lesizwe.
Inkqubo Yokuchonga
Imeko yembonakalo
Iinkqubo zenkxaso
Imeko yembonakalo iqwalasela ucoceko ngokuphangaleleyo kwezi ngingqi zokuhlala nezoshishino zilandelayo:
Umbindi wesixeko okanye wedolophu
Ingingqi yoshishino, umzekelo: iimalike, amaziko zeentengiso, njalo-njalo
Amaziko oluntu, umzekelo: izindlu zangasese zikawonke-wonke, amaziko ezemidlalo, amaziko alondoloza indalo, iimalike, izikhululo
Iindawo ezivulelekileyo
Iindawo ezitsala umdla wabakhenkethi, umzekelo: amaziko alondoloza indalo, iipaki, iilwandle, njalo-njalo.
Imeko yendawo ekulahlwa kuyo inkukuma
Izixhobo ezisetyenziswe kwindawo yokuhlala inkukuma (ukulungelelana kwezi zixhobo nako kubalulekile)
Inkxaso yohlahlo lwabiwo-mali
Ubume bephepha-mvume leziko lokugcwalisa umhlaba
Imimiselo esemgangathweni yokukhuselwa kwendalo
Ubukho/ukubandakanyeka kuphuhliso Lwesicwangciso Esihlanganyelweyo Solawulo Lwenkukuma
Inkqubo/Iinkqubo ezinjongo ikukubeka iliso umgangatho wamanzi nowomoya.
Amayathelo okwazisa nawemfundo nokuba abahlali baziswe ngokwaneleyo na, umzekelo:
AMALUNGU ESIGQEBA SEPHONDO
Isigqeba sabagwebi bephondo, eyenziwe ngamalungu ahlukeneyo, siphicotha amangenelo ngokusebenzisa iinkcukacha ezisisisekelo nangokuya kwabo maspala ze ichonge abo baphumeleleyo.
Isigqeba saseNtshona Koloni siquka:
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2752
Owner: Isebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
