UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Iinkonzo Zoluntu
Ithala Leencwadi Lezibonelelo ze-ATICC
Ithala Leencwadi Lezibonelelo ze-ATICC
INKCAZELO:
Ithala Leencwadi le-ATTIC livulelekile kulunt yaye liqulethe ulwazi kuzo zonke iinkalo ezinento yokwenza nentsholongwane kaGawulayo/uGawulayo/izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo nesifo sephepha. Eli thala leencwadi ke liqulethe uluhlu olugqibeleleyo lwemifanekiso bhanya-bhanya, amaphepha-ndaba aphuma ngamaxesha athile, imihlathi, iincwadi ezinikezela ngoqeqesho, iimpepha eziqulethe uphando, iingxelo, izintlu, amaphetshana aneenkcukacha ezithile, imihlathana esikwe kumaphepha-ndaba kwakunye neetshati. Eli ke lithala leencwadi ekuthunyelwa kulo abantu nelikwaziyo ukubolekisa ngemifanekiso bhanya-bhanya yalo eluthotho eluntwini.
Amacandelo eligqwesa kuwo eli thala leencwadi aquka la:
Ukunikezela ngeengcebiso nangoncedo
Ukudluliselwa kwentsholongwane kaGawulayo ngunina elusaneni
Amachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo
Indawo yokusebenzela
Ifuthe ebantwaneni
Ifuthe loqoqosho
Ulawulo lwezinga lokosuleleka kwabantu
Ithala Leencwadi Lezibonelelo ze-ATICC
Ukufundisa ngobuni
Imiba yobuni
Imiba yenkcubeko
Iinkcukacha-manani zentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo
La maphepha-ndaba anezi zihloko zilandelayo ayafumaneka:
Amaphepha athile angomba wentsholongwane kaGawulayo/uGawulayo/izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo nesifo sephepha angafumaneka kwiziko lokwamkela abantu leli thala.
IMIYALELO:
Iincwadi zingakotshwa okanye ke kwenziwe uphando kuzo kwakweli thala.
Ixesha lokubolekisa ngemiboniso bhanya-bhanya liba yiveki. Le miboniso bhanya-bhanya ke ingacelwa kwangaphambili ukuqnisekisa ukuba iyafumaneka.
Ukuze ukwazi ukwenza uphando olululo noluneziphumo ezibonakalayo, nceda uqhagamshelane nomsebenzi weli thala ngaphambi kokuba utyelele.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ke tsalela kule nombolo yomnxeba 021 763 5333.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IXABISO:
Ukungena kweli thala leencwadi kusimahla
Iphepha ngalinye lekopi ekhutshiweyo: 20c.
YAYAMENE
Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
