UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
UMzantsi Afrika & neNtshona Koloni
Izithembiso Zekhulu Leentsuku Zokuqala: Ikhadi Lengxel
Izithembiso Zekhulu Leentsuku Zokuqala: Ikhadi Lengxel
INJONGO:
Ukubonisa abantu baseNtshona Koloni ukuba uRhulumente wePhondo uzinikele ekuziseni iinkonzo futhi uyaphendula kwiimfuno zabemi beli Phondo.
ISIQALO:
ISIPHELO:
UMGANGATHO:
Liqoshelisiwe
INKCAZELO:
URhulumente wephondo leNtshona Koloni uzinikele ekuqinisekiseni ukuba eli Phondo liba liKhaya Kuthi Sonke. Njengengxenye yoku kuzinikela, iNkulumbuso uMnumzana Ebrahim Rasool, kwiNtetho yakhe Yobume Bephondo, wabhengeza ukuba kweli khulu leentsuku zokuqala (ntsuku ezo ziqale ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga kaCanzibe zaya kuma ngomhla wesixhenxe kwinyanga yoMsintsi), uRhulumente wePhondo uya kuthabatha amanyathelo acacileyo ukuphucula ubomi babantu baseNtshona Koloni
Kwizithembiso zayo zekhulu lokuqala leentsuku, iNkulumbuso yenze urhulumente wazinikela ekudaleni:
ikhaya elinempumelelo kumntu wonke ukukhula kwenene kwamashishini ... iphulo lokufukanywa kwamashishini ... ingxowa-mali yoshishino lwezolimo ... inkqubo ehlanganyelweyo yabanini-mashishini kwicandelo lezotyelelo ikhaya elikhuselekileyo kuthi sonke amapolisa emizila kaloliwe ... amavolontiya ebambanani ... izikhululo zamapolisa eziphuculweyo ... amacandelo okuphathwa gadalala elusatsheni nempatho-mbi ngokwesondo ebantwaneni ... ukubanjwa kuvalelwe abathengisi nabathubelezisi beziyobisi ...
ikhaya esinokuphilisana kulo sonke amabhunga ezemidlalo ... iinkqubo zokuzonwabisa ngemidlalo ... amaziko nezixhobo zemidlalo ezikolweni ... imidlalo yamaqela akwiingingqi ezisondeleleneyo ...
ikhaya elisiphilisa sonke isikolo sezifundo zolimo ... ukuthengiselwa kwamazwe angaphandle iimveliso zeli ...
ikhaya lokusebenzisana kuthi sonke ukuvulwa kwamaphulo okwakhiwa kwezindlu ... ulawulo lweentlekele ... iinkqubo eziluqilima zolawulo oluhlanganyelweyo ...
ikhaya elinokusithwala sonke umsebenzi wokucocwa kwentshona koloni ...
ikhaya lokusebenza kuthi sonke inkqubo eyongezelelweyo yesebe lemisebenzi yoluntu ... ukuvula kwe-ofisi yeetaxi ...
ikhaya kuthi sonke ngena ngaphakathi, tyelela ikhompyutha, tsala umnxeba ... iphulo icape access ... umthetho osaqulunqwayo ongokusekwa kwebhunga lophuhliso lwephondo ... umthetho osaqulunqwayo ongokusekwa kwekomishoni yolutsha ... ukuphinda kuvulwe umzi-mveliso ...
ikhaya elisikhathalela sonke ukubhalisela inkxaso-mali yesondlo sabantwana ...
ikhaya lokufunda kuthi sonke ukufakelwa kombane ezikolweni ... isikolo usasazo ...
Izithembiso zekhulu lokuqala leentsuku zijolise ekuboniseni ngokuphandle abemi beNtshona Koloni, ukuba uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni uzinikele futhi ubakhathalele ngokumangalisayo abantu baseNtshona Koloni.
Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
