UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Iinkonzo
Ezothutho
Izithuthi, Iingozi & Nokhuseleko Ezindleleni
Iintlawulo Zezohlwayo Zendlela: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo
Iintlawulo Zezohlwayo Zendlela: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo
INKCAZELO:
Umaspala ngamnye ujongana nezohlwayo zeziphoso zendlela enegunya lokujongana nazo. Kulilungelo lakho ukujonga uqinisekise imifanekiso ekwiikhamera zesantya ze ufake isikhalazo ngaso nasiphi na isohlwayo ongasiqondiyo.
IMIYALELO:
Zeziphi ezi ntlobo zahlukeneyo zezohlwayo zendlela?
Ingaba lingakanani ixesha endinokulithabatha ndihlawula isohlwayo sesiphoso sendlela?
Ndingasifaka njani isikhalazo ngesohlwayo sendlela endisinikwayo?
Kwenzeke xa ndingasihlawuli okanye ndingafaki sikhalazo ngesohlwayo sam sendlela?
Ndingasihawula phi, njani isohlwayo sam sendlela?
ZEZIPHI EZI NTLOBO ZAHLUKENEYO ZEZOHLWAYO ZENDLELA?
Lunye okanye zimbini iintlobo zezohlwayo zendlela, nokuba ngowuphi na umthetho wendlela owophulileyo:
iSazizo seCandelo 56 okanye Umyalelo Okuyalela ukuba Uvele Enkundleni Ngokukhawuleza unikezelwa kuwe ligosa lezendlela, ngenxa yesiphoso oosenze ngexa uqhuba. Sinosuku oza kuvela ngalo enkundleniis.
iSaziso seCandelo 341 sithunyelwa kumnini-sithuthi ngeposi ngezenzo zolwaphulo-mitheho yendlela ezithatyathwe ngekhamera okanye ngamatikiti akhutshwe okanye anikezelwe engekho umqhubi (umzekelo, ngenxa yecwecwe lephepha-mvume lokuqhuba eliphelelwe lixesha). Esi saziso ke asinasuku lakuvela enkundleni kodwa ke sisisaziso sokuqala ngaphambi komyalelo okubizela enkundleni.
INGABA LINGAKANANI IXESHA ENDINOKULITHABATHA NDIHLAWULA ISOHLWAYO SESIPHOSO SENDLELA?
iSaziso seCandelo 56 sona sisebenza njengoMyalelo Okhawulezileyo wokuba uvele enkundleni, nto leyo ke ithetha ukuba uneentsuku ezimalunga namashumi amathathu zokuba uhlawule phambi kokuba ityala lakho liye enkundleni.
iSaziso seCandelo 341 isaziso ezingaphambi komyalelo wokuba uvele enkundleni, singenguwo sona umyalelo. Ngokwesiqhelo ke ufumana izaziso zibe mbini ngaphambi kokuba kukhutshwe umyalelo wokuba uvele enkundleni, apho ke uya kuba neentsuku ezingamashumi amathathu phambi kokuba uvele enkundleni (okanye ufake isikhalazo ngesi sihlwayo ngembalelwano) ngaphambi kokuba ityala lakho liye kufikelela enkundleni.
Lilonke, unamalungula neenyanga ezintathu ngaphambi kokuba uhlawule itikiti lesohlwayo seCandelo 341.
Nceda uqwalasele ke ukuba ixesha eliqingqiweyo onalo ekuhlawuleni isohlwayo sakho lahluka ngokomaspala. Jonga itikiti elo ukuba lithi kufuneka usihlawule nini na isohlwayo eso.
NDINGASIFAKA NJANI ISIKHALAZO NGESOHLWAYO SENDLELA ENDISINIKWAYO?
Ungasifaka isikhalazo sakho sendlela ngembalelwano kwisebe lezendlela laloo maspala ukohlwayayo nanini na ngaphambi kokuthunyelwa komyalelo okubizela enkundleni. Khumbula ke ukuthumela ikopi yeso sohlwayo kuloo ncwadi yembalelwano inesikhalazo sakho.
iSebe elo Lezendlela nalo liya kusiphendula eso sikhalazo sakho ngembalelwano. Ukuba awanelisekanga yiloo mpendulo, ungalinda umyalelo oza kukubizela enkundleni ze uthumele isikhalazo sakho, ze uthumele isikhalazo sakho kwakhona, ngembalelwano, kwelo sebe lezendlela. Elo sebe lezendlela liya kuthi linikezele esi sikhalazo kuMtshutshisi egameni lakho. Umtshutshisi ke yena uya kufikelela kwisigqibo sokuba agwebe na okanye, meko leyo iya kuthetha ukuba ityala elo lakho lifanele ukuchotshelwa ngumantyi enkundleni, okanye alichithe.
Nceda wazi ke ukuba ukufaka incwadi yembalelwano akuyi kuyilibazisa inkqubo yomthetho. Ukuba usuku lokuba uye kuvela enkundleni lufika ingekasombululeki indaba yesikhalazo sakho, ityala elo liya kuvela enkundleni lona..
KWENZEKA NTONI XA NDINGASIHLAWULI OKANYE NDINGAFAKI SIKHALAZO NGESOHLWAYO SAM SENDLELA?
Ukuba akusihlawuli okanye akufaki sikhalazo ngesohlwayo sakho sendlela kwangexesha ze futhi ungaveli nasenkundleni ukya kuzithethelela, inkundla leyo iya kuthi ikhuphe umyalelo ogunyazisa ukuba ubanjwe uvalelwe kwesinomhlwa, xa kufika ixesha lokuba ityala elo liye enkundleni.
NDINGASIHLAWULA PHI, NJANI ISOHLWAYO SAM SESIPHOSO SENDLELA?
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
