UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Iindaba
Ukuvuyisana Nabafundi Bethu Abaphumelele iMatriki
UMTHOMBO WEENDABA Icandelo loMphathiswa Wezemfundo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
INkulumbuso iya kubamba umsitho wephondo ekuseni kwangalo mhla (ukususela ngentsimbi yethoba ekuseni ukuya kuma ngeyeshumi elinanye ngentlazane) kwindawo yayo yokuhlala ukuvakalisa iziphumo.
Kulo msitho emva kwemini, abafundi abaphumelele emagqabini kwizibalo, inzululwazi nezifundo zogcino-zincwadi baya kufumana amawonga awodwa. Abafundi abaphumelele emagqabini eMitchell's Plain naseKhayelitsha bababetha bonke abanye nabo baya kufumana amawonga awodwa.
Kukho ithemba lokuba esi siganeko siya kuza nethemba nokhanyiselo kubafundi bethu, sibakhuthaza futhi ukuba baqhubekele phambili nemfundo ze bazuze nezakhono, eziza kubanceda ekufumaneni imisebenz, utshilo uMphathiswa uDugmore.
Kwincwadi yembalelwano ebeyithumela kubo bonke oosodolophu baseNtshona Koloni, ukwacele oomaspala babo ukuba babambe imisitho efana nalo, besenzela abafundi babo abaphume emagqabini kulo nyaka mtsha.
Ukwacele ooSodolophu noomaspala ukuba baqwalasele umcimbi wokunikezela ngeenkxaso-mali zokufunda okanye ke ibhaso eliyimali eziinkozo kumfundi webanga leshumi ophumelele emagqabini ngokubabetha bonke abanye abafundi kuloo maspala, kwakunye ze kunikwe nabo baziphumelele izifundo zezibalo, ezenzululwazi nezogcino-zincwadi kumgangatho ophakamileyo nabasuka kwizikolo ebezisa kuhleleleka.
UMphathiswa uDugmore uthe: "ndikholelwa ekubeni kubalulekile kuthi ukuba sivuyisane ze siwonge abafundi bethu bematriki ze futhi sibabonelele nangamacebo okuqhubela phambili.
Xa siqwalasela isidingo sokwandisa ngokukhawuleza inani labafundi abaphumelela izifundo zezibalo, ezenzululwazi nezogcino-zincwadi kumgangatho ophakamileyo, sizama ukunikezela amacebo okuqhubela phambili ngeenjongo zokutsala umdla wabo nokuba basebenze ngcono kwezi zifundo."
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2523
INtshona Koloni - iKhaya Lethu Sonke
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
