UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Iintshukumo
Khumbula
Luhlobo oluthile lomhlaza emadodeni. Ungavela nokuba umntu ubudala bungakanani na kodwa ixhaphake kakhulu kumadoda asematsha, abudala buyiminyaka ephakathi kwamashumi amabini namashumi amane. Ngamaxesha amaninzi, iba lityhalarha elinye kuphela elichaphazelekayo. Unobangela womhlaza wamatyhalarha awaziwa. Uhlasela amadoda kwixesha apho azixakekise kakhulu ngokuchuma kokufumana abantwana nokuqala iintsapho.
NGAWAPHI AMAQELA ASEMNGCIPHEKWENI?
Amadoda anembali yamatyhalarha angenamvelo ibambekayo(alungisiweyo okanye angalungiswanga). Lo mngcipheko unyuka uye kuma kwishumi elinanye ekhulwini lamathuba okuhlaselwa sesi sigulo. Zonke iintsana ezingamakhwenkwe kufuneka zikhangelwe ekuzalweni ukuba azinamatyhalarha amdaka na.
Amadoda anembali yosapho nemfuzo yomhlaza wamatyhalarha.
UKUYIFUMANISA KWANGEXESHA
Ukuziphendla-phendla amatyhalarha kwenzeka kakuhle emva kokuhlamba ngamanzi ashushu, esityeni sokuhlambela okanye kwishawa efudumeleyo. Ubushushu buyasikhulula isingxobo samatyhalarha, nto leyo ekwenza kube lula ukufumanisa nantoni na engaqhelekanga.
Ukuba uneshumi elinesibhozo nangaphezulu leminyaka ubudala, landela la manyathelo nyanga zonke:
Khangela nakuphi na ukudumba kwisingxobo samatyhalarha (isipili singanceda apha)
Vavanya ityhalarha ngalinye ngezandla zozibini. Beka umnwe wakho wokuqala nale iphakathi ngaphantsi kwetyhalarha ze ubhontsi abe ngaphezu kwetyhalarha. Ungothuswa kukuba elinye ityhalarha likhangeleka lilikhulu kancinci nje kunelinye - oku ke kuqhelekile. Amanqatha omhlaza aqhele ukufumaneka kumacala etyhalarha, kodwa ke asenokufumaneka kumbindi womphambili wetyhalarha.
Fumana into ethambileyo nekhangeleka njengombhobho emva kwamatyhalarha. Oku ke kubizwa ngokuba yi-epididymis, eqokelela ze ithwale ukuchuma kwakho. Ziqhelanise nale nto. Ungayibhidanisi nenqathana nje eliza nokugula.
Khangela oku kulandelayo:
ityhalarha elikhulu ubunzima betyhalarha okanye kumphakatho inguqu kwindlela ityhalarha elivakala ngayo amabele neengono ezande ngobukhulu incindi ethi isuke ithontelane kwisingxobo samatyhalarha intlungu kwityhalarha.
IINTSHUKUMO
Ukuba kuthi kuvakale nawaphi na amanqathana, ukukhula, ukudumba okanye iinguqu kwinkangeleko yesingxobo samatyhalarha - bonana nogqirha.
Ukuba kukho ubunzinyana okanye intlungu - bonana nogqirha.
Ukuba amabele neengono zithi zivakale zikhulile ze/okanye isingxobo samatyhalarha naso sivakale sidumbile ngesiquphe - bonana nogqirha.
Ukuba akubonakali zinto zingaqhelekanga - qhubekeka nokuziphendla-phendla amatyhalarha de ube namashumi amane ukuya kumashumi amane anesihlanu eminyaka ubudala.
KHUMBULA
Umhlaza wamatyhalarha unamathuba amaninzi okunyangeka, ingakumbi xa ufunyaniswe ze wanyangwa kuselithuba.
Ukususwa kwelinye ityhalarha akukuphazamisi okanye kukuchaphazele ukuchuma okanye iintshukumo zesondo.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
