UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Urhulumente uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo iCandelo Lemicimbi Yenkcubeko
Inkcubeko Nobutyebi Bendalo
Ubugcisa Nenkcubeko
UBUGCISA NENKCUBEKO: UBUME
UBUME
IINDABA
USHICILELO
IZIGANEKO
UQHAGAMSHELWANO
EZIPHAMBILI
AMAZIKO ENKCUBEKO
Isishwankathelo sala maziko
IKOMISHONI YENKCUBEKO
The iKomishoni Yenkcubeko yaseNtshona Koloni inoxanduva lokujongana, phakathi kwezinye izinto, nokuxhasa ngezimali imibutho namaphulo enkcubeko. Khawufumanise okunye ke ngale komishoni kwakunye namalinge ayo.
iCandelo Leenkonzo Zenkcubeko lincedisana neCandelo Lolawulo Lwemicimbi Yenkcubeko Nelifa Lemvelo ukuze kuziwe namalinge okulondoloza, okuphuhlisa nawokwandisa inkcubeko. Injongo ke kukongeza ixabiso nokuphucula umgangatho wempilo yabo bonke abemi baseNtshona Koloni, nokuba oko sewle kusenziwa ngokuziswa kwemidlalo yomboniso omnye kwiingingqi ezisemaphandleni, iindibano noqeqesho ezilokishini, ubugcisa okanye imiboniso yemizobo kwiidolophu ezahlukeneyo okanye ke iminyhadala kwiindawo ezahlukeneyo. Eli candelo lixhasa ze likhuthaze amaphulo obugcisa, maphulo lawo anethuba lokutsala nokubandakanya uluntu ngokubanzi ze azame ukumanya uluntu ze akhuthaze ukunyamezelana nokuqondana.
Umsebenzi weli candelo kukulondoloza, ukuphakamisa nokuphuhlisa ubugcisa nenkcubeko kula macandelo alandelayo:
ubugcisa bokubonakalisa, obemiboniso kwanoboncwadi, iinzululwazi zendalo nezoluntu, amacandelo enkcubeko nembali iintshukumo ezibandakanya ulwazi lolutsha ngenkcubeko.
Eli candelo lisebenzisana kuhle nemibutho yobugcisa neyenkcubeko ze linikezele nangeengcebiso kumaphulo, lilawule ukuxhaswa kwawo ngezimali yaye likho kuthotoho lwamaphulo nemibutho yasekuhlaleni minyaka le. Eli candelo likwalawula, egameni leKomishoni Yenkcubeko yaseNtshona Koloni, amaziko enkcubeko asixhenxe avulelekileyo kuluntu ngokubanzi.
Amagosa enza umsebenzi weCandelo Lobugcisa neNkcubeko ngala:
UMlawuli Obambeleyo kwiCandelo Lenkcubeko & Nelifa Lemvelo
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
