UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa
IiNkonzo
Ezolimo
Uncedo-mali & Nenkxaso
Ukufakwa kwezicelo zoncedo-mali kwiPhulo loKhuseleko loKutya
Ukufakwa kwezicelo zoncedo-mali kwiPhulo loKhuseleko loKutya
UBUME
IINKONZO
AMAPHULO
IINDABA
USHICILELO
IZIXHOBO
UQHAGAMSHELWANO
INKCAZELO:
IPhulo loKhusleko loKutya, i-FSP lineenjongo zokunika inkonzo yenkxaso kuphela kumaqela abantu abavela kwiindawo ezazifudula zisingelwe phantsi phambili phaya abanomnqweno wokuziqalela izitiya zabo. Eli phulo liya kuyinika inkxaso-mali yokuqalisa iprojekthi leyo yokusungula isitiya yabahlali okanye ke neprojekthi.
ISebe lezoLimo liya kunika amaqela angama-20 inkxaso-mali rhoqo ngonyaka ngamnye, kule minyaka mithathu izayo, ngeenjongo zokuxhasa iPhulo loKhuseleko Lokutya. Eli phulo lifuna ikakhulu ukunika amaqela amakhosikazi nawolutsha inkxaso. Imali efumanekayo yokuqhuba iprojekthi nganye de iye kufika nakuma-R50,000, yaye ke loo projekthi kufuneka inamathele nca kule miqathango nezi mfuneko zichazwe ngezantsi apha.
Olu ke luncedo-mali; asiyomali-mboleko, nto leyo ke ethetha ukuba imali abathe bayifumana abo bafaki bezicelo ze baphumelela kwezo zicelo akukho mfuneko yakuyibuyisa.
IMIYALELO:
Ikho ke imiqathango ebekwayo xa umntu efaka isicelo solu ncedo-mali:
Isicwangciso seprojekthi ekufuneka simiswe ngendlela ethile, kufuneka singeniswe kwakunyaka-mali owandulela lo kucelelwa wona.
Kuphela ngabantu abavela kwiindawo ezazifudula zisingelwe phantsi phambili phaya abafanele ukuba bangafaka izicelo zoncedo-mali, nakubeni ke kambe abaniki beenkonzo benakho ukuba bangancedisa ekuqulunqweni kwesicwangciso seprojekthi.
Izibonelelo zezolimo, kwakunye nezimvo nezinye ke iimfuno zokusungulwa kwesitiya ziza kuyinikwa inkxaso-mali.
Abantu abamkela ngaphezu(nokuba sebesidla umhlala-phantsi na) kobuncinane bomvuzo obubekwe ngurhulumente nabasebenzi bakwarhulumente kwakunye nooceba bona abakho kubantu abafanele ukulufumana olu ncedo-mali.
Isicwangciso seprojekthi kufuneka ukuba sibandakanye nezi nkcukacha zilandelayo:
ubume belo qela ngokwasemthethweni ukuba ngaba umhlaba ngumhlaba oqeshiweyo, ikhontrakthi engekho ngaphantsi kwiminyaka emihlanu ngokwesithuba eza kusiqhuba uncediso-mali olwalukhe lwafunyanwa kurhulumente ngaphambili uchaphazeleko lwamalungu ngokwenxaxheba yawo, imisebenzi yawo nezikhundla inkcazelo ngokomelela nokuzinza kweprojekthi leyo uqeqesho oluthe lwafunyanwa ngamalungu irekhodi yokuqhuba nokusebenza kwawo ngokuphathelele kwiiprojekthi zangaphambili nakwinkxaso-mali imali efunekayo kule projekthi (xa iyonke)
amanye amahlakani abandakanyekayo kule projekthi ngenxaxheba yawo.
Makuncedwe kuqatshelwe ukuba isicelo senkxaso-mali esenziwe kunyaka-mali othile samkelelwa unyaka-mali olandela lowo senziwe ngawo.
Ukuze kufunyanwe inkcazelo eyenye, kungaqhagamshelwana naba bantu balandela ngezantsi apha.
Kwezi ndawo:
Kwezi ndawo:
Kwezi ndawo:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
