UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Iindaba
INgxelo yamajelo eendaba - alugodlwanga upapasho - 19 kuJulayi 2004
INkulumbuso ithe: "Sinebhongo ngenxa yokuba isixeko esifana neKapa senze kwakho umtsalane owenza ukuba ilizwe lilonke libe nengqinseko ngoMbindi woShishino walo. Kutsha nje kuye kwabhengezwa ukuba kukho utyalo-mali oluya kuziswa eKapa oluya kunceda kuphuhliso lwezinto eziquka:
Ezi zigidi-gidi zi-R2,13 yeyona ntlawulo yezavenge inkulu kwiibhiliyoni ezi-R5 esagqiba ekubeni ziziswe kweli Phondo kwiNgqungquthela yokuKhula noPhuhliso eyayiqhutywa kulo nyak' uphelileyo. NjengoRhulumente ke saye sazibophelela ekwenzeni eyethu indima njengoko sisakha iKhaya lethu Sonke.
Yinto entle ukubona oomaslenge bekroze elundini lwesixeko esi njengophawu oluqinisekisa inkqubela phambili nolunika ingqiniseko. Aboshishino lolwakhiwo baphinde babuyel' enkomeni kwakhona besakha ngokobuchule obukumgangatho wePhondo kananjalo besenza nomsebenzi ofuneka ngamandla.
Iyakhuthaza kakhulu into yokuba olu phawu lutsha lophuhliso kwisixeko esi yenziwe zizinto ezibalulekileyo ezine: ukusetyenziswa kwemithetho-siseko yabantu ngabantu, indibaniselwano phakathi kweentlanga nendibaniselwano kwezentlalo, ukuxhotyiswa kwabantu abantsundu, ubugcisa bokuyila kwezokwakha.
Phakathi kwezinye izinto siyibethela izandla into yokusetyenziswa kophuhliso oluze namaqela ohlukeneyo ethe yalusebenzisa i-COESA ne-Euro-Cape. Ukubandakanywa ngendlela ecetywe ngokufanelekileyo kwezorhwebo, intengiso neendawo zokuhlala kumaphulo ophuhliso, ibonisa eyona mifuziselo ingcono ekhoyo yocwangciso yezizwe zehlabathi.
IKapa lathwaxwa kanobom kwixesha elidlulileyo kukucalulwa kwabantu behlaliswa ngokobuhlanga babo, into ke leyo esalombetheyo nanamhlanje oku. Ukuhlanganiswa kweentlanga nemigangatho yokuphila kwiindawo esihlala kuzo ibalulekile ukuze kubekho ukhuseleko ngaphezu koko kwenziwe iKhaya elilelethu Sonke. Enyanisweni iyakhuthaza yona into yokuba umbidi wesixeko udlale indima ephambili ekudibaniseni abantu kunye, endaweni yokuba sisixeko nje sabantu asele bezizityebi.
Ukwakhiwa kwe-Icon apho abanini be-COESA bengabantu abantsundu ngokupheleleyo (100%), luphawu olubonakalayo lokuxhotyiswa kwabantsundu ngezoqoqosho. Esi sakhiwo senziwe ngobugcisa obukhulu nesingungce-ngezulu omigangatho ingamashumi amabini kumhlaba owavela kwakududulwa ulwandle ngo-1937, ngowona mhlaba wokuqala wakha wamkhulu oza kuba yinkampani yabantu abantsundu.
Iyasivuyisa kunene into yokuba igama elingu-'Icon' libe intsingiselo yalo ithetha 'uDonga lweeNkumbulo (Wall of Remembrance) olungaphakathi kwisakhiwo. Lo mbono uya kuzenza zigcobe kakhulu iinkokeli ezathi zanegalelo elihle elifana nokukhululwa koMzantsi Afrika. Ngokubhekiselele kumbono wethu wokwakha iKhaya lethu Sonke, olu luphawu olufaneleke ngeyona ndlela.
Ukusetyenziswa koyilo lwezakhiwo zale mihla ekufuneka zenziwe ngokwemizekelo yase-Afrika kuya kunceda ekwenzeni iinguqulelo kwimbonakalo yesixeko esi njengokuba izakhiwo ezaziyilwe mandulo ezimiyo kungoku nje, kufuneka zime kunye nezo ziyilwe ngendlela yanamhlanje zibe njengesimboli yoxolelwaniso, ukuqondana nenkqubela phambili.
Zimbini izinto ezixhalabisayo ezithe zavela kwizinto ezibalulekileyo zophuhliso:
Okwesibini, amaxabiso akufuneki abe sisithintelo esenza kungafikelelwa kwindawo apho ubutyebi busoyanyaniswa khona nobuhlanga. NjengoRhulumente wePhondo leNtshona Koloni siyayivuyela ingxoxo-mpikiswano emalunga nabantu baseDistrict Six, nemimandla efana ne-Bo Kaap ukuba ivuleleke kumntu wonke kunye namaxabiso omhlaba njengoko sifumene iindlela zokukuphendula oku."
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
