UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Imiba
Ezolimo
Ushishino Kwezolimo
USHISHINO KWEZOLIMO
Inkxaso Kushishino Lwezolimo (IiNkonzo)
iSebe Lophuhliso Loqoqosho Nezokhenketho lingawathumela amafama kuthotho lweenkqubo zokuwaxhobisa ngolwazi, inkxaso noqeqesho. 
Izifundo Nemisebenzi kwiCandelo Lezolimo (IiNkonzo)
ISebe Lezolimo linikezela ngengcaciso kwimisebenzi ngemisebenzi ekunokukhethwa kuyo kwiCandelo Lezolimo:iingcali kwezezitiya nemiyezo nokukhuliswa kwezityalo ngezichumisi emanzini okanye entlabathini nakuhlalutye, izazinzulu kwezokutya/iingcali zobugcisa, uphendlo lwezifo zezityalo, izazinzulu kwinkalo yonyango lwezilwanyana. 
Iindlela zoqulunqo lohlahlo-mali lwamashishini eCOMBUD zingasetyenziswa njengezikhokelo zokuqulunqwa kohlahlo-mali lwamashishini amatsha okanye ekuthelekiseni amanani kuhlahlo-mali lwamashishini asele eqhuba. 
Ukuqala Ishishini Eliqhutywa Ngentsebenziswano (IiNkonzo)
Ishishini eliqhutywa gentsebenziswano lishishini eliqhutywa liqela labantu abasebenza kunye ukufikelela kwiinjongo zabo. 
Isikhokelo Kwiindleko Zoomatshini (IiNkonzo)
Esi sikhokelo sihlanganiselwe ukuncediasana namafama, abasebenzi abongezelelweyo, abaphandi kwanabanye ababandakanyekayo kwimicimbi yaloo efama yenkcitho kwanasekuthatyathweni kwezigqibo ezinento yokwenza noomatshini. 
Ukwenziwa Kweemveliso Kwanokufakwa Kwexabiso (IiNkonzo)
Eyona nto lijolise kuyo eli candelo kukufaka ixabiso kwiimveliso zolimo kule fama ngokweenkqubo ezifana nokomisa, ukupholisa, ukufaka ezikanini kwanokufaka ezipakethini ngeenjongo zokwandisa ingeniso kwanamandla okukhuphisana namanye amashishini. 
Ukufaka Isicelo Senkxaso-mali kule Nkqubo Yophuhliso Lwezixhobo Zolimo (IiNkonzo)
Le Nkqubo Yophuhliso Lwezixhobo Zolimo ke ijolise kuxhaseni amaqela, abantu kwakunye noluntu olukweli candelo lwezolimo oluhlala kwiingingqi ezazisakuhleleleka kwilixa elingaphambili. 
Ukufakwa kwezicelo zoncedo-mali kwiPhulo loKhuseleko loKutya (IiNkonzo)
IPhulo loKhusleko loKutya, i-FSP lineenjongo zokunika inkonzo yenkxaso kuphela kumaqela abantu abavela kwiindawo ezazifudula zisingelwe phantsi phambili phaya abanomnqweno wokuziqalela izitiya zabo. Eli phulo liya kuyinika inkxaso-mali yokuqalisa iprojekthi leyo yokusungula isitiya yabahlali okanye ke neprojekthi.ISebe lezoLimo liya kunika amaqela angama-20 inkxaso-mali rhoqo ngonyaka ngamnye, ... 
I-LRAD ijolise kubantu abaMnyama, kwaye iya kubanceda ukuba bakwazi ukuba namathuba awongezelelekileyo okufumana imihlaba yolimo abaya kuthi bayisebenzise, ibe yeyabo, ngokuthi ibanike uncedo-mali. Olu ncedo-mali lukaRhulumente lukhutshwa simahla, kwaye akukho mfuneko yookuba lubuyiswe. Kambe ke, into elindelekileyo kukuba abo bafake izicelo mabafake isandla nabo ngokukhupha ... 
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
