UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Izikhokelo, Incwadi yezikhokelo & Imiyalelo
U &gt Ukuqala ishishini elincinci: Inzululwazi, Ezobunjineli, Uphando Nophuhliso
Ukuqala ishishini elincinci: Inzululwazi, Ezobunjineli, Uphando Nophuhliso
Nalu uluhlu lwezixhobo ezingundoqo neenkcukacha zoqhagamshelwano eziya kukunceda ukuba unomdla ekuqaliseni ngeshishini lezobunjineli okanye lezophando nophuhliso.
IINKQUBO ZIKARHULUMENTE EZIXHASA IINGCINGA EZINTSHA
I-SPII le luthotho lwamaqhinga axhasa iimbono ezintsha kushishino loMzantsi Afrika, elona libalulekileyo kuwo ibe:
yiTechnology and Human Resources for Industry Programme (iTHRIP) - ephantsi kolawulo lweNational Research Foundation. I-THRIP le ixhasa uphando nophuhliso kolu shishino ikunye namahlakani asuka kumacandelo ophando, kumaziko emfundo ephakamileyo, nakushishino, ukuphuhlisa umgangatho weemveliso, oweenkonzo nowabantu abamele iinkampani ezithabatha inxaxheba. Ikwenza oku ngokunikezela ngezibonelelo kwakunye nesikhokelo sentsebenziswano kwinzululwazi, ezobunjineli nobuxhaka-xhaka bobugcisa. Elinye lamabali empumelelo amaninzi ale nkqubo kukuyilwa lishishini elincinci ekungoku nje linenemveliso ekwenziwe uphando olugqibeleleyo ngayo ze yamkelwa ngokupheleleyo kwicandelo loshishino: ikhamera eyodwa ekhangela iimpazamo kwizikhundla zemveliso, ikwenza oko ngokusebenzisa ubugcisa bokubona.
Ingxowa-mali Ekhuthaza Iingcinga Ezintsha - ephantsi kolawulo lweSebe leNzululwazi Nobugcisa. L e ngxowa-mali ijolise kumaphulo asemgangathweni nadinga inkxaso-mali ephakathi kwesigidi nezigidi ezintlanu zeerandi. Le nkxaso ijoliswe ekuncedeni amaphulo amakhulu, athabatha iminyaka emibini ukuya kwemithathu yentsebenziswano najonge ekuzeni neengcinga ezintsha kwicandelo lobugcisa. Le Ngxowa-mali ayenzelwanga kuxhasa amaphulo amancinci abenokuxhaswa ngezimali ngokwezinye iinkqubo ezifana neTHRIP.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano:
Inombolo Yomnxeba: 011 269 3073
Inombolo Yomnxeba: 012 481 4078
Khawufumanise ukuba iSABS iceba ukuwuphucula njani umgangatho weemveliso neenkonzo zoMzantsi Afrika.
I-CSIR le ngowona mbutho mkhulu wophando lwenzululwazi nobugcisa eMzantsi Afrika. Lo mbutho uzichaza njengeqabane labantu baseMzantsi Afrika kwezobugcisa.
Injongo yawo kukuphucula ubomi babantu baseMzantsi Afrika ngokophando. Kukho amacandelo asibhozo ophando agxininisa kuthotho oluphangaleleyo lobugcisa, olufana neenkqubo zeenqwelo-ntaka, izakhiwo, ezonxibelelwano, ukutya, ulwazi, izibonelelo zoluntu, ezemizi-mveliso, izixhobo zokwakha, ezezimbiwa, ezemiqhaphu kwanendalo engqongileyo.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 29 uNovemba 2004
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
