UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
Ingqesho
Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lokusebenza Kuthi Sonke
Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lokusebenza Kuthi Sonke
ISIQALO:
ISIPHELO:
UMGANGATHO:
Liqoshelisiwe
INKCAZELO:
Amathuba emisebenzi nezithuthi zikawonke-wonke nazo ziye zaphuculwa kweli khulu lokuqala leentsuku, ngokuthi:
Kusekwe inkqubo Eyandisiweyo yeSebe Lemisebenzi Yoluntu ebizwa ngokuba yi"Saamstaan" (ukuma kunye)
INKQUBO EYANDISIWEYO YESEBE LEMISEBENZI YOLUNTU (I-SAAMSTAAN)
URhulumente wephondo leNtshona Koloni uwabeke phantsi kweliso lakhe elibanzi onke amaphulo ephondo eNkqubo Eyandisiweyo yeSebe Lemisebenzi Yoluntu phantsi kwegama elinye, iSaamstaan, ekhokelwa nguMphathiswa weSebe Lemisebenzi Yoluntu Nothutho uMcebisi Skwatsha, ze yaphehlelelwa nguMongameli ngomhla wesibini apha kwinyanga yoMsintsi ku-2004.
INkqubo iSaamstaan iya kuquka amaphulo achanekileyo achongwe kumasebe karhulumente wephondo noomspala. Enye yeyona miba ibaluleke kakhulu kule nkqubo iya kuba kukuqeqeshwa, apho abantu abangaphangeliyo baya kufunda izakhono abanokuzisebenzisa. Amanye amaphulo sele ziqhuba yaye kufuneka zandisiwe; ezinye zenzelwe kanye ukudalela amathuba emisebenzi abemi baseNtshona Koloni.
Eyona nto kujongwe kuyo ayingomaphulo okwakhiwa kweendlela namanye amaziko nje kuphela, koko namagalelo ayenziwa ngamacandelo Ezolimo, Elezendalo najongene nemiba yoluntu kwanokugcinwa nokulondolozwa kwezakhiwo zikarhulumente, izikolo, iiklinikhi nezindlu. Amakhonco entsebenziswano phakathi kweenkampani zabucala norhulumente nawo ayasetyernziswa njengenye indlela yokufumana inxaso-mali.
Amathuba amatsha engqesho aza kudalwa eSaamstaan aquka:
amagosa okhuselo nokhuaseleko ekuhlaleni, koololiwe, ezikolweni nakumanye amaziko oluntu umsebenzi wokwakhiwa ukulungiswa nokulondolozwa kwamaziko oluntu nezinye nje izinto eziluncedo eluntwini ukunonotshelwa kwabantwana emakhayeni, abantu abadala nabo bagulayo abantu abasebenza ngokukhulisa abantwana abaselula abacebisi ngezicelo zeenkxaso-mali abasebenzi bophuhliso ekuhlaleni izithuthi ezingezomoto nezinye nje izibonelelo zothutho ukutyala imiyezo ngeenjongo zokuthengisa nokuziphilela nje ukuphuculwa kwemigaqo yoomaspala, imibhobho yoomaspala, izihluzi zamanzi ezikhukula kwanemigaqwana yabahambi ngeenyawo abakhokeli babatyeleli
Iinkqubo ezisele zikho ezingaphantsi kwale nkqubo:
IPhulo Lokulondolozwa Kwezakhiwo (leSebe Lemicimbi Yoluntu Nothutho) eliquka amaphulo alithoba Kwezempilo, Ezemfundo kwanezakhiwo ngokubanzi iZenzele (yeSebe Lemicimbi Yoluntu Nothutho) eliquka inkqubo yokulondolozwa kwemigaqo iCARP (iCommunity Access Road Programme)
iBambanani (yeSebe Lokhuseleko Loluntu).
URhulumente wephondo wazinikele ekudaleni ubuncinci amathuba emisebenzi noqeqesho alikhulu elinamashumi amabini amawaka kwiminyaka nje emihlanu kuMhlangano wephondo owawungoKukhula Nophuhliso, ngenyanga yeNkanga ku-2003, futhi iSaamstaan sisiqalo sokufezekiswa kweso sithembiso.
Ishishini leetaxi eziziiminibus lelinye lawona mashishini adlala indima ebaluleke kakhulu kuthutho lukawonke-wonke, njengoko luthutha amashumi amane anesihlanu eepesenti zabakhweli kweli phondo ze babe ngamashumi amathandathu eepesenti kuzwe-lonke. Kodwa ke, eli iselishishini elingekho sesikweni, elingenasicwangciso-qhinga sicacile sokunyuka futhi likhule kwimalike yalo ze liphuhlise nendima yalo eluntwini, futhi lisebenzisane necandelo loshishino ukuphakamisa nokunyusa ingeniso yamalungu alo.
Injongo yale ofisi yeetaxi kukudlala indima ebalulekileyo ekusonjululweni kwale ngxaki, ngokuthi:
kusekwe isiseko nombindi wolawulo weli shishini leeminibus taxis kudalwe indawo yokusebenzela apho imiba echaphazela eli shishini iya kushukuxwa isebenze "njengondlunkulu" weBhunga leeTaxi lePhondo leNtshona Koloni lisebenze njengeZiko Loqeqesho lamanyathelo ePhondo naweSizwe Oqeqesho kuthekelelwe futhi kulungiselelwe umfanekiso wobumbano nentsebenziswano kwishishini leeminibus taxi ngokubanzi isebenze njengesikhundla apho eli shishini linokusebenzisana futhi libumbane nawo onke amacandelo achaphazelekayo namanye anendima ayidlalayo kuthutho.
Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo
Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
